I‐Duteronomi 11
11
1Kukona uya kutanda uyehova, utixo wako, ugcine umyalezelo wake, nezimiselo zake, nezigwebo zake, nemiyalelo yake, ngamaxesha onke.
2Yazini ke namhla, ukuba anditeti nabantwana benu, abangazanga nabangabonanga isohlwayo sikayehova, utixo wenu; ubukulu bake, isandla sake esomeleleyo, nengalo yake eyolulweyo; 3nemiqondiso yake, nezenzo zake, abezenza pakati kwe‐Jipete, ku‐Faro ukumkani we‐Jipete, nakulo lonke ilizwe lake; 4noko abekwenza empini yama‐Jipete, emahasheni awo, nasezinqwelweni zawo zokulwa, okokuba welisa amanzi olwandle olubomvu pezu kwawo, nxa aniputumayo, nokuba wawatshabalalisa kwada kwanamhla; 5noko abekwenza kuni entlango, nada nafika kulendawo; 6noko abekwenza ku‐Datane naku‐Abirame, onyana baka‐Eliyabe, unyana ka‐Rubene, okokuba umhlaba wakamisa umlomo wawo, wabaginya, kwa nabendlu zabo, nentente zabo, nako konke okuhleliyo okube kulunge kubo, pakati kwo‐Sirayeli bonke: 7ngokuba amehlo enu ewubonile wonke lomsebenzi omkulu kayehova abewenza. 8Yigcineni ngoko yonke imiyalelo endiniyalelayo namhla; ukuze nibe nomelele, niye nilifuye ilizwe, eniwelela kona ukuba nilifuye; 9nokuze nolule imihla pezu kwalomhlaba, uyehova wafungela oyihlo benu ukuba wowunika kubo nakwinzalo yabo; ilizwe elela ubisi nobusi.
10Ngokuba ilizwe, apo uya kona ukuba ulifuye, lingenjengelizwe le‐Jipete lona, apo navela kona, apo wahlwayelayo imbewu yako, wayinyela ngonyawo lwako, njengesitiya semifuno: 11kodwa ilizwe, eniwelela kona ukuba nilifuye, lilizwe lentaba nemihlambo; liyasela amanzi ngemvula yezulu: 12lilizwe uyehova, utixo wako, alikatalelayo: kufuti amehlo kayehova, utixo wako, apezu kwalo, kwa sekuqaleni kwomnyaka nakude kube sekupeleni kwomnyaka.
13Kwakuya kuti, nxa niya kukutala ukupulapula imiteto yam endiniyalelayo namhla, yokuba nimtande uyehova, utixo wenu, nokuba nimkonze ngayo yonke intliziyo yenu nangawo wonke umpefumlo wenu; 14ndiya kwandula ndinike imvula yomhlaba wenu ngexesha layo, eyapambili imvula neyasemva imvula; ukuze ubute inqolowa yako, neveyine yako, neoli yako. 15Ndandiya kunika inca ezindleni zako ibe yeyenkomo zako; wauya kutya uhlute nokuhluta.
16Zilumkeleni, hleze intliziyo yenu ihendwe, nide nipambuke, nikonze otixo bambi, nitobe pambi kwabo; 17yandule ivute ingqumbo kayehova ngakuni, ade avingce izulu, ukuba ingabiko imvula, nokuba umhlaba unganiki ukuhluma kwawo; nize nibube kamsinya kwelolizwe lilungileyo enilipiwayo nguyehova.
18Ngako lamazwi am uya kuwabeka entliziyweni yenu, nasempefumlweni wenu; nowabopa abe ngumqondiso pezu kwesandla senu, aeya kuba njengembasa pakati kwamehlo enu: 19naniya kuwafundisa kubantwana benu, nitete ngawo, ekuhlaleni kwako endlwini yako nasekuhambeni kwako endleleni, nasekulaleni kwako, nasekuvukeni kwako: 20kanjako uya kuwaba̔la pezu kwemigubasi yendlu yako, nasemasangweni ako: 21kuze kwolulwe imihla yenu, nemihla yabantwana benu, kwelolizwe wabefungela oyihlo benu uyehova ukuba alinike kubo, njengemihla yezulu pezu kwomhlaba.
22Ngokuba xeshekweni nikutala ukugcina yonke lemiyalelo endiniyalelayo ukuba niyenze, yokuba nimtande uyehova, utixo wenu, nihambe kuzo zonke indlela zake, ninamatele nokunamatela kuye; 23woti uyehova agqogqe zonke ezintlanga kwa pambi kwenu, naniya kufuya okwentlanga ezizezinkulu nezinamandla pezu kwenu. 24Zonke indawo, uya kunyatela kuzo umzantsi wenyawo zenu, zoba zezenu: kutabata entlango ne‐Lebanone, nakuwo umlambo, umlambo ongum‐Ferate, nakude kube lulwandle lwasemva, kwoba ngumda wenu. 25Akuko mntu oya kuba nokuma pambi kwenu: ukunkwantywa kwenu nokwoyikwa kwenu wokubeka uyehova, utixo wenu, pezu kwawo wonke umhlaba eniya kunyatela kuwo, njengokuba etshilo kuni.
26Bona ke, ndiyabeka ebusweni benu namhla nje itamsanqeliso nesiqalekiso: 27itamsanqeliso, nxa nivayo imiyalelo kayehova, utixo wenu, endiniyalelayo namhla; 28nesiqalekiso, ukuba aniyi kuva imiyalelo kayehova, utixo wenu, nipambuka endleleni endiniyalela ngayo namhla, ukuya kulandela otixo bambi, abo nibe ningabazi.
29Kwakuya kuti, nxa uyehova, utixo wako, akungenisile elizweni apo uya kona ukulifuya, niya kwandula ninike itamsanqeliso pezu kwentaba ye‐Gerizime, nesiqalekiso pezu kwentaba ye‐Hebali. 30Ezontaba azipesheya kwe‐Yoredane na, emva kwendlela ngasekutshoneni kwelanga, elizweni laba‐Kanane, abahleliyo etafeni, malungana ne‐Gilegale, kufupi neyeke zika‐More? 31Ngokuba niya kuwela i‐Yoredane, ukuya kulifuya elozwe enilipiwayo nguyehova, utixo wenu; naniya kulifuya, nihlale nokuhlala kulo.
32Lumkelani ngoko ukuzenza zonke izimiselo nezigwebo, endizibekayo pambi kwenu namhla nje.
Currently Selected:
I‐Duteronomi 11: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.