YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 4

4
1WADA u‐Adame wazi u‐Eva umfazi wake, owakaulayo, wazala u‐Kayine#4:1 Oko kukuti: Ozuziweyo., wati: Ndizuzile indoda kuyehova. 2Waza walekela ukuzala umninawe wake u‐Abele. Kekaloku u‐Abele waba ngumalusi wezimvu, koko u‐Kayine ebengumlimi womhlaba.
3Kwaye kute ekupeleni kwemihla etile, wawuzisa u‐Kayine kwisiqa̔mo somhlaba umnikelo kuyehova. 4No‐Abele, wazisa naye kwamazibulo ezimvu zake, nakwinqata lazo. Waye uyehova wabuka u‐Abele nomnikelo wake; 5kanti u‐Kayine nomnikelo wake akambukanga. Waza u‐Kayine waqumba kunene, bati shwa nobuso bake. 6Wayesiti uyehova ku‐Kayine: Uqumbele nina? bute shwa nganina nobuso bako? 7Nxa ulungisayo, akuyi kwamkelwa na? nanxa ungalungisiyo, isono silele ngaselucangweni: kwakuya kuba kuwe ukukanuka kwake, uti wena umongame.
8Wada u‐Kayine wati ku‐Abele umninawe wake: Masiye endle. Kwaye kute bakuba sendle, wandula u‐Kayine wasukela ngakuye u‐Abele umninawe wake, wambulala. 9Waza uyehova wati ku‐Kayine: Upina u‐Abele umninawe wako? Wayesiti: Andazi: ndingumgcini womninawe wam yinina? 10Waza wati: Yinto nina oyenzileyo? Ilizwi legazi lake umninawe wako lilila kum kwa semhlabeni. 11Kaloku uqalekisiwe wena emhlabeni, obuwakama umlomo wawo ukwamkela igazi lomninawe wako esandleni sako. 12Xeshekweni uwulima umhlaba, awuyi kubuya ukunikele amandla awo: woba lidungadunga nebadubadu emhlabeni. 13Waza u‐Kayine wati kuyehova: Ityala lam likulu, lide lingabi nakutwalwa. 14Bona ke, undigxotile namhla ebusweni bomhlaba, ndandiya kufihlelwa nobuso bako: ndoba lidungadunga nebadubadu emhlabeni; kwakuya kuti, osukuba endifumana wondibulala. 15Wandul’ ukuti uyehova kuye: Ngako oko osukuba ebulala u‐Kayine, kwopindezelwa kuye ngokusixe̔nxe. Waye uyehova wambekela u‐Kayine umqondiso, wokokuba ati osukuba emfumana angambulali.
16Waza wapuma u‐Kayine ebusweni bukayehova, waya wahlala elizweni le‐Node, ngasempumalanga ye‐Hedeni. 17Waye u‐Kayine wazi umfazi wake; wada wakaula, wazala u‐Enoki: waza waka isixeko, wabiza igama lesixeko eso ngegama lonyana wake, ngo‐Enoki. 18Kwaye kuzalelwa u‐Enoki, u‐Hirade; waza u‐Hirade wazala u‐Mehuyaheli; no‐Mehuyaheli wazala u‐Metushaheli; no‐Metushaheli wazala u‐Lameki.
19Wati u‐Lameki wazizekela abafazi babini: igama lomnye belingu‐Hada, igama lomnye belingu‐Tsila. 20Waye n‐Hada wazala u‐Yabali: nguye obenguyise wabahlala ezintenteni, nowabafuya inkomo. 21Igama lomninawe wake belingu‐Yubali: nguye obenguyise wabo bonke abapete iziculiso nezigwaliso. 22No‐Tsila, kwa naye wazala u‐Tubali‐kayine, umkandi wazo zonke impahla zobedu nesincete: udade ka‐Tubali‐kayine waengu‐Nahama. 23Wayesiti u‐Lameki kubafazi bake: Hada no‐Tsila! pulapulani ilizwi lam; nina bafazi baka‐Lameki! bekelani ukuteta kwam indlebe; ngokuba indoda ndiyibulele ngenxa yenxeba lam, nendodana ngenxa yomvimbo wam: 24ukuba u‐Kayine wopindezelelwa ngokusixe̔nxe, kwoba ngokungamashumi asixe̔nxe anesixe̔nxe aya kupindezelelwa u‐Lameki.
25Wabuya wazi u‐Adame umfazi wake; waza wazala unyana, wambiza ngegama elingu‐Shete#4:25 Oko kukuti: Omiselweyo.: ngokuba utixo, watsho, endimisele enye inzalo esikundleni sika‐Abele, ngokuba u‐Kayine embulele.
26Naku‐Shete, kwa nakuye kwazalwa unyana; negama lake walibiza ngo‐Enoshe. Kwaqalwa oko ukubiza ngegama likayehova.

Currently Selected:

I‐Genesise 4: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in