YouVersion Logo
Search Icon

Incwadi ka‐Yakobi 2

2
1BAZALWANA bam! ningabambi ukolo lwayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu, i‐Nkosi yobungcwalisa, ngokuketa abantu. 2Ngokuba xeshekweni kungena entlanganisweni yenu umntu onemisesane yegolide enezivato ezihle, kuze kungene nolihlwempu enezivato ezonakeleyo, 3nandule nikangele ngakulowo uzambeteyo izivato ezihle, niti kuye: Hlala wena apa kakuhle; nize niti kolihlwempu: Yima wena paya, umhlaumbi hlala apa ngapantsi kwesitulo sam senyawo: 4anikwenzanga ke na ukwahluka pakati kwenu, naba ngabagwebi abazicamango zikohlakeleyo?
5Yivani, bazalwana bam abatandiweyo! utixo akanyulanga yinina abangamahlwempu elilizwe babe betyebile elukolweni, nendlalifa zobukumkani abatembisile bona abamtandayo? 6Nina kodwa nimdelile olihlwempu. Asi zizo izityebi na ezinibandezelayo, eziti kanjalo zinir̔olele ematyaleni? 7Aziligxeki na zona elogama lilungileyo enibizwe ngalo? 8Ukuba ke niyawufeza umteto odumileyo kakulu, ngokwesiba̔lo esiti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako; niyalungisa: 9kodwa ukuba niyaketa abantu, niyenza isono, niboniswa ngumteto nje ukuba ningabagqiti. 10Ngokuba umntu oya kuti, noko aya kugcina umteto wonke, aposise ngendawo inye, uyamelwa lityala ngazo zonke. 11Ngokuba yena watshoyo ukuti: Ungaṙexezi, watsho nokuti: Ungabulali. Kekaloku ukuba uya kuti, nangona ungayi kuṙexeza, ubulale, usel’ ungumgqiti womteto. 12Nenje njalo ukuteta, nenje njalo ukwenza, njengabo abaya kugwetywa ngawo umteto wenkululeko. 13Ngokuba eya kuba nokugwetywa okungenabubele lowo ungenzanga ngobubele: kanti ububele buyavuyelela ukugweba.
14Kunceda nto nina, bazalwana bam! xeshekweni atshoyo umntu ukuti unalo ukolo, kodwa akanayo imisebenzi? ukolo olo lungamsindisa na? 15Xeshekweni ke umzalwana umhlaumbi udade bazé, baswele nokudla kwemihla ngemihla, 16aze atsho omnye wakuni kubo ukuti: Hambani ngoxolo, ndifudumale, nihlute; niti noko ningabapi ezonto ezifanele umzimba; kunceda nto nina ke oko? 17Kwa njalo nokolo, xeshekweni lungenayo imisebenzi, lufile, lulodwa nje. 18Koko kuya kuti umntu: Wena unokolo, nam ndinemisebenzi: ndibonise ukolo lwako lungenamisebenzi yako, nam ndiya kubonisa wena ngemisebenzi yam ukolo lwam. 19Uyakolwa ukuba utixo umnye; uyalungisa; ziti zona idemoni zikolwe nazo, zingcangcazele noko. 20Kodwa ufuna ukuqonda na, mntundini unyabileyo! ukuba ukolo lungenamisebenzi lufile? 21U‐Abrahame ubawo wetu wabengagwetyelwa ngemisebenzi yinina, akumnikela u‐Yisake unyana wake pezu kwaso isibingelo? 22Uyabona ukuba ukolo lube lusebenza kunye nemisebenzi yake, nokuba ngayo imisebenzi ukolo lwake lwafezekiswa. 23Saza sazalisekiswa isiba̔lo esiti: u‐Abrahame wakolwa ngutixo, kwaza kwambalelwa kube kukulunga; waza wabizwa ngomhlobo katixo. 24Niyabona ngako ukuba umntu uyagwetyelwa ngemisebenzi, kungengokolo lodwa. 25Ngokunjalo ke naye u‐Rakabi umpinyiswa wabengagwetyelwa ngemisebenzi yinina, akuzamkela izitunywa, waza wazindulula ngenye indlela? 26Ngokuba njengokuba umzimba ungenamoya ufile, kwa njalo ukolo lungenamisebenzi lufile nalo.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in