YouVersion Logo
Search Icon

U‐Jeremiya 20

20
1Kekaloku u‐Pashure, unyana ka‐Yimeri umperisite, obengumongama omkulu kanjalo endlwini kayehova, ebesiva u‐Jeremiya eprofitesha lamazwi. 2Wandula u‐Pashure wabeta u‐Jeremiya umprofite, wamfaka entolongweni engasesangweni lasentla lika‐Benjamine, elingakuyo indlu kayehova.
3Kwaza kwati ngomhla olandelayo, u‐Pashure wamku̔pa u‐Jeremiya entolongweni. Wandula u‐Jeremiya wati kuye: Uyehova akabizi igama lako ngo‐Pashure, kodwa ngo‐Magore‐misa?-?bibe.#20:3 Oko kukuti: Isoyikiso ngamacala onke. 4Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kukwenza ube sisoyikiso kwa kuwe, nakubo bonke abahlobo bako; babeya kuwa ngesiṙele sentshaba zabo, ati amehlo ako abonele; no‐Juda bonke ndobanikela esandleni sokumkani we‐Babilone, oya kubafudusela e‐Babilone, ababulale ngesiṙele. 5Kanjako, ndiya kunikela bonke ubutyebi besixeko esi, nayo yonke inzuzo yaso, nazo zonke izinto ezinqabileyo zaso, nazo zonke indyebo zokumkani bo‐Juda, ndiya kuzinikela esandleni sentshaba zabo, eziya kuzipanga, zizitabate, zizise e‐Babilone. 6Nawe, Pashure! nabo bonke abahlala endlwini yako, niya kuya ekutinjweni; wauya kuza e‐Babilone, nakona uya kububa, nakona uya kuncw̔atywa, wena nabo bonke abahlobo bako, abo uprofiteshile kubo ngobuxoki.
7Wandicenga, Yehova! ndada ndacengwa; wandigqita ngamandla, weyisa ke: ndibe ndiyinto yokugculelwa imihla yonke, bonke bandihleka. 8Ngokuba nxa ndasukuba benditeta, ndakala; ndadanduluka ukuti: ubudlwengu nokubada; ngokuba ilizwi likayehova belindenzelwa isigxekwa nesidelwa imihla yonke. 9Ndaza ndati: Andiyi kumkankanya, andiyi kubuya nditete egameni lake kanjalo: koko bekuko entliziyweni yam njengokungati ngumlilo otshayo, uvingcelwe ematanjeni am; ndazidinisa ukunyamezela, koko bendikohliwe. 10Ngokuba bendisiva ukuhleba kwabaninzi, isoyikiso besingamacala onke: xelelani, batsho ke, sasiya kuxelela ngaye: onke amakolwane am ayalinda ukuqwalela kwam; ngati, atsho ke, uya kucengwa, size simeyise, sandule sitabate impindezelo yetu kuye. 11Kodwa uyehova unam njengeṙoti elinamandla; ngako oko abatshutshisi bam baya kuku̔beka, bangeyisi: badanile kakulu, ngokuba bengalungisekanga; loba lihlazo elingunapakade, alisayi kulityalwa. 12Kodwa, Yehova wemikosi, olingayo olungileyo, obonayo izintso nentliziyo! mandibone impindezelo yako pezu kwabo; ngokuba ndilityilile kuwe ityala lam.
13Vumani kuyehova! dumisani uyehova! ngokuba ebuhlangule ubomi bamahlwempu esandleni sabakohlakeleyo.
14Mawuqalekiswe umhla endibe ndizalwa ngawo! umhla owandizala ngawo uma̔, maungatanyusanqeliswa! 15Mayiqalekiswe indoda ebimshumayeza ubawo ukuti: Uzalelwe umntwana wobudoda; imvuyisa kakulu. 16Ewe, londoda maibe njengezixeko ezibe zicitwa nguyehova, engabanga nosizi; mayive isikalo ngokusa, nesimemezo emini enkulu; 17ngokuba ingandibulalanga kwa sesizalweni; andule uma̔ abe lincw̔aba lam, nesizalo sake sibe simiti kude kube ngunapakade. 18Yinina lento endapuma esizalweni ukuza kubona ubunzima nosizi, ukuba imihla yam igqibeke eludanweni?

Currently Selected:

U‐Jeremiya 20: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

Video for U‐Jeremiya 20