YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 8

8
1Waye utixo wamkumbula u‐Nowa, nazo zonke izilo, nazo zonke inkomo, ezibe zinaye enqanaweni; wada utixo wenza umoya udlule pezu kwomhlaba, aza adamba amanzi. 2Kwaye kuvingcwa imitombo yenzulu, nezituba zezulu; yabambeka nemvula ivela ezulwini; 3kanjalo amanzi ahlala ebuya emhlabeni: ada ati, ekupeleni kwemihla ilikulu elinamashumi mahlanu, ancipeka amanzi.
4Yaza yapumla inqanawa, ngenyanga yesixe̔nxe, ngoweshumi linesixe̔nxe umhla wenyanga, pezu kwentaba zase‐Ararate. 5Ati amanzi amana ukuncipeka yada yayinyanga yeshumi: ngeyeshumi inyanga, ngowokuqala umhla wenyanga, zabonakala intloko zentaba.
6Kwaye kute, emveni kwemihla imashumi mane, wavula u‐Nowa ifenstile yenqanawa abeyenzile; 7wakupa unomyai, owapuma yena wahlala ebuyabuya, ada atsha amanzi pezu kwomhlaba. 8Wati kanjalo wakupa ihobe lisuke kuye, kuze kubonwe ukuba amanzi apungulekile na ebusweni bomhlaba: 9kanti ihobe belingenakufumanela umzantsi wenqina lalo ukupumla; laza labuyela kuye enqanaweni; ngokuba amanzi ebesebusweni bawo wonke umhlaba: wandula ukwolula isandla sake, walitabata, walingenisa kuye enqanaweni. 10Waye esalinda eminye imihla yasixe̔nxe; waza wapinda ukulikupa ihobe enqanaweni. 11Labuya ihobe leza kuye ngexesha lokuhlwa; kekaloku, nali emlonyeni walo igqabi lomnquma likiwe: wandula ukwazi u‐Nowa ukuba amanzi seepungulekile emhlabeni. 12Waye esalinda eminye imihla yasixe̔nxe; waza walikupa ihobe, elati lona alapinda ukubuyela kuye kanjako.
13KWAYE kute, ngomnyaka wamakulu matandatu anamnye, ngeyokuqala inyanga, kwa ngowokuqala umhla walonyanga, amanzi abomisiwe emhlabeni: waza u‐Nowa wasusa isigubungelo senqanawa, wakangela; kekaloku bona ke, umhlaba wawomile ubuso bawo. 14Nangenyanga yesibini, ngowamashumi mabini anesixe̔nxe umhla wenyanga, wause utshile umhlaba.
15Waza wateta utixo ku‐Nowa, esiti: 16Puma enqanaweni, wena, nomfazi wako, nonyana bako, nabafazi bonyana bako kunye nawe. 17Zonke izilo ezikuwe, ezenyama yonke, intaka, nenkomo, nazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba, zipumise kunye nawe; ukuze zikolise ukuzala emhlabeni, zicume, zande nokwanda pezu kwomhlaba. 18Waza wapuma u‐Nowa, nonyana bake, nomfazi wake, nabafazi bonyana bake kunye naye. 19Zonke izilo, zonke izinambuzane, nazo zonke intaka, zonke izinto ezishukumayo pezu kwomhlaba, ngentlobo zazo, zapuma enqanaweni.
20Wandula waka u‐Nowa isibingelo kuyehova: wayetabata kuzo zonke inkomo ezicocekileyo, nakuzo zonke intaka ezicocekileyo, wanikela amadini okutshiswa pezu kwesibingelo eso. 21Waye uyehova wasezela ivumba elimnandi: wandul’ ukuti uyehova entliziyweni yake: Andiyi kupinda ukuwuqalekisa kanjako umhlaba ngenxa yabantu, nangona ukucinga kwentliziyo yomntu kukohlakele kwa sebutsheni bake; ndandingayi kupinda ndibuye ndikubete konke okupilileyo, njengokuba ndenje njalo. 22Kwa yonke imihla useko ngayo umhlaba, akusayi kupela ixesha lokuhlwayela nelokuvuna, nengqele nobushushu, nehlobo nobusika, nemini nobusuku.

Currently Selected:

I‐Genesise 8: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in