U‐Jobi 40
40
1WAZA uyehova wampendula u‐Jobi, wati:
2Lowo upikayo nosomandla uya kumluleka na? omohlwaya utixo, makapendule ngako.
3Waza u‐Jobi wampendula uyehova, wati:
4Bona ke, ndiyinto engento; ndokupendula nto nina? isandla sam ndiyasibeka pezu kwomlomo wam. 5Nditetile kanye; kodwa andiyi kupendula: kwa kabini; kodwa andiyi kupinda.
6WANDULA uyehova wampendula u‐Jobi eluqwiteleni, wati:
7Sibinqe ke, njengendoda, isinqe sako; ndiya kubuza kuwe, uze undazise. 8Woka utshitshise kwa igunya lam na? uya kugweba mna na, ukuze wena ugwetyelwe? 9Kanene unengalo njenge katixo na? ungaduduma ngelizwi njengelake na? 10Zihombise ke ngesitomo nobungangamsha; uzivatise ngobungcwalisa nenkazimlo. 11Zipangalalise ingxokolo zomsindo wako, ukangele konke okupakamileyo, ukutobise. 12Kangela konke okupakamileyo, ukugobe; nabakohlakeleyo ubanyatele pantsi endaweni yabo. 13Bafihlele elutulini ndawonye; bopa ubuso babo emfihlekweni. 14Ndiya kwandul’ ukuxela kuwe, okokuba esako isandla sokunene singakusindisa.
15Bona ke ibehemote, endiyenzileyo kunye nawe; iyadla utyani njengenkabi. 16Bona ke amandla ayo esinqeni sayo, nokwomelela kwayo emisipeni yombilini wayo. 17Iyagobisa umsila wayo njengomti wesedare; imisipa yamatanga ayo ijijene. 18Amatambo ayo ngamabobo obedu; amatambo ayo anjengemivalo yesincete. 19Yona yinto enkulu yemisebenzi katixo: owayenzayo wanikela iṙele layo. 20Ngokuba intaba ziyivelisela ukutya, apo zidlala kona zonke izilo zasendle. 21Iti butu ngapantsi kwemiti yelotu, esigubungelweni sengcongolo, nasendaweni elibikibiki. 22Imiti yelotu iyayikusela ngomtunzi wayo; iminculuba yasemlanjaneni iyayipahla. 23Ukuba umlambo uyafukuka, ayinxami; inqabile, noko i‐Yoredane ityobozela emlonyeni wayo: 24ngasemehlweni ayo iyayamkela; imigibe iyiti badlu ngempumlo.
Currently Selected:
U‐Jobi 40: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.