U‐Jobi 32
32
1KWA njalo banqamka ababantu bobatatu ekumpenduleni u‐Jobi, ngokuba ebelungile kwawake amehlo.
2Kwandul’ ukuvuta ingqumbo ka‐Elihu unyana ka‐Barakeli um‐Buze, owesizalwane sika‐Rame: ngakuye u‐Jobi yavutu ingqumbo yake, ngenxa yokuba wazigwebela ngapezu kwotixo: 3nangakubo abahlobo bake abatatu kwavuta ingqumbo yake, ngenxa yokuba bebengafumananga impendulo, bamgweba u‐Jobi noko. 4Kodwa u‐Elihu ebelindisele u‐Jobi amazwi ake, ngokuba bona bebebadala kuye imihla yabo. 5Ngako akubona u‐Elihu ukuba akuko mpendulo emlonyeni walomadoda omatatu, yandul’ ukuvuta ingqumbo yake.
6Waza wapendula u‐Elihu unyana ka‐Barakeli um‐Buze, wati:
Mna ke imihla yam mincinane, kodwa nina ningamaxego; ngako oko bendindweba, ndoyika ukunityela isicamango sam. 7Ndati: Imihla inge iteta, nobuninzi beminyaka bunge busazisa ubulumko. 8Kodwa kuko umoya emntwini; nokupefumla kwosomandla kuyabanika ingqondo. 9Asi ngabo abakulu abalumkileyo; asi ngabo abadala abaqonda okufaneleyo. 10Ndite ngoko: Pulapula kum; ndiya kutyela isicamango sam kwa mna.
11Bona ke, ndilindile amazwi enu; ndabekela izizatu zenu indlebe, nxa nibe nifunisela into yokuteta. 12Ewe, ndanyameka kuni; kanti bona ke, akuko namnye owanyeleyo u‐Jobi, akuko namnye kuni owaguqula iziteto zake: 13hleze nitsho ukuti: Sibufumene ubulumko: utixo uyamcita, asi ngumntu. 14Ukuba engabekisanga ngakum amazwi ake, ngako andiyi kumpendula ngeziteto zenu.
15Babematisiwe, ababuya bapendule; bemkelwa ngamazwi. 16Bendihlala ke, ngokuba bengateti; ngokuba bete nqumama, bengabuyanga bapendule. 17Sendiya kupendula nam isahlulo sam; ndiya kutyela isicamango sam kwa mna. 18Ngokuba ndizele ngamazwi; umoya pakati kwam uyandinyanzela. 19Bona ke, umbilini wam unjengeveyine engavulelwanga; njengentsuba ezintsha uza kugqoboka. 20Ndiya kuteta, ndize ndibe nokupefumla; ndovula umlomo wam, ndipendule ke. 21Mandingake ndibuke ubuso bendoda; kanjalo umntu andiyi kumbonga. 22Ngokuba ndingakwazi ukubonga: ngeehla andisuse umenzi wam!
Currently Selected:
U‐Jobi 32: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.