YouVersion Logo
Search Icon

I‐Duteronomi 2

2
1SANDULA sajika ke, sahambela ngasentlango ngendlela yaselwandle olubomvu, njengokuba uyehova ebetetile kum; saye sizekelela intaba ye‐Sehire imihla yamininzi. 2Waza watsho uyehova kum, esiti: 3Kwanele ukuzekelela kwenu intaba le; jikelani ngasenode. 4Nababantu ubayalele ngokuti: Niza kucanda emdeni wabazalwana benu, wosapo luka‐Esau, oluhleliyo e‐Sehire; oluya kunoyika ke: zilumkeleni kunene ngoko; 5nize ningalwi nalo; ngokuba ndingayi kunika kuni kwilizwe lalo, kwa nokunyatelwa kwomzantsi wonyawo: ngokuba ndimpile u‐Esau intaba ye‐Sehire ibe yimfuyo. 6Ukudla niya kukutenga kulo ngemali, ukuze nitye; namanzi kanjalo niya kuwatenga kulo ngemali, ukuze nisele. 7Ngokuba uyehova, utixo wako, ekutamsanqele kuyo yonke imisebenzi yesandla sako; uyakwazi yena ukuhamba kwako kulentlango enkulu; leminyaka imashumi mane uyehova, utixo wako, unawe; akuswelanga luto.
8Sati sakugqita kubazalwana betu usapo luka‐Esau, olube luhleli e‐Sehire, ngendlela yasetafeni, nge‐Elate, nange‐Hetsiyone‐gebere, sajika ke, sadlula ngendlela yentlango yase‐Mowabi. 9Waza uyehova wati kum: Ungapati ama‐Mowabi ngobutshaba, ungalwi nawo emfazweni kanjako: ngokuba ndingayi kunika kuwe kwilizwe lawo imfuyo; ngokuba ndilupile usapo luka‐Lote i‐Hari ibe yimfuyo: 10(Ama‐Eyime ahlala kuyo ngokwapambili, abantu abakulu, abaninzi, abade, njengama‐Hanaki; 11abebalwa ngokuba ngama‐Rafa nawo, njengama‐Hanaki; kanti ama‐Mowabi awabiza ngokuti ngama‐Eyime. 12Kwaye kuhlala nama‐Hori e‐Sehire ngokwapambili; kodwa usapo luka‐Esau lwawagqogqa, lwawatshabalalisa pambi kwalo, lwaza lwahlala esikundleni sawo; njengokuba o‐Sirayeli benje njalo nasezweni lemfuyo yabo, elo babelipiwe nguyehova.) 13Sukani kaloku, niwele umlanjana we‐Zerede. Saza sawela umlanjana we‐Zerede.
14Kekaloku imihla esibe sihamba ngayo sisuka e‐Kadeshe‐baneha, side sawela umlanjana we‐Zerede, yabiyiminyaka emashumi matatu anesibozo; kwada kwagqityelwa sonke isizukulwana samadoda okulwa pakati kwomkosi, njengokuba uyehova ewafungele. 15Ngokuba okunene isandla sikayehova besingakuwo, ukuba awabubise pakati kwomkosi, ade agqityelwe.
16Kwaza kwati, xeshikweni abegqityelwe onke amadoda okulwa ngokufa pakati kwabantu, 17wandula wateta uyehova kum, esiti: 18Uya kudlula namhla nje ngomda wase‐Mowabi, nge‐Hari; 19wauya kusondela pambi kwosapo luka‐Hamoni; ungalupati ngobutshaba, ungalwi nalo kanjako; ngokuba ndingayi kunika kuwe kwilizwe losapo luka‐Hamoni imfuyo: ngokuba ndilupile usapo luka‐Lote lona libe yimfuyo: 20(Eli libe libalwa ngokuba lilizwe lama‐Rafa nalo; ama‐Rafa ebehleli kulo ngokwapambili, kanti aba‐Hamoni bawabiza ngokuti ngama‐Zamzumi; 21abantu abakulu, abaninzi, abade, njengama‐Hanaki; owati uyehova wawatshabalalisa pambi kwabo, bada bawagqogqa, bahlala esikundleni sawo; 22njengokuba ebesenzela usapo luka‐Esau, oluhleliyo e‐Sehire, akutshabalalisa ama‐Hori pambi kwalo, lwada lwawagqogqa, lwahlala esikundleni sawo kwada kwanamhla nje. 23Kanjalo ama‐Havi abehleli e‐Hatserime, nakude kwase‐Gaza, wona ama‐Kafetori, abevela e‐Kafetori, wawatshabalalisa, wahlala esikundleni sawo.) 24Sukani, nihambe ke, niwele umlambo we‐Arenone: bona ke, ndinikile esandleni sako u‐Sihone um‐Amori, ukumkani we‐Heshebone, nelizwe lake; qala ukubamba, ulwe naye emfazweni. 25Namhla nje ndiya kuqala ukubeka ukunkwantywa kwako nokwoyikwa kwako pezu kwabantu abangapantsi kwalo lonke izulu, abaya kuva indaba ngawe, bangcangcazele, batutumele ngenxa yako.
26Ndaza ndasusa izigidimi entlango yase‐Kedemote ukuya ku‐Sihone, ukumkani we‐Heshebone, zinamazwi oxolo, ukuti: 27Mandicande elizweni lako; ndiya kuhamba ngendlela yodwa; andiyi kupambukela nasekunene nasekohlo. 28Wonditengisa ukudla ngemali, ukuba nditye; wondinika namanzi ngemali, ukuba ndisele; kupela ndiya kucanda ngenyawo zam; 29(njengokuba lwandenzela usapo luka‐Esau, oluhleliyo e‐Sehire, nama‐Mowabi ahleliyo e‐Hari;) ndide ndiwele i‐Yoredane ukuya ezweni asipayo uyehova, utixo wetu. 30Kodwa ebengavumi u‐Sihone, ukumkani we‐Heshebone, ukuba sidlule kuye: ngokuba uyehova, utixo wako, wenza lukuni umoya wake, nentliziyo yake wayigwenxisa, ukuze amnikele esandleni sako, njengokuba kunjalo kwa namhla.
31Waye uyehova esiti kum: Bona ke, sendiqalile ukunika pambi kwako u‐Sihone nelizwe lake; qala ukubamba, ukuba ulifuye ilizwe lake. 32Kwandula kwapumela ngakuti u‐Sihone, yena nabo bonke abantu bake, ukuza kulwa e‐Yahetsa. 33Koko uyehova, utixo wetu, wamnika ebusweni betu; saza sambeta, kwa nonyana bake, nabo bonke abantu bake. 34Saye sitimba zonke izixeko zake ngeloxesha, salahlela ekutshatyalalisweni amadoda ezixeko zonke, nabafazi, nentsapo; besingashiya namntu oseleyo: 35kupela sazipangela inkomo, namaxoba ezixeko esibe sizitimbile. 36Kwa kuyo i‐Harohere, eselunxwemeni lwomlambo we‐Arenone, nesixeko esisentilini, kwada kwase‐Gileyadi, akwabiko nqili eyasinqabelayo; zonke uyehova, utixo wetu, wazinika pambi kwetu. 37Kupela beningasondeli kulo ilizwe losapo luka‐Hamoni, nakwenye indawo yasemlanjeni we‐Yaboki, nasezixekweni zentaba, nakokusukuba ebesiyalile ngako uyehova, utixo wetu.

Currently Selected:

I‐Duteronomi 2: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in