YouVersion Logo
Search Icon

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Efese 6

6
1Nina bantwana! yivani abazali benu enkosini; ngokuba oku kufanelekile. 2Beka uyihlo nonyoko, (oti lo ungumyalelo wokuqala unedinga,) 3ukuze kulunge kuwe, nokuba uhlale kade emhlabeni apa.
4Nani, boyise! ningavuseli abantwana benu ingqumbo; niti nibondlele ekululekeni nasekuyaleni kwenkosi.
5Nina makonza! yivani abazinkosi zenu ngokwenyama, ninokwoyika nokututumela, ngolungelelwano lwentliziyo yenu, nisenjenjalo njengakuye u‐Kristu; 6kungabi ngenkonzo yamehlo njengabakolisabantu, kube njengamakonza ka‐Kristu; nisenza intando katixo kwa ngentliziyo; 7nikonza ngokutanda, njengakuyo inkosi, kungekubo abantu; 8nisazi nje ukuba into elungileyo asukuba eyenza umntu, yona le uya kubuya ayamkele kwinkosi, nokuba ulikonza, nokuba ungokululekileyo.
9Nani, zinkosi! izinto ezikwa zizo zenzeni kuwo, niyeka ukusongela: nisazi nje ukuba kwa neyenu inkosi isezulwini, nokuba akuko ukuketa abantu kuyo.
10OKO kuseleyo, bazalwana bam! yibani nokwomelezeka enkosini, nasemandleni obomelelo bayo. 11Yambatani konke ukuxo̔ba kukatixo, ukuba nibe namandla ukuma ngakuwo amaqinga ka‐Satane. 12Ngokuba ukulwa kwetu kungengakuyo inyama negazi, kungakubo abanobupati, ngakubo abanegunya, ngakubo abapatilizwe bobumnyama belilizwe likoyo, ngakubo omoya benkohlakalo kwezasezulwini indawo. 13Ngenxa yoku tabatani konke ukuxo̔ba kukatixo, ukuze nibe namandla ukumela emhleni ombi, nokuti nikufezile kwa konke nje nime. 14Yimani ngoko, nisibinqile isinqe senu ngenyaniso, nisambete nesigcinisifuba sobulungisa, 15nenyawo zenu nizifakile izihlangu zokulungiselela kwevangeli yoxolo; 16pezu kwazo zonke ezizinto, nilitabatile ikaka lokolo, eniya kuba namandla ngalo ukucima zonke intolo ezitshayo zokohlakeleyo; 17nize namkele umnqwazi wosindiso, nesiṙele somoya, esililizwi likatixo; 18nitandaza ngamaxesha onke kumoya ngako konke ukutandaza nokukunga, nipapamela kwa yona lento, kuko konke ukuzingisa nokukunga ngenxa yabo bonke abangcwele; 19nikungela kwa nam, ukuba ndinikwe ilizwi ekuvuleni umlomo wam, ndize nditi ngokukalipa ndiyazise imfihlakalo yevangeli, 20enditi ngenxa yayo ndisisitunywa emxokelelwaneni; ukuba kuyo nditete ngokukalipa, njengoko ndifanele ukuteta ngako.
21Kodwa ukuze nizazi nani indawo zam, ukuba kunjanina ukuhlala kwam, uya kunazisa zonke izinto u‐Tikikusi, ongumzalwana otandiweyo nomkonzi onyanisekileyo enkosini; 22endimtumele kwa yona lento kuni, yokuba nikuqonde okwetu, nokuba azonwabise intliziyo zenu.
23Uxolo malube kubo abazalwana, notando ndawonye nokolo, luvela kutixo uyise nenkosi u‐Yesu Kristu. 24Ufefe malube nabo bonke abatandayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu kokungenakwonakala. Amene.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in