I‐Duteronomi 17
17
1AKUYI kubingela uyehova, utixo wako, inkabi, umhlaumbi igusha, ekukuyo isonakalo umhlaumbi enye into embi: ngokuba oko kuyintshontsho kuyehova, utixo wako.
2Xeshekweni kufunyanwa pakati kwenu, pakati kwelinye lamasango ako uwapiwayo nguyehova, utixo wako, indoda, umhlaumbi umfazi, eyenzileyo inkohlakalo emehlweni kayehova, utixo wako, ngokugqita ucebano lwake; 3ukuba yaya yabakonza otixo bambi, yatoba pantsi kubo, umhlaumbi elangeni, umhlaumbi enyangeni, umhlaumbi kuwo wonke umkosi wezulu, into endingayalelanga yona; 4kwaza kwaxelwa kuwe, weva ke, wakolisa ukubuza, kekaloku bona ke, kuyinene, kuyinto eqinileyo, kwenziwe intshontsho enjalo kwa‐Sirayeli: 5uya kwandula ukupe indoda leyo umhlaumbi umfazi lowo, abayenzileyo lento ikohlakeleyo, baye emasangweni ako, kwa londoda umhlaumbi lomfazi; wauya kubagibisela ngamatye, bade bafe.
6Ngomlomo wamanqi̔na amabini, umhlaumbi wamanqi̔na amatatu, uya kufiswa lowo ofanele ukufa; akayi kufiswa ngomlomo wenqi̔na linye. 7Isandla samanqi̔na soba pezu kwake kuqala, ukuba afiswe, nesandla sabantu bonke kamva Kwa njalo uya kukwelelisa inkohlakalo pakati kwenu.
8Xeshekweni kuko into ekugwebeni ekunqabeleyo, pakati kwegazi negazi, pakati kwetyala netyala, pakati kwesibeto nesibeto, izinto zempikisano emasangweni ako; uya kwandula ukusuka unyukele endaweni, aya kunyula yona uyehova, utixo wako; 9wauya kuza kubaperisite abangaba‐Levi, nakumgwebi oya kubako ngalomihla, ubuze ke; abaya kuxela kuwe into yokugweba: 10wauya kwenza ngokuteta kwelizwi abaya kulixela kuwe, bekulondawo aya kuyinyula uyehova; ewe, uya kulumkela ukwenza ngako konke abaya kukufundisa kona: 11ngokuteta kwomteto abaya kukufundisa wona, nangokugweba abaya kukutsho kuwe, uya kwenza; akuyi kupambuka kwelozwi abaya kulixela kuwe, nangasekunene nangasekohlo. 12Kanjako lowamntu oya kwenza nger̔atshi, ngokungapulapuli kumperisite omiyo ukukonza kona uyehova, utixo wako, umhlaumbi kumgwebi, kwa umntu lowo uya kufa: wauya kukwelelisa inkohlakalo kwa‐Sirayeli; 13bati bonke abantu bapulapule, boyike, bangabuyi benze nger̔atshi.
14Xeshekweni uya kufika kwelozwe ulipiwayo nguyehova, utixo wako, ude ulifuye, uhlale nokuhlala kulo, uze uti: Ndiya kumisa ukumkani pezu kwam, njengazo zonke intlanga ezindingqongayo; 15uya kuqinisa ukummisa pezu kwako abe ngukumkani, lowo aya kunyula yena uyehova, utixo wako; owapakati kwabazalwana bako uya kummisa pezu kwako abe ngukumkani; akungebe nako ukubeka pezu kwako umntu wolunye uhlanga, lowo ungenguye umzalwana wako. 16Kodwa akayi kuzandisela amahashe, nabantu akayi kubabuyisela e‐Jipete, ukuze kwandiswe amahashe; ngokuba uyehova etshilo kuni ukuti: Anisayi kupinda ukubuya ngalondlela. 17Kanjako akayi kuzandisela abafazi, ize ingapambuki intliziyo yake; akayi kuzandisela kakulu isilivere negolide kananjalo. 18Kwakuya kuti, akuhlala pezu kweterone yobukumkani bake, woziba̔lela isipindwa salomteto encwadini, sitatyatwa kwa kuleyo epambi kwabaperisite abangaba‐Levi; 19esiya kuba naye, waeya kulesesha kuso yonke imihla yokudla kwake ubomi; ukuze afunde ukwoyika uyehova, utixo wake, agcine onke amazwi alomteto, nezimiselo ezi, azenze; 20ukuba ingapakami intliziyo yake pezu kwabazalwana bake, nokuba angapambuki kuwo umyalelo, nangasekunene nangasekohlo: ukuze ayolule imihla ebukumkanini bake, yena nonyana bake, pakati kwo‐Sirayeli.
Currently Selected:
I‐Duteronomi 17: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.