I‐Duteronomi 15
15
1EKUPELENI kweminyaka esixe̔nxe uya kukwenza ukuyeka. 2Yiyo le indawo yokuyeka: Osukuba engumboleki, obolekayo ummelwane wake into, makayiyeke; akayi kuyibanga kummelwane wake nakumzalwana wake, ngokuba kubizwa ngokuti kukuyeka ngenxa yoyehova. 3Owolunye uhlanga ungayibanga kuye: kanti oko unako kumzalwana wako, isandla sako sokuyeka; 4kungenjalo kupela, nxa kungayi kubako kuwe olihlwempu; ngokuba uyehova eya kukolisa ukukutamsanqela elizweni, ulipiwayo nguyehova, utixo wako, libe lilifa, ukuba ulifuye: 5ukuba kodwa uyakutala ukupulapula ilizwi likayehova, utixo wako, uze ulumkele ukuyenza yonke lemiyalelo endikuyalelayo namhla. 6Ngokuba uyehova, utixo wako, eya kukutamsanqela, njengokuba etshilo kuwe: wauya kuboleka intlanga ezininzi, kanti akuyi kuboleka kuzo; kanjalo uya kupata ubukosi pezu kwentlanga ezininzi, kanti zona aziyi kupata ubukosi pezu kwako.
7Xeshekweni kuya kubako kuwe olihlwempu, owakubo abazalwana bako, pakati kwamanye amasango ako, elizweni lako ulipiwayo nguyehova, utixo wako, akuyi kuyenza lukuni intliziyo yako, akuyi kufumbata isandla sako kanjalo, kumzalwana wako olihlwempu; 8koko uya kumvulela isandla sako ngokukolisa, unxamele ukumboleka okwanele ukuswela kwake okumsweleleyo. 9Zilumkele, ukuba kungabiko entliziyweni yako ilizwi lobunginingini, lisiti: Kusondela umnyaka wesixe̔nxe, umnyaka wokuyeka; lize iliso lako libe libi ngakuye umzalwana wako olihlwempu, ude ungamniki nto; andule abize kuyehova pezu kwako, kubeko kuwe isono. 10Uya kumnika ngenyaniso, iti intliziyo yako ingabi nabuhlungu wakumnika: ngokuba ngenxa yalendawo uyehova, utixo wako, eya kukutamsanqela kuyo yonke imisebenzi yako, nakuko konke usolulela kona isandla sako. 11Ngokuba ihlwempu lingayi kupela pakati kwelizwe; ngako oko ndikuyalele ngokuti: Kolisa ukuvula isandla sako kumzalwana wako, kudwai lwako nakwihlwempu lako elizweni lako.
12Xeshekweni kutengiswa kuwe umzalwana wako, um‐Hebere, umhlaumbi um‐Heberekazi, okukonza iminyaka emitandatu; uya kwandula ngomnyaka wesixe̔nxe umndulule ekululekile kuwe. 13Naxeshekweni umndululayo ekululekile kuwe, akuyi kumndulula engenanto: 14uya kukolisa ukumtwesa emhlambini wako, nasesibayeni sako sokubula, nasesincinezelweni sako seveyine: kuko oko uyehova, utixo wako, akutamsanqele ngako, uya kumnika. 15Wauya kukumbula ukuba ubusisicaka elizweni le‐Jipete, nokuba uyehova, utixo wako, wakukulula: ngako oko ndiyakuyalela lento namhla nje. 16Kodwa kuya kuti, nxa atshoyo kuwe ukuti: Andiyi kupuma kuwe; ngenxa yokuba etanda wena nabendlu yako, ngokuba kulungile kuye enawe; 17uya kwandula utabate inyatyowa, uhlabe endlebeni yake naselucangweni, waeya kuba sisicaka sako kude kube ngunapakade. Kanjako isicakakazi sako uya kwenje njalo nakuso. 18Akuyi kuba nzima emehlweni ako, wakumndulula ekululekile kuwe; ngokuba ngento elingana nokupindwa kwomvuzo womqeshwa ekukonzile iminyaka emitandatu: waeya kuti uyehova, utixo wako, akutamsanqele kuko konke ukwenzayo.
19Onke amazibulo, lawo aya kuzalwa pakati kwenkomo zako napakati kwegusha zako, engamaduna, uya kuwenza ngcwele kuyehova, utixo wako; akuyi kusebenza ngezibulo lenkomo yako, akuyi kuceba izibulo legusha yako kanjako. 20Uya kulidla pambi kwoyehova, utixo wako, umnyaka ngomnyaka, endaweni aya kuyinyula uyehova, wena nabendlu yako.
21Koko ukuba kuko isonakalo kulo, ukuba sisiqwala umhlaumbi yimfama, ukuba linesinye isonakalo esibi, akuyi kubingelela lona kuyehova, utixo wako. 22Uya kulidla pakati kwamasango ako; onco̔lileyo nococekileyo bofana ukulidla kwabo, njengebadi nanjengexama. 23Kupela igazi lalo akuyi kulidla; uya kugalela lona pezu kwomhlaba njengamanzi.
Currently Selected:
I‐Duteronomi 15: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.