Ivangeli ka‐Johane 11
11
1KEKALOKU bekuko umntu otile obesifa, u‐Lazarusi, owase‐Betaniya, owakuwo umzi ka‐Mariya no‐Marita udade wake. 2Wayengulowa‐Mariya owayitambisayo inkosi ngamafuta mnandi, wazisula inyawo zayo ngenwele zake, omninawe u‐Lazarusi ubesifa. 3Batuma ngoko odade bake kuyo, besiti: Nkosi! kangela, lowo umtandayo uyafa.
4Kodwa u‐Yesu akuva oko wati: Esisifo asisesokuba kube kukufa, singenxa yobungcwalisa bukatixo, ukuze unyana katixo enzelwe ubungcwalisa ngaso.
5Kekaloku u‐Yesu watanda u‐Marita, nodade wake, no‐Lazarusi. 6Xeshekweni ngoko weva ukuba uyafa, oko ke wahlala kulondawo ubekuyo intsuku zambini. 7Wandula emveni kwoku wati kubadi̔sipile bake: Masihambe siye e‐Judeya kanjako. 8Bati kuye abadisipile: Rabi! esand’ ukufuna ama‐Juda ukukugibisela ngamatye nje, ubuye uye kona na? 9Wati u‐Yesu ukupendula: Akuko iyure ezilishumi linambini emini nye na? Xeshekweni umntu ahamba emini, akaku̔beki, kuba ukukanya kwelizwe eli ekubona: 10kodwa xeshekweni umntu ahamba ebusuku, uyaku̔beka, kuba ukukanya kungeko kuye.
11Watsho ke; waza emveni kwoku wati kubo: Umhlobo wetu u‐Lazarusi ulele; koko ndiya ukuze ndimvuse. 12Bandula bati abadisipile bake: Nkosi! ukuba ulele, uya kupila. 13Kodwa u‐Yesu ebetetile ngako ukufa kwake; kanti bona baba uyateta ngako ukulala kwobutongo. 14Wandula u‐Yesu ngoko wati kubo ekuhleni: u‐Lazarusi ufile; 15kanjalo ndiyavuya ngenxa yenu ukuba ndibe ndingeko kona, ukuze nikolwe; noko masihambe siye kuye.
16Wandula u‐Tomasi, o‐kutiwa ngu‐Didimusi, wati kubo abebengabadisipile naye: Masihambe siye nati, ukuze sife kwa naye.
17Wati ngoko u‐Yesu akufika, wafumana ukuba ebesel’ eko encw̔abeni intsuku zane.
18Kekaloku i‐Betaniya ibikufupi ne‐Yerusaleme, ingaba zizitadiya ezilishumi linazihlanu ukuba kude kwayo. 19Baye abaninzi bakuma‐Juda bebefikile ku‐Marita no‐Mariya, ukuze babaku̔ze ngaye umninawe wabo. 20Wandula u‐Marita, akuva ukuba u‐Yesu uyeza, waya wamhlangabeza: kodwa u‐Mariya ebehleli endlwini.
21Wandula wati u‐Marita ku‐Yesu: Nkosi! ukuba ubulapa, umninawe wam ngeengafanga. 22Noko kwa kaloku ndiyazi ukuba oko usukuba ucela kona kutixo, utixo wokunika kuwe. 23Wati u‐Yesu kuye: Umninawe wako wobuya avuke. 24Wati u‐Marita kuye: Ndiyazi ukuba wobuya avuke eluvukweni ngomhla wokupela. 25Watsho u‐Yesu kuye ukuti: Mna ndilulo uvuko, ndibubo nobomi: okolwayo kum, nakuba afayo, uya kudla ubomi; 26nosukuba esidla ubomi ekolwa kum, akasayi kufa napakade. Uyakolwa kuko oku na? 27Wati kuye: Ewe, Nkosi! ndikoliwe ukuba wena unguye u‐Kristu, unyana katixo, ozayo elizweni.
28Waza akuba ebetshilo wemka, waya wabiza u‐Mariya udade wake ngasese, esiti: Umfundisi ufikile, uyakubiza wena. 29Wati yena akuva, wesuka msinya, waya kuye. 30(Kekaloku u‐Yesu ebengekangenanga emzini, koko ebekulondawo apo u‐Marita wamhlangabeza kona.) 31Andula ati ama‐Juda abenaye endlwini, abemku̔za ke, akubona u‐Mariya ukuba wesuka ngobunxamo wapuma, amlandela, esiti: Uya encw̔abeni, ukuze alile kona.
