YouVersion Logo
Search Icon

U‐Hezekile 4

4
1NAWE, nyana woluntu! zitabatele isitene, usibeke pambi kwako, usiqingqe pezu kwaso isixeko, i‐Yerusaleme: 2uze usenzele ukuvingceleka, uyake ngakuso inqaba yokulinda, uyiposele ngakuso indulana, uyimise ngakuso iminquba, uzibeke ngakuso izicitelo ngokungqonga. 3Zitabatele nokamba lwesincete, ulubeke lube ludonga lwesincete pakati kwako nesixeko eso; uze ubekise ubuso bako ngakuso, ukuba sibe sekuvingcelekeni, wauya kusivingcela. Ngumqondiso lo kwindlu ka‐Sirayeli.
4Kanjalo wena lala pezu kwelokohlo icala lako, ubeke ityala lendlu ka‐Sirayeli pezu kwalo: inani lemihla uya kulala pezu kwalo, uya kutwala ityala labo. 5Ngokuba ndikumisele iminyaka yetyala labo, ngenani lemihla, imihla engamakulu matatu anamashumi alitoba; wauya kutwala ityala lendlu ka‐Sirayeli. 6Nxa ugqibile le, uze ubuye ulale pezu kwelokunene icala lako, wauya kutwala ityala lendlu ka‐Juda imihla engamashumi mane: ndikumisele umhla mnye endaweni yomnyaka mnye, umhla mnye endaweni yomnyaka mnye.
7Ngako uya kubekisa ubuso bako ngasekuvingcelekeni kwe‐Yerusaleme, nengalo yako yoba ihlubulukile; wauya kuprofitesha ngakuyo. 8Kanjalo bona ke, ndokufaka intambo, ukuze ungaguquki kwelinye icala uguqukele kwelinye icala, ude ugqibe imihla yokuvingcela kwako.
9Zitabatele nenqolowa, neṙalasi, nentlumaya, nelentile, namazimba, nespelete, uzifake esityeni sinye, uzenzele isonka ngazo; inani lemihla ulalayo pezu kwecala lako, imihla engamakulu matatu anamashumi alitoba, uya kutya sona. 10Nokudla kwako, oko uya kukutya, kwoba ngokulinganiswa, ishekele ezingamashumi mabini ngamini nye: kwixesha ngexesha uya kukutya. 11Namanzi uya kuwasela ngokwabiwa, isiqingata sesitandatu sehine: kwixesha ngexesha uya kusela. 12Njengezonkana zeṙalasi uya kusitya; nangelindle elipuma emntwini uya kusoja emehlweni abo.
13Wayesiti uyehova: Luya kwenje njalo usapo luka‐Sirayeli ukusitya isonka salo esinco̔lileyo pakati kwabaheyideni, apo ndiya kulugxotela kona.
14Ndaza ndati: Au, Nkosi Yehova! bona ke, umpefumlo wam awuzanga unco̔liswe: ngokuba ndingatyanga into esisidumbu, nento eqwengiweyo, kwa sebutsheni bam kwada kwakaloku; kanjalo akungenanga emlonyeni wam inyama edlubukileyo. 15Wandula wati kum: Kangela, ndikunikile amalongwe enkomo endaweni yelindle lomntu; wauya kusenza isonka sako pezu kwawo.
16Wabuya wati kum: Nyana woluntu! bona ke, ndiyawapula umsimelelo wesonka e‐Yerusaleme; babeya kusidla isonka ngokulinganiswa, nangesitukutezi; namanzi bowasela ngokwabiwa, nangokuti nqa; 17ukuze baswele isonka namanzi, bati nqa omnye pezu kwomnye, bangcungcuteke ngenkohlakalo yabo.

Currently Selected:

U‐Hezekile 4: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in