Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 12
12
1NGAKO oko ke nati, sinesihlwele esikulu kangaka samanqi̔na sisipahla nje, masibeke nxamnye imitwalo yonke, naso isono esiṙaulayo kakuhle, siti ngomonde sibaleke ugqatso esilubekelwayo, 2sikangela ngakuye oyimbangi nomfezekisi wokolo lwetu, u‐Yesu, owati ngenxa yovuyo olube lubekwa pambi kwake wayinyamezela ikuruse, elidelile ihlazo nje, waza wahlala pantsi ngasekunene kweterone katixo. 3Ngokuba telekelelani lowo okunyamezeleyo ukupika okunjalo ngaboni ngakuye yena, ukuze ningadinwa ngokuncama emipefumlweni yenu.
4Anikamelanga kwada kwaligazi nisilwa nesono; 5kanjako nisilibele isiyalo esitetayo kuni njengakubo onyana: Nyana wam! ungadeli ukwohlwaya kukayehova; zungancami ke wakutetiswa nguye: 6ngokuba esiti uyehova lowo amtandayo amohlwaye, nabo bonke onyana abamkelayo ababete. 7Ukuba ukwohlwaywa niyakunyamezela, uti utixo anipate njengonyana; ngokuba nguwupina ongunyana ati uyise angamohlwayi? 8Kodwa ukuba nihlala ningenakwohlwaywa, abati bonke bakwamkele, kukona ningabantwana besisu, ningengabo onyana.
9Kanjalo ke sibe sinabo oyise benyama yetu abasohlwayayo, saza sabahlonela: sesingayi kuti kakulu ngakumbi ke na silulamele kuye uyise womoya, size sibudle ubomi? 10Ngokuba bona okunene bebesiti imihla yamincinane basohlwaya njengokuba bekunga kulungile kubo; kodwa yena uyasohlwayela ukuncedwa kwetu, ukuba samkele kubo ubungcwele bake. 11Kekaloku akuko kwohlwaywa ixesha kukoyo ngalo okunga kuyinto yovuyo, koko kunga kuyinto yosizi: noko kamva kuyanika isiqa̔mo esiluxolo sobulungisa kwabo baqeliswayo ngako.
12Ngako oko pakamisani izandla ezipolelweyo, namadolo acubukileyo; 13nize nenzele inyawo zenu indlela ezilungeleleneyo, ukuze okuqwalelayo kungatyekiswa, kodwa ngokukumbi kupiliswe.
14Putumani uxolo ngakubo abantu bonke, nabo ubungcwele, ekungeko namnye oya kuyibona inkosi engenabo: 15nilumka nje kungabiko mntu oposana nofefe lukatixo; kungabiko nanye ingcambo yobuṙaṙa ihluma nje enikatazayo, kuze kuti ngayo banco̔liswe abaninzi; 16kungabiko mntu ongumpimisi, umhlaumbi umginwa, njengo‐Esau, owati ngenxa yesidlo sinye watengisa ngobuzibulo bake: 17ngokuba nisazi ukuba nasemveni kwoko, akufuna ukulizuza itamsanqa, waliwa; ngokuba engafumananga ndawo yokuguquka, nakuba walifunayo enenyembezi.
18Ngokuba ningasondelanga entabeni epatekayo, etshayo ngomlilo, nasesitokotokweni, nasebumnyameni, naseluquteni, 19nasesandini sexilongo, nasentlokomeni yamazwi, abati abo babeweva bazilandulela ukuba kwalekelwe ukutetwa kubo: 20ngokuba bebengenyamezeleyo oko bekuyalelwayo: Nokuba sisilo kodwa esicu̔kumisayo intaba, siya kugityiselwa ngamatye, umhlaumbi siya kuhlatywa ngomkonto: 21kanjako umbonakalo lowo ube woyikekile kangaka, u‐Mosesi wati: Ndinokwoyika okukulu nokungcangcazela. 22Koko nisondeleyo entabeni ye‐Ziyone, nasesixekweni sotixo ohleliyo, e‐Yerusaleme yasezulwini, nakumawakawaka engelosi, 23kwintlanganiso enkulu, nakwiṙemente yamazibulo aba̔lelweyo ezulwini, nakuye utixo umgwebi wabo bonke, nakomoya babalungileyo abafezekisiweyo, 24nakuye u‐Yesu umlamli wocebano olutsha, nasegazini lokufefwa eliteta izinto ezilungileyo ngakumbi pezu kwelika‐Abele.
25Lumkani ukuba ningali lowo utetayo. Ngokuba abo bamalayo obeteta amazwi katixo emhlabeni ukuba abasinda ke, soti kakulu ngakumbi tina singasindi, sakupambuka kobevela ezulwini: 26olizwi lake oko lashukumisa umhlaba, kodwa kaloku ubekile idinga lokuti: Kusekanye ndizamazamisayo kungenguwo umhlaba wodwa, kulilo izulu nalo. 27Kekaloku lento yokuti, Kusekanye, iyaxela ukuguqulwa kwezozinto zinokushukunyiswa, njengokwezinto ezenziweyo, ukuze zihlale zihleli ezozinto ezingenakushukunyiswa. 28Ngako oko ubukumkani obungenakushukuma sibamkela nje, masibambe ufefe, esingati ngalo simkonze utixo ngendawo ekolekileyo, sinohlonelo nolwoyiko olubedeshekileyo: 29ngokuba kwa utixo wetu engumlilo odlayo.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 12: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.