U‐Jobi 38
38
1WANDULA uyehova wampendula u‐Jobi eluqwiteleni, wati:
2Ngubanina lo ositayo icebo ngamazwi angenakwazi? 3Sibinqe ke, njengendoda, isinqe sako; ndandiya kubuza kuwe, uze undazise.
4Ubuko pina ndakuseka umhlaba? xela, ukuba uyazana nokuqonda. 5Ngubanina obemisa imilinganiswa yawo, ukuba uyazi? umhlaumbi ngubanina owolulayo intambo pezu kwawo? 6Kupezu kwento nina izisekelo zawo zatshoniswayo? umhlaumbi ngubanina owabeka ilitye legumbi lawo; 7zakucula kunye inkwenkwezi zokusa, bati bonke onyana bakatixo badanduluka ngovuyo, 8waza wabiyela ulwandle ngengcango, lwakutyoboza, njengokungati lwapuma esizalweni; 9ndakulenza ilifu libe sisivato salo, nesitokotoko sibe sisiqoqo salo; 10ndakulwabela umda wam, ndabeka imivalo nengcango, 11ndati: Woza kude kube lapa, koko ungayi kugqita; kulapa kuya kuhlaliswa ukukukumala kwamaza ako?
12Uwuyalele umso na, kuselokwemihla yako? usazisile isifingo indawo yaso na, 13ukuba sizibambe incam zomhlaba, bati abakohlakeleyo bavutululwe kuwo? 14Uyaguqulwa njengodongwe lwesincamatiselo; ziti gqi izinto zawo njengesivato. 15Kuyabanjwa kwabakohlakeleyo ukukanya kwabo; nengalo epakamileyo iyapulwa.
16Ungenile na ematendeni olwandle? uhambile na ezindaweni zapakati zenzulu? 17Uwatyilelwe amasango okufa na? nengcango zesitunzi sokufa uzibonile na? 18Ugqalele ububanzi bomhlaba na? xela, ukuba konke oku uyakwazi.
19Ipina ke indlela apo kuhlala ukukanya? nobumnyama, ipina indawo yabo, 20ukuba ubuse emdeni wabo, nokuba wazane nendlela zisiya endlwini yabo? 21Uyazi na, ngokokuba ubusel’ uzelwe oko, nokuba imihla yako mininzi inani layo?
22Ungenile na ezimbekelweni zengqweqwe? nembekelo zesico̔to uzibonile na, 23endisigcineleyo ixesha lobunzima, imini yokulwa neyemfazwe?
24Ipina ke indlela apo kwabiwa ukukanya, nalapo kupangalala umoya wasempumalanga pezu kwomhlaba? 25Ngubanina ocandele ingxokolo yamanzi imijelo, nokubaneka kwodudumo indlela; 26ukuba kuniswe imvula pezu kwelizwe elingenamntu, pezu kwobugxwayiba ekungeko bantu kubo; 27ukuba kukoliswe indawo ezicitakeleyo nezitshabaleleyo; nokuba kumiliswe utyani obupumayo? 28Imvula inoyise na? okunye azelwe ngubanina amatontsi ombete? 29Lapuma esizalweni sobanina iliqwa? nengqele emhlope yezulu, ngubanina ozeleyo yona? 30Njengasetyeni amanzi afihlekile, nobuso benzulu bubambene.
31Unganxiba na imbopelelo zesilimela? nemibambo yo‐Oriyone ungayicumbulula na? 32Ungavelisa na izikwenkwezi zendlela yelanga ngexesha lazo? no‐Bere kunye nabantwana bake ungakapa bona na? 33Uyayazi na imimiso yezulu? uyadala ukupata kwalo emhlabeni na? 34Ungapakamisela emafini na ilizwi lako, yandule ingxokolo yamanzi ikugubungele? 35Ungandulula imibane na, ize ihambe ke, iti nokuti kuwe: Nanku, silapa? 36Ngubanina obubekileyo embilini ubulumko? okunye ngubanina owanika entliziyweni ingqondo? 37Ngubanina obalayo amafu ngobulumko? nentsuba zezulu ngubanina ozitambekisayo, 38nxa lwelayo utuli lube yinto enyibilikileyo, ati amagada anamatelane?
39Ungazingelela ingonyamakazi na into yokuqwenga? nenkanuko yengonyama ezintsha ungayincamisa na; 40nxa zincatamela eminxunyeni, umhlaumbi zihlala eludadeni ngokulalela? 41Ngubanina olungisela unomyai ukudla, okuya amatole ake alilayo kutixo, ati badubadu ngokuswela into yokutya?
Currently Selected:
U‐Jobi 38: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.