YouVersion Logo
Search Icon

U‐Danyeli 2

2
1NGOWESIBINI umnyaka wobukumkani buka‐Nebukanetsare, wapupa u‐Nebukanetsare amapupa, waza waxa̔liswa umoya wake, bemka kuye nobutongo bake. 2Wasuka watyela ukumkani ukuba makubizwe incibi, nabanyangi, nezanuse, naba‐Kaledine, ukuze bambonise ukumkani amapupa ake. Beza ke bema ebusweni bokumkani. 3Wayesiti kubo ukumkani: Ndilipupile ipupa; kanjalo umoya wam uxa̔lele ukulazi ipupa elo.
4Bandula bateta aba‐Kaledine kukumkani ngesi‐Siriya, besiti: Kumkani, hlala uhleli kude kube ngunapakade! Tyelela izicaka zako ipupa, nokutyilwa kwalo sokuxela.
5Wapendula ukumkani wati kuba‐Kaledine: Indawo imkile kum; ukuba anindazisi ipupa, nokutyilwa kwalo, niya kuhlahlwa, ziti izindlu zenu zenzwe imfumba yenkunkuma. 6Kodwa ukuba niyaxela ipupa, nokutyilwa kwalo, niya kwamkela kum amabaso, nemivuzo, nodumo olukulu; ngako oko ndixeleleni ipupa, nokutyilwa kwalo.
7Bapendula ngokwesibini bati: Makati ukumkani azityelele izicaka zake ipupa, nokutyilwa kwalo sokuxela.
8Wapendula ukumkani wati: Ndiyazi ngokuqinileyo ukuba ninga ningazuza ixesha, nibona nje ukuba indawo imkile kum. 9Kodwa ukuba anindazisi ipupa, ukwa mnye umteto ngani; ngokuba amazwi abuxoki nakohlakeleyo nivumelene ukuwateta pambi kwam, kude kuguqulwe ixesha: ngako oko ndityeleleni ipupa, ndandiya kwazi ukuba ukutyilwa kwalo ningakuxela.
10Bapendula aba‐Kaledine pambi kwokumkani, bati: Akuko mntu pezu kwomhlaba ongayixelayo indawo yokumkani: ngoko akuko ukumkani, nenkosi, nompati, oke wabuza into enjalo kwenye incibi, nomnyangi, nom‐Kaledine. 11Ngokuba indawo ebuzwayo ngukumkani inqabile; kananjalo akuko namnye ongayixelayo pambi kwokumkani, kupela ngotixo, abakuhlala kungenaluntu.
12Ngako oko waqumba ukumkani, wababama kunene, watyela ukuba makubujiswe onke amalumko ase‐Babilone. 13Waza wapuma umteto wokuba amalumko abulawe: kwafunwa no‐Danyeli, namakolwane ake, ukuba babulawe.
14Wandula wapendula u‐Danyeli ngobutelekelelo nangobuqiqo ku‐Ariyoki, inkosi yomlisela wokumkani, obepumile ukuya kubulala amalumko ase‐Babilone: 15wapendula wati ku‐Ariyoki, igosa lokumkani: Yinina ukuba umteto unxamile kangaka ukuvela kukumkani? Wandula u‐Ariyoki wamazisa u‐Danyeli indawo. 16Waza wangena u‐Danyeli, wacela kukumkani ukuba ammisele ixesha, ukuze axele ukutyilwa kukumkani.
17Wandula u‐Danyeli waya endlwini yake, washumayela indawo ku‐Hananiya, naku‐Mishayeli, naku‐Hazariya, amakolwane ake; 18ukuba bacele izibele kutixo wezulu ngalemfihlakalo, ukuze kungabubi u‐Danyeli namakolwane ake kunye namanye amalumko ase‐Babilone.
19Yada imfihlakalo yatyilelwa u‐Danyeli ngomboniso wobusuku. Wandula u‐Danyeli wambonga utixo wezulu. 20Wapendula u‐Danyeli, wati: Igama likatixo malibongwe kwa kunapakade kude kube ngunapakade; ngokuba bubobake ubulumko namandla. 21Yena uyaguqula amaxesha nemizuzu; uyasusa okumkani, uyamisa okumkani kanjalo; uyanika ubulumko kwabalumkileyo, nokwazi kwabaziyo ukuqonda. 22Izinto ezinzulu nezifihlakeleyo uyazityila: oko kusebumnyameni uyakwazi, nokukanya kuhleli naye. 23Ndiyabulela kuwe, ndikudumise, Tixo wobawo bam! ondinikileyo ubulumko namandla, wandazisa kaloku nje oko sibe sikufuna kuwe; ngokuba nguwe osazisileyo indawo yokumkani.
24Wati ngoko u‐Danyeli wangena ku‐Ariyoki, lowo abemmisele ukumkani ukuba abubise amalumko ase‐Babilone: waya watsho kuye ngokuti: Ungabubisi amalumko ase‐Babilone; ndingenise pambi kwokumkani, ndandiya kuxela ukutyilwa kukumkani. 25Waza u‐Ariyoki wangenisa u‐Danyeli pambi kwokumkani ngobunxamo, watsho kuye ngokuti: Kendifumene indoda elusatsheni lwasekutinjweni kwo‐Juda, eya kumazisa ukumkani ukutyilwa.
26Wapendula ukumkani wati ku‐Danyeli, ogama lingu‐Beleteshatsare: Unamandla na okuba undazise ipupa endilibonileyo, nokutyilwa kwalo?
