YouVersion Logo
Search Icon

U‐Yisaya 32

32
1BONA ke, ukumkani wopata ubukumkani ngobulungisa, nenkosi ziya kupata ubukosi ngobugwebo. 2Umntu woba njengendawo yokufihla emoyeni, neyokuzimela esipangweni; njengemilanjana yamanzi endaweni eyomileyo, njengomtunzi weliwa elikulu elizweni elidiniweyo. 3Amehlo abo babonayo akayi kuba luzizi, nendlebe zabevayo zopulapula. 4Intliziyo yabanokunxama iya kuqiqa ukwazi, nolwimi lwabo batintitayo lwonxamela ukuteta ekuhleni. 5Ibedengu alisakuba sabizwa ngonesisa, nomvimbi akuyi kutiwa ngaye usisityebi. 6Ngokuba ibedengu liya kuteta okububedengu, nentliziyo yalo iya kudala inkohlakalo; lisenza ngobuginwa, liteta okugwenxa ngakuye uyehova; lishiya zé umxe̔lo wolambileyo, noselo lonxaniweyo liluswelekisa. 7Nomvimbi inzuziso zake zikohlakele; uyaceba amaqinga abumenemene; ukuze acite amahlwempu ngamazwi obuxoki, nosweleyo akuteta okufaneleyo. 8Kodwa onesisa uyaqinga izinto zobusa, nakuzo izinto zobusa uya kuma yena.
9Nina bafazi abangenakukutala! vukani, pulapulani ilizwi lam; nina zintombi ezingenakwoyika! nikelani ukuteta kwam indlebe. 10Ngemihla etile ngapezu kwomnyaka niya kupitizeliswa, nina zintombi ezingenakwoyika! ngokuba ukuvunwa kwemiti yeveyine kuya kupela, nokubutwa kweziqa̔mo kungayi kuza. 11Ngcangcazelani, nina bafazi abangenakukutala! tutumelani, nina zintombi ezingenakwoyika! hlubani, nizihlubulule, nibinqe ngentlakantlaka ezinqeni. 12Bayabeta pezu kwamabele; ngenxa yamasimi anqwenelekileyo, ngenxa yomti weveyine oqa̔mileyo. 13Emhlabeni wabantu bam kuya kupuma imitolo nembobo; ewe, napezu kwazo zonke izindlu zovuyo esixekweni esigcobayo. 14Ngokuba uxande luya kuyekwa: ubutyebi besixeko buya kushiywa; induli nenqaba yokulinda zoba yindawo yemiqolomba kude kube ngunapakade, uvuyo lwamaqwaṙa, idlelo lemihlambi:
15Kude kugalelwe pezu kwetu umoya evela pezulu; iti intlango ibe yintsimi ecu̔mileyo, nentsimi ecu̔mileyo ibalwe ngokuba lihlati. 16Buya kwandula ubugwebo ukuma entlango, nobulungisa ukuhlala entsimini ecu̔mileyo. 17Kwoti ukwenza kwobulungisa kube luxolo, nokusebenza kwobulungisa kube kukuzola nokunqaba kude kube ngunapakade. 18Kanjalo abantu bam bohlala ekayeni elinoxolo, nasezintlalweni ezinqabileyo, nasezindaweni zokupumla ezonwabileyo: 19kodwa kuya kuna izico̔to ekuweni kwehlati; saye isixeko siya kutotyelwa pantsi ebupantsini. 20Hai itamsanqa lenu enihlwayelayo ngakuwo onke amanzi; enikululayo inqina lenkabi neleqwaṙashe!

Currently Selected:

U‐Yisaya 32: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in