YouVersion Logo
Search Icon

U‐Jeremiya 45

45
1ILIZWI owalitetayo u‐Jeremiya umprofite ku‐Baruke unyana ka‐Neriya, akuba ebeba̔lile lamazwi encwadini ngomlomo ka‐Jeremiya, ngomnyaka wesine ka‐Yoyakime unyana ka‐Josiya ukumkani wo‐Juda, lisiti: 2Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ngawe, Baruke! ukuti: 3Ubusiti: Hai ke ubunzima bam! ngokuba uyehova elwongezile usizi ebuhlungwini bam; ndidiniwe kukugula kwam, nokupumla andikufumani. 4Uya kutsho kuye ukuti: Uyehova utsho ukuti: Bona ke, oko ndikwakileyo ndokucita, noko ndikutyalileyo ndokudonyula, kwa lonke elilizwe. 5Uze wena uzifunele na izinto ezinkulu? Zungazifuni; ngokuba, bona ke, ndiya kuzisa ilishwa pezu kwoluntu lwonke, utsho uyehova; kodwa ubomi bako ndobunika kuwe bube lixoba kuzo zonke indawo apo uya kona.

Currently Selected:

U‐Jeremiya 45: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in