27Wapendula u‐Danyeli ebusweni bokumkani, wati: Imfihlakalo ebuzwayo ngukumkani akangeyixele amalumko, nabanyangi, nencibi, namatola, kukumkani; 28kodwa kuko utixo ezulwini ozityilayo imfihlakalo, owazisile ukumkani u‐Nebukanetsare oko okuza kubako emihleni yokupela. Ipupa lako, nemiboniso yentloko yako upezu kwomandlalo wako, yiyo le: 29Wena, kumkani! izicamango zako upezu kwomandlalo wako zenyuka, zicamanga oko okuya kubako emveni kwoku; nalowo ozityilayo imfihlakalo ukwazisile oko okuya kubako. 30Mna ke, imfihlakalo le andityilelwe yona ngobulumko endinabo ngapezu kwabo bonke abahleliyo; koko kungenxa yokuba ukutyilwa kwaziswe kukumkani, nokuba uzazi izicamango zentliziyo yako.
31Wena, kumkani! ubukangela; kekaloku nanguya umfanekiso omkulu. Lomfanekiso umkulu, onkazimlo ibiyegqitisileyo, ubumi pambi kwako; nokubonakala kwawo ubusoyikeka. 32Umfanekiso lowo, intloko yawo ibiyeyegolide entle; isifuba sawo nengalo zawo zibe zizezesilivere; isisu sawo namatanga awo abengawexina; 33imilenze yawo ibiyeyesincete; inyawo zawo, inxenye ibiyeyesincete, nenxenye ibiyeyodongwe. 34Wabukangela kwada kwasikelwa ilitye kungeko izandla, elabeta umfanekiso lowo pezu kwenyawo zawo zesincete nodongwe, laziti viti. 35Kwandula kwatiwa viti kwa kunye isincete, udongwe, ixina, isilivere, negolide, zaba njengomququ wasezibayeni zehlobo; waza umoya wazemkisa, kwada akwazifunyanelwa nanye indawo; kanti ilitye elabeta umfanekiso laba yintaba enkulu, lazalisa umhlaba wonke. 36Leli ipupa; nokutyilwa kwalo siya kutyela kona pambi kwokumkani.
37Wena, kumkani! ungukumkani kakumkani: ngokuba utixo wezulu ekunikile ubukumkani, nobukulu, namandla, nodumo. 38Nalapo kusukuba kumiwa kona lusapo lwabantu, izilo zasendle nentaka zezulu uzinikile esandleni sako, wakwenza umpati pezu kwazo zonke. Wena ke uyintloko leyo yegolide. 39Nasemveni kwako kwovuka obunye ubukumkani, bubuncinane kobako; nobunye, ubukumkani besitatu, obexina, obuya kupata ubukosi pezu kwomhlaba wonke. 40Nobesine ubukumkani bona boba namandla njengesincete; ngokokuba isincete siziti viti sizikande zonke izinto: nanjengesincete, esiqekeza ezizinto zonke, boti viti buqekeze nabo. 41Nokokuba wabubona inyawo namazwane, inxenye iludongwe lwombumbi, nenxenye isisincete, ubukumkani obo boba bahlukile; kodwa kuya kubako okwokwomelela kwesincete kubo, ngokokuba ububona isincete sixutyiwe nodongwe olubudaka. 42Kanjalo njengokuba amazwane enyawo ebesisincete inxenye, nodongwe inxenye, kwa njalo ubukumkani obo, ngenxenye boba namandla, nangenxenye boba buqoboqobo. 43Nokokuba wabubona isincete sixutyiwe nodongwe olubudaka, baya kuzixubanisa nenzalo yabantu; kanti abayi kunamatela omnye kwomnye, kwa njengokuba isincete singaxubeki nodongwe. 44Nasemihleni yokumkani aba, utixo wezulu uya kumisa ubukumkani, obungayi kuza butshatyalaliswe napakade: obubukumkani abuyi kushiyelwa kwabanye abantu; buya kubuti viti obobukumkani bonke bubugqibele, kanti buya kuma bona kude kube ngunapakade; 45ngokokuba ububona ukuba ilitye belisikwa entabeni kungeko izandla, nokuba laziti viti isincete, ixina, udongwe, isilivere, negolide.
Utixo omkulu umazisile ukumkani oko okuya kubako emveni kwoku: kanjalo ipupa liqinile, nokutyilwa kwalo kuyinyaniso.
46Wandula ukumkani u‐Nebukanetsare wawa ngobuso bake, waziqubuda pambi kwo‐Danyeli, waxela ukuba makunikelwe kuye umnikelo wokudla namavumba amnandi. 47Wapendula ukumkani ku‐Danyeli, wati: Kuyinene ukuba utixo wenu unguye utixo wotixo, nenkosi yokumkani, nomtyili wemfihlakalo, ukuba ubunamandla okuyityila imfihlakalo le.
48Wandula ukumkani wamenza mkulu u‐Danyeli, wampa amabaso amakulu amaninzi, wamenza umpati pezu kwalo lonke ilizwana le‐Babilone, nenkosi enkulu pezu kwamalumko onke ase‐Babilone. 49Waza u‐Danyeli wacela kukumkani, owamisa u‐Shadraki, no‐Meshaki, no‐Habedi‐nego, pezu kwemicimbi yalo ilizwana le‐Babilone; kodwa u‐Danyeli wahlala esangweni lokumkani.

Currently Selected:

U‐Danyeli 2: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in