U‐Joweli 3
3
1NGOKUBA, bona ke, ngemihla leyo, nangexesha elo, okuya ndiya kubuyisa ukutinjwa kwo‐Juda ne‐Yerusaleme, 2ndiya kwandula ndizihlanganise zonke izizwe, ndizihlisele emhlanjeni we‐Yehoshafate, ndipikisane nazo kona apo, ngenxa yabantu bam nelifa lam o‐Sirayeli, ezibacitileyo pakati kwezizwe, zalaba ilizwe lam; 3ezenzele abantu bam iziqashiso, zavuza umpinyiswa ngenkwenkwe, zatenga iveyine ngentombazana, ukuze zisele. 4Kanene ke, niyinto nina kum, nina Tire ne‐Tsidone, nayo yonke imida yase‐Filistiya? noyenza impindezelo kum na? nakuba nipindezela kum, ndokauleza ndinxame ndibuyise impindezelo yenu pezu kweyenu intloko; 5ngokuba isilivere yam negolide yam nizisusile, nento zam ezintle, ezinqwenelekileyo, nizisile ezitempileni zenu; 6nonyana baka‐Juda, nonyana base‐Yerusaleme, nibatengisile konyana bama‐Javane, ukuze nibafuduse kude emdeni wabo. 7Bona ke, ndiya kubavusa kulondawo apo nibatengisele kona, ndibuyise impindezelo yenu pezu kweyenu intloko; 8ndandiya kutengisa onyana benu nentombi zenu esandleni sonyana baka‐Juda, bati bona babatengise kuwo ama‐Sheba, kwisizwe esikude; ngokuba etshilo uyehova.
9Shumayelani oku pakati kwezizwe; lungisani imfazwe; vusani amaṙoti; makasondele onke amadoda okulwa; makanyuke. 10Kandani amakuba enu abe ziziṙele, namaṙenqa enu abe zizikali; makati lowo obutataka: Ndiliṙoti. 11Kaulezani nize, nonke nina zizwe ezingqongayo, nizihlanganise! Zuwahlisele apo amaṙoti ako, Yehova! 12Mazivuswe izizwe, zinyukele emhlanjeni we‐Yehoshafate; ngokuba apo ndiya kuhlala ukugweba zonke izizwe ezingqongayo. 13Fakani iṙenqa, ngokuba isivuno sesivutiwe; yizani, nihle ke, ngokuba isincinezelo seveyine sizele, ifatye zipupuma; ngokuba inkohlakalo yazo inkulu. 14Izihlwele! izihlwele emhlanjeni womgwebo! ngokuba ukufupi umhla kayehova emhlanjeni womgwebo. 15Ilanga nenyanga zoba mnyama, nenkwenkwezi ziya kufinyeza ukukanya kwazo. 16Waeya kugquma uyehova e‐Ziyone, aku̔pe ilizwi lake e‐Yerusaleme; kwongcangcazela amazulu nomhlaba: kodwa uyehova yindawo yokupepela kubo abantu bake, nenqaba kulo usapo luka‐Sirayeli. 17Naniya kukwazi ukuba mna Yehova ndi ngutixo wenu, ndihleli e‐Ziyone, entabeni yam engcwele: iya kwandula ibe ngcwele i‐Yerusaleme, nabasemzini abasayi kubuya bacande kuyo.
18Kwakuya kuti ngalomhla, intaba ziya kutontsela iveyine entsha, nenduli ziya kwela ngamasi, nayo yonke imilambo yakwa‐Juda yoncenceza ngamanzi, wauya kupuma umtombo endlwini kayehova, uyinyele intili ye‐Shitime. 19I‐Jipete yoba yingci̔takalo, ne‐Edome yoba lubala oluci̔takeleyo, ngenxa yobudlwengu obenzelwe onyana baka‐Juda, ngokuba bepalazile igazi elingenatyala elizweni labo. 20Kodwa i‐Juda yomiwa ngonapakade, ne‐Yerusaleme ngesizukulwana ngesizukulwana. 21Ndandiya kuhlambulula igazi labo endingalihlambululanga; waye uyehova eya kuhlala e‐Ziyone.
Currently Selected:
U‐Joweli 3: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.