U‐Jeremiya 39
39
1NGOMNYAKA wesitoba ka‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda, ngenyanga yeshumi, weza u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, nayo yonke impi yake, ngakuyo i‐Yerusaleme, bayivingcela. 2Ngomnyaka weshumi elinamnye ka‐Zedekiya, ngenyanga yesine, ngowesitoba umhla wenyanga, isixeko sagqojozelwa. 3Zaza zangena zonke inkosana zokumkani we‐Babilone, zahlala esangweni lapakati, u‐Neregale‐sharetsere, u‐Samgari‐nebo, u‐Sarese?-?kime inkosi yabatenwa, u‐Neregale‐sharetsere inkosi yezilumko, nazo zonke ezinye inkosana zokumkani we‐Babilone.
4Kwaza kwati, okuya wazibonayo u‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda, nawo onke amadoda okulwa, bandula besaba, bapuma ngobusuku esixekweni, ngendlela yomyezo wokumkani, ngesango elipakati kwendonga zimbini; wayepuma ngendlela yetafa. 5Kodwa impi yama‐Kaledine yabaputuma, yamfumana u‐Zedekiya ematafeni ase‐Jeriko, yambamba, yamnyusela kuye u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, e‐Ribela, elizweni le‐Hamati, owateta imigwebo pezu kwake. 6Waza ukumkani we‐Babilone wababulala onyana baka‐Zedekiya e‐Ribela pambi kwamehlo ake; nayo yonke imiduna yakwa‐Juda wayibulala ukumkani we‐Babilone. 7Wandula wamfamekisa amehlo ka‐Zedekiya, wamnxiba ngamakamandela obedu, ukuba asiwe e‐Babilone. 8Kanjalo indlu yokumkani, nezindlu zabantu, ama‐Kaledine azitshisa ngomlilo; nendonga ze‐Yerusaleme azicita. 9Nesisalela sabantu ababesele esixekweni, nabapongomi ababepongomele kuye, nesisalela sabantu ababesele, u‐Nebuzaradane inkosi yomlisela wabafudusela e‐Babilone. 10Kodwa abangamahlwempu ebantwini, abo abangenanto, wabasalisa u‐Nebuzaradane inkosi yomlisela elizweni lakwa‐Juda, wabanika izitiya namasimi ngomhla lowo.
11Kekaloku u‐Nebukanetsare, ukumkani we‐Babilone, wanika umyalezo ngaye u‐Jeremiya ku‐Nebuzaradane inkosi yomlisela, esiti: 12Mtabate, ubeke amehlo ako pezu kwake, ungenzi kuye nento ebububi; koko njengokuba eya kuteta kuwe, yenza kwa njalo kuye. 13Waza watuma u‐Nebuzaradane inkosi yomlisela, no‐Nebushazabane inkosi yabatenwa, no‐Neregale‐sharetsere inkosi yezilumko, nazo zonke inkosana zokumkani we‐Babilone; 14batuma ke bamsusa u‐Jeremiya enkundleni yentolongo, bamnikela ku‐Gedaliya unyana ka‐Ahikame, unyana ka‐Shafane, ukuba ampumise aye endlwini: kwa njalo u‐Jeremiya wahlala pakati kwabantu.
15Kekaloku ilizwi likayehova leza ku‐Jeremiya, nxa abevalelwa enkundleni yentolongo, lisiti: 16Hamba utsho kuye u‐Hebedi‐meleke um‐Tiyopiya, usiti:
Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Bona ke, ndiya kuzisa amazwi am pezu kwesixeko esi kube kokubi, kungabi kokulungileyo; aeya kubako pambi kwako ngomhla lowo. 17Kodwa ndiya kuhlangula wena ngomhla lowo, utsho uyehova; waungayi kunikelwa esandleni samadoda lawo uwoyikayo. 18Ngokuba ndiya kukusindisa ngenyaniso, waungayi kuwa ngesiṙele; kodwa ubomi bako boba lixoba kuwe, ngokokuba utembele kum, utsho uyehova.
Currently Selected:
U‐Jeremiya 39: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.