U‐Jeremiya 25
25
1ILIZWI elezayo ku‐Jeremiya ngabo bonke abantu bakwa‐Juda, ngomnyaka wesine ka‐Yoyakime unyana ka‐Josiya ukumkani wo‐Juda, obunguwo umnyaka wokuqala ka‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone; 2elona abeliteta u‐Jeremiya umprofite kubo bonke abantu bakwa‐Juda, nakubo bonke abemi base‐Yerusaleme, esiti:
3Kwa kuwo oweshumi linesitatu umnyaka ka‐Josiya unyana ka‐Amoni ukumkani wo‐Juda, kwada kwanamhla nje, leminyaka imashumi mabini anesitatu, ilizwi likayehova libe lisiza kum; ndaye nditeta kuni, ndivuka kusasa nditeta, koko ningapulapulanga. 4Kanjalo uyehova utumile kuni zonke izicaka zake abaprofite, evuka kusasa ezituma, kodwa anipulapulanga, nendlebe yenu aniyitobelanga ukuva. 5Zaye zisiti: Buyani ke, omnye ngomnye endleleni yake ekohlakeleyo, nakuyo inkohlakalo yezenzo zenu, nize nihlale emhlabeni awunikileyo uyehova kuni nakoyihlo benu kude kube ngunapakade. 6Kanjalo ningalandeli otixo bambi, ukubakonza, nokubabedesha; nam ningandiqumbisi ngomsebenzi wezandla zenu, ndize ndinganenzi ububi. 7Anipulapulanga mna noko, utsho uyehova; ukuze nindiqumbise ngomsebenzi wezandla zenu, bube bobenu ububi.
8Ngako oko utsho uyehova wemikosi ukuti: Ngenxa yokuba ningapulapulanga amazwi am; 9bona ke, ndiya kutuma ndizitabate zonke izizalwane zasenode, utsho uyehova, no‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, isicaka sam, ndibazise ngakulo elilizwe, nangakubo abemi balo, nangakuzo zonke ezizizwe ezingqongayo, ndizilahlele ekutshabalaleni, ndizenze into yokutelwa nqa, neyokwenzelwa amakwelo, nengcitakalo engunapakade. 10Ndandiya kupelisa kuzo ilizwi lomgcobo, nelizwi lovuyo; ilizwi lomyeni, nelizwi lomtshakazi; intlokoma yamatye okusila, nokukanya kwesibane. 11Kanjalo elilizwe lonke loba yingcitakalo, nento yokutelwa nqa; nezizwe ezi zona ziya kukonza ukumkani we‐Babilone iminyaka engamashumi asixe̔nxe. 12Kwakuya kuti, nxa iminyaka engamashumi asixe̔nxe izalisekile, ndiya kwohlwaya ukumkani we‐Babilone, nesizwe eso, utsho uyehova, ngenxa yokukohlakala kwabo, nelizwe lama‐Kaledine, ndimise lona libe yintshabalalo engunapakade. 13Ndandiya kuzisa pezu kwelizwe elo onke amazwi am endiwatetileyo ngakulo; konke okuba̔liweyo kulencwadi, oko u‐Jeremiya akuprofiteshile ngakuzo zonke ezozizwe. 14Ngokuba izizwe ezininzi nokumkani abakulu beya kuzikonzisa kwa zona; ndandiya kuzivuza njengokwokwenza kwazo, nanjengokwomsebenzi wezandla zazo.