32Wandula u‐Mariya, akufika apo u‐Yesu ebekona, wambona, wawa pantsi ngasezinyaweni zake, esiti kuye: Nkosi! ukuba ubulapa, ngeengafanga umninawe wam. 33Wandula u‐Yesu, akumbona yena elila, nama‐Juda abezile naye elila, wavuswa kakulu emoyeni, wazikataza, 34wati: Nimbekile pina? Bati kuye: Nkosi! yiza ubone. 35Walila inyembezi u‐Yesu. 36Abesiti ngoko ama‐Juda: Kangela, bekukukulu kangakanana ukumtanda kwake! 37Kodwa inxenye kuwo ati: Lo ke owavula amehlo oyimfama, ange engenzanga na nokuba lo angafi?
38Wandula u‐Yesu, evuswa kakulu kanjako pakati kwake, weza encw̔abeni. Belingumqolomba ke; kanjalo ilitye belilele ngakuwo. 39Wati u‐Yesu: Susani ilitye: Wati kuye u‐Marita, udade wofileyo: Nkosi! usel’ enuka; ngokuba kuntsuku zine efile. 40Wati u‐Yesu kuye: Andatsho kuwe na ukuti: Xeshekweni ukolwayo, uya kubona ubungcwalisa bukatixo? 41Bandula basusa ilitye, apo ofileyo ebelele kona.
Waza u‐Yesu wapakamisa amehlo ngapezulu, wati: Bawo! ndiyakubulela ukuba undivile. 42Kodwa bendisazi ukuba uyandiva ngamaxesha onke: koko ngenxa yesihlwele esimiyo apa nditshilo, ukuze bakolwe ukuba unditumile wena. 43Waza akuba ebetshilo wadanduluka ngelizwi elikulu, esiti: Lazarusi, puma! 44Waza wapuma ofileyo, ebotshiwe izandla nenyawo ngezibopo zokuncw̔aba: kanjalo ubuso bake bebubotshelwe ngeqiya. Wati u‐Yesu kubo: Mkululeni, nimyeke ahambe.
45Bati ngoko abaninzi bakuma‐Juda ababefikile ku‐Mariya, nezinto ezenzwayo ngu‐Yesu bazibona, bakolwa kuye. 46Kodwa inxenye kuwo emka aya kubo abafarisi, abaxelela izinto abezenzile u‐Yesu.
47Bandula abaperisite abakulu nabafarisi bahlanganisa intlanganiso yamapakati, bati: Siyenza nto nina? ngokuba lomntu esenza imimangaliso emininzi. 48Nxa senje nje ukumyeka, bonke baya kukolwa kuye; aeya kuti ama‐Roma eze asihlute kwa nendawo nohlanga. 49Waza omnye wakubo, u‐Kayafasi, engumperisite omkulu ngomnyaka lowo, wati kubo: Nina anazi luto, 50anikumbuleli kanjalo ukuba kulungele tina, ukuba umntu emnye afe ngenxa yabantu, luze lwonke uhlanga lungabubi. 51Oku ke akakuteta ngokwake; koko, engumperisite omkulu ngomnyaka lowo, waprofitesha ukuba u‐Yesu ebeza kufa ngenxa yohlanga olo; 52bekungengenxa yohlanga olo lodwa, bekukukuba ahlanganisele kunye nosapo lukatixo oluci̔takeleyo.
53Bandula bati emveni kwemini leyo bacebisana ukuba bambulale. 54Ngako u‐Yesu wabengasahambi ekuhleni pakati kwama‐Juda, koko wemka apo waya elizweni elikufupi nentlango, esixekweni esi‐kutiwa yi‐Hefrayime, wahlala kona nabadisipile bake.
55KEKALOKU ipasika yama‐Juda ibikufupi: baza benyuka abaninzi ezweni apo baya e‐Yerusaleme ingekabiko ipasika, ukuze bazicokise. 56Bandula bamfuna u‐Yesu, bati omnye nomnye bemi etempileni: Niti nina ke? angezi emtendelekweni na? 57Kanjalo nabaperisite abakulu nabafarisi bebenikile umyalelo, wokuba, xeshekweni umntu aziyo apo akona, makaxele, ukuze bambambe.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Johane 11: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.