I‐Duteronomi 19
19
1XESHEKWENI uyehova, utixo wako, aya kuzicita intlanga, ezilizwe uyehova, utixo wako, alinika kuwe, uze ulifuye esikundleni sazo, uhlale ezixekweni zazo nasezindlwini zazo; 2uya kuzahlulela izixeko zibe zitatu pakati kwelizwe lako, ulipiwayo nguyehova, utixo wako, ukuba ulifuye. 3Uya kuzilungisela indlela, uwahlule umda welizwe lako, oya kwamkeliswa ilifa lalo nguyehova, utixo wako, ezahlulweni ezitatu: kwoba njalo ke, ukuba kusabele kona bonke ababulali.
4Yiyo le indawo yombulali, oya kusabela kona, ukuba adle ubomi: osukuba ebulala ummelwane wake ngokungazi, lowo angamtiyanga ngamaxesha apambili; 5(njengokuya aya nommelwane wake ehlatini ukugaula imiti, sisuke isandla sake sibete ngezembe, ukuba anqumle umti, iti intsimbi ijube empinini, ihle pezu kwommelwane wake, ade afe;) oyena uya kusabela kwesinye sezixeko ezo, adle ubomi: 6hleze umpindezeli wegazi aputume umbulali, nxa ishushu intliziyo yake, amfumane, ngenxa yokuba indlela ikude, ambulale ubomi; kungeko kuye ityala lokufa nje, ekubeni abengamtiyi ngamaxesha apambili. 7Ngako oko ndiyakuyalela, ndisiti: Uya kuzahlulela izixeko zibe zitatu.
8Kanjako ukuba uyehova, utixo wako, uya kuwenza banzi umda wako, njengokuba efungele oyihlo bako, akunike lonke ilizwe wabeteta ngalo ukuba alinike koyihlo bako; 9nxa uya kugcina wonke lomyalelo ukuba uwenze, lowo ndikuyalelayo namhla, wokuba utande uyehova, utixo wako, nokuba uhambe ezindleleni zake imihla yonke; uya kwandula usongeze izixeko ezitatu ngapezu kwezitatu ezo; 10ukuba kungapalazwa igazi longenatyala pakati kwelizwe lako, ulipiwayo nguyehova, utixo wako, libe lilifa, lize igazi libe pezu kwako.
11Kodwa xeshekweni kuko umntu otiya ummelwane wake, amlalele, asukele ngakuye, ambulale ubomi, ade afe; andule asabele kwesinye sezixeko ezo; 12boti abadala besixeko sake batume ke, bamzeke kona, bamnikele esandleni sompindezeli wegazi, ukuba afe. 13Iliso lako aliyi kuba nosizi pezu kwake, kodwa uya kukwelelisa igazi longenatyala kwa‐Sirayeli, ukuba kulunge kuwe.
14Akuyi kushenxisa umda wommelwane wako, lowo abakudala bawumisa elifeni lako, oya kulamkela elizweni ulipiwayo nguyehova, utixo wako, ukuba ulifuye.
15Inqi̔na linye aliyi kuvuka ngasemntwini ngenxa yenye inkohlakalo, nangenxa yesinye isono, kuzo zonke izono ona ngazo: ngomlomo wamanqi̔na amabini, umhlaumbi ngomlomo wamanqi̔na amatatu, indawo iya kuma.
16Nxa livuka inqi̔na lobumenemene ngasemntwini, ukuba linqi̔ne ngakuye impambuko; 17baya kwandula abobantu bobabini, ekupakati kwabo ipike, beme pambi kwoyehova, pambi kwabaperisite nabagwebi, abaya kubako ngaleyomihla; 18bati abagwebi bakolise ukubuza: kekaloku bona ke, ukuba inqi̔na elo linqi̔na elibuxoki, nokuba linqi̔nile ubuxoki ngakuye umzalwana walo; 19seniya kwenza kulo, njengokuba libe licingile ukwenza kumzalwana walo: kwa njalo uya kukwelelisa inkohlakalo pakati kwenu; 20baze abaseleyo beve, boyike, bangabi sapinda ukwenza njengalendawo ekohlakeleyo pakati kwenu. 21Kanjako iliso lako aliyi kuba nosizi; ubomi bonikwa ngenxa yobomi, iliso ngenxa yeliso, izinyo ngenxa yezinyo, isandla ngenxa yesandla, unyawo ngenxa yonyawo.
Currently Selected:
I‐Duteronomi 19: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.