15Ngokuba etshilo uyehova, utixo wo‐Sirayeli, kum ukuti: Tabata indebe yeveyine yobubuṙalaṙume esandleni sam, uziseze ngayo zonke izizwe endikutumayo kuzo; 16ukuze zisele, zingcangcazele, zigeze nokugeza, ngenxa yesiṙele endiya kusituma pakati kwazo. 17Ndaza ndayitabata indebe esandleni sikayehova, ndaseza zonke izizwe abenditumile uyehova kuzo: 18i‐Yerusaleme, nezixeko zase‐Juda, nokumkani bayo, nenkosana zayo, ukuzenza ingcitakalo, into yokutelwa nqa, into yokwenzelwa amakwelo, nesiqalekiswa, njengokuba kunjalo namhla nje; 19u‐Faro ukumkani we‐Jipete, nezicaka zake, nenkosana zake, nabo bonke abantu bake; 20nabo bonke abantu abadityanisiweyo, nabo bonke okumkani belizwe le‐Hutse, nabo bonke okumkani belizwe lama‐Filistiya, ne‐Ashekelone, ne‐Gaza, ne‐Hekrone, nesisalela sabase‐Ashedode; 21i‐Edome, ne‐Mowabi, nosapo luka‐Hamoni; 22nabo bonke okumkani base‐Tire, nabo bonke okumkani base‐Tsidone, nokumkani beziqiti ezipesheya kwolwandle; 23i‐Dedane, ne‐Tema, ne‐Buze, nabo bonke abanqunyulwe amancam odevu; 24nabo bonke okumkani base‐Arabi, nabo bonke okumkani babantu abadityanisiweyo, abahlala entlango; 25nabo bonke okumkani base‐Zimri, nabo bonke okumkani base‐Helami, nabo bonke okumkani base‐Medi; 26nabo bonke okumkani basenode, abakufupi nabakude, omnye kunye nomnye, nabo bonke ubukumkani bomhlaba, obupezu kwobuso behlabati: waye ukumkani we‐Sheshaki eya kusela emva kwabo. 27Wauya kuti kubo: Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Selani, ninxile, nihlanze, niwe pantsi, ningabuyi nisuke, ngenxa yesiṙele endiya kusituma pakati kwenu. 28Kwakuya kuti, ukuba bayala ukutabata indebe esandleni sako kuselwe, uya kwandula uti kubo: Utsho uyehova wemikosi ukuti: Niya kusela ngenyaniso. 29Ngokuba, bona ke, ndiqala ukuzisa ububi pezu kwesosixeko esibizwa ngegama lam, nize nina nike nipatwe na njengokuba ningenatyala? Aniyi kupatwa njengokuba ningenatyala; ngokuba ndiya kubiza isiṙele ngakubo bonke abemi bomhlaba, utsho uyehova wemikosi.
30Ngako wena woprofitesha ngakubo onke lamazwi, uti kubo:
Uyehova uya kugquma kwa pezulu, aku̔pe ilizwi lake entlalweni yake eyingcwele; uya kugquma kakulu pezu kwekaya lake; isimemezo, njengesabaxovulayo idreyive, wosihlabela ngakubo bonke abemi bomhlaba. 31Ingxokozelo ifikile esipelweni somhlaba; ngokuba uyehova enepike nezizwe, yena uya kupikisana noluntu lwonke; abo bakohlakeleyo uya kubanika esiṙeleni, utsho uyehova.
32Utsho uyehova wemikosi ukuti: Bona ke, ilishwa liya kupuma kwesinye isizwe liye kwesinye isizwe, noqwitela olukulu luya kuvuswa emacaleni omhlaba. 33Baye ababuleweyo bakayehova beya kubako ngomhla lowo kwa kwenye incam yomhlaba kude kube kwenye incam yomhlaba; abayi kulilelwa, abayi kubutwa, abayi kuncw̔atywa, boba ngumgquba pezu kwobuso bomhlaba. 34Lilani, nina balusi! nikale; niqikaqikeke elutulini, nina zinkosi zomhlambi! ngokuba imihla yenu yokubulawa izalisekile, nokutiwa sa kwenu, naniya kuwa njengesitya esinqwenelekileyo. 35Yoti intsabo itshabalale kubalusi, nentsindo kwinkosi zomhlambi. 36Kwobako ilizwi lesikalo sabalusi, nesililo senkosi zomhlambi, ngokuba uyehova ecitakalisa idlelo labo. 37Ewe, amaṙiwa oxolo abuqiwe, ngenxa yobushushu bengqumbo kayehova. 38Ulushiyile, njengengonyama entsha, udada lwake; ngokuba ilizwe labo liyintshabalalo, ngenxa yomsindo wombandezeli, nangenxa yobushushu bengqumbo yake.
Currently Selected:
U‐Jeremiya 25: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.