YouVersion Logo
Search Icon

U‐Jeremiya 29

29
1KEKALOKU ngawo la amazwi encwadi, owayisusayo u‐Jeremiya umprofite e‐Yerusaleme ukuya kwisisalela sabadala bakubatinjwa, nakubaperisite, nakubaprofite, nakubo bonke abantu abebafudusile u‐Nebukanetsare e‐Yerusaleme ukuya e‐Babilone; 2emveni kwokuba u‐Yekoniya ukumkani, nokumkanikazi, nababusi, inkosana zakwa‐Juda nezase‐Yerusaleme, nencibi, nabakandi, bebepumile e‐Yerusaleme; 3ngesandla sika‐Elehasa unyana ka‐Shafane, no‐Gemariya unyana ka‐Hilikiya, abebetunywa ngu‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda ukuya e‐Babilone ku‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, esiti:
4Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, kubo bonke abatinjwa endibenzileyo ukuba bafuduswe e‐Yerusaleme ukuya e‐Babilone, ukuti: 5Zakeni izindlu, nihlale kuzo; tyalani izitiya, nitye iziqa̔mo zazo: 6zekani abafazi, nizale onyana nentombi, nitabatele onyana benu abafazi, nentombi zenu nizendise kumadoda, ukuba bazale onyana nentombi: nize nande kona, ningancitshiswa. 7Niti kanjalo nifune uxolo lwesixeko apo ndinenzile ukuba nifuduselwe kona, nisitandazele kuyehova; ngokuba eluxolweni lwaso niya kuba noxolo nina.
8Ngokuba esitsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Mabanganikohlisi abaprofite benu, abapakati kwenu, nabalauli benu; ningapulapuli kuwo amapupa enu, eniwenza aputshwe. 9Ngokuba beprofitesha kuni egameni lam ngobuxoki; andibatumanga, utsho uyehova.
10Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Xeshekweni iminyaka engamashumi asixe̔nxe iya kuzalisekiswa e‐Babilone, ndiya kwandul’ ukutyelela kuni, ndinifezele ilizwi lam elilungileyo, ngokunibuyisela kulendawo 11Ngokuba ndisazi izicingo endizicingayo ngakuni, utsho uyehova, izicingo zoxolo, zingezizo ezobubi, ukuba ndininike ukupela okunetemba. 12Oko niya kubiza mna, niye nitandaze kum: ndandiya kuniva. 13Nondifuna ke, nindifumane, nxa nindibuzayo ngayo yonke intliziyo yenu. 14Ndandiya kufunyanwa nini, utsho uyehova, ndibuyise ukutinjwa kwenu, ndinibute kuzo zonke izizwe, nakuzo zonke indawo, apo ndinigxotele kona, utsho uyehova; ndandiya kunibuyisela endaweni, apo ndanenza ukuba nifuduswe kwa kona.
15Ekubeni niti: Uyehova usivusele abaprofite e‐Babilone; 16kukona uyehova atsho ukuti ngokumkani ohleli eteroneni ka‐Davide, nangabo bonke abantu abahleli kwesisixeko, abazalwana benu abangapumanga nani ukuya ekutinjweni; 17utsho uyehova wemikosi ukuti: Bona ke, ndiya kutuma pakati kwabo isiṙele, indlala, nesifo esibubisayo, ndibenze njengemikiwane etyeketyeke, engenakudliwa ngenxa yobubi bayo. 18Ndandiya kubaputuma ngesiṙele, ngendlala, nangesifo esibubisayo, ndibanikele ekuzanyazanyisweni kubo bonke ubukumkani bomhlaba, babe sisiqalekiswa, nento yokutelwa nqa, neyokwenzelwa amakwelo, nesigxekwa, pakati kwazo zonke izizwe apo ndibagxotele kona: 19ngendawo yokuba bengapulapulanga amazwi am, utsho uyehova, okuya ndatuma kubo izicaka zam abaprofite, ndivuka kusasa ndizituma; kodwa anipulapulanga, utsho uyehova.
20Ngako yivani ilizwi likayehova, nonke nina batinjwa, endibandululeyo e‐Yerusaleme ukuya e‐Babilone! 21Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ngaye u‐Ahabi unyana ka‐Kolaya, nangaye u‐Zedekiya unyana ka‐Mahaseya, abaprofitesha kuni ubuxoki ngegama lam: Bona ke, ndiya kubanikela esandleni sika‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, oya kubabulala pambi kwamehlo enu. 22Kwakuya kutatyatwa kwa kubo isiqalekiso, ngabo bonke abatinjwa bakwa‐Juda abase‐Babilone, sokuti: Uyehova makakwenze njengo‐Zedekiya nanjengo‐Ahabi, abebesojwa ngukumkani we‐Babilone emlilweni; 23ngenxa yokuba benzile okuhlazekileyo kwa‐Sirayeli, baṙexeza abafazi babamelwane babo, bateta amazwi ngegama lam ngobuxoki, endingabayalelanga wona: ndiyazi ke mna, ndilinqi̔na, utsho uyehova.
24Nakuye u‐Shemaya um‐Nehelami, uya kutsho usiti: 25Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ngenxa yokuba uzitumile incwadi ngegama lako kubo bonke abantu abase‐Yerusaleme, nakuye u‐Tsefaniya unyana ka‐Mahaseya umperisite, nakubo bonke abaperisite, usiti: 26Uyehova ukwenzile umperisite esikundleni sika‐Yoyada umperisite, kuze kubeko abongama endlwini kayehova, ngenxa yosukuba egeza, nosukuba ezenzisa umprofite, ukuba umfake entolongweni nasemitini yokubamba. 27Ngako kaloku kunganina ukuba akukalimelanga u‐Jeremiya um‐Hanatote, ozenzisayo umprofite kuni? 28Ngokuba ngenxa yoku etumile kuti e‐Babilone, esiti: Kwoba kade okukutinjwa; zakeni izindlu, nihlale kuzo; tyalani izitiya, nitye iziqa̔mo zazo. 29Waye u‐Tsefaniya eleseshile lencwadi ezindlebeni zika‐Jeremiya umprofite.
30Landula ilizwi likayehova leza ku‐Jeremiya, lisiti: 31Tuma kubo bonke abasekutinjweni, usiti: Utsho uyehova ngaye u‐Shemaya um‐Nehelami, ukuti: Ngenxa yokuba u‐Shemaya eprofiteshile kuni, nxa bendingamtumanga mna, nokuba enitembisile ebuxokini: 32ngako oko utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kwohlwaya u‐Shemaya um‐Nehelami, nenzalo yake; akuyi kubako kuye namnye ehlala pakati kwababantu, nalonto elungileyo endiya kuyenzela abantu bam akayi kuyibona, utsho uyehova; ngokuba etetile impambuko ngakuye uyehova.

Currently Selected:

U‐Jeremiya 29: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

Video for U‐Jeremiya 29