Izenzo zabapostile 26
26
1Waza u‐Agiripa wati ku‐Paulusi: Uvunyelwa ukuba uzitetele. Wandula u‐Paulusi wolula isandla, wazipendulela, esiti:
2Ndiba ndinetamsanqa, kumkani Agiripa! ukuba ndiya kuzipendulela pambi kwako namhla, ngenxa yezinto zonke endinikwa ityala ngazo ngama‐Juda: 3ngokukodwa, kuba usazana nawo onke amasiko namabuzo apakati kwama‐Juda: ngako ndiyakukunga ukuba undive ngokunyamezela. 4Kekaloku ukuhlala kwam kutabata ebutsheni bam, okwabako kwa sekuqaleni pakati kwohlanga lwam e‐Yerusaleme, ayakwazi onke ama‐Juda; 5abenokundazi ngapambili kanye, ukuba ebevuma ukunqi̔na, okokuba ngokwohlobo lwembedesho yetu oluzalisekileyo kuzo zonke ndahlala ndingumfarisi. 6Nakaloku ndimi ndibuzwa pezu kwetemba lesibambiso esenzelwa obawo ngutixo; 7eziti izizwe zetu ezilishumi linazibini, zikonza uTixo ngokunyameka emini nasebusuku, zitembele ukusizuza: enditi ngenxa yelotemba, kumkani Agiripa! ndinikwe ityala ngama‐Juda. 8Yinina? kutwa na nini ukuti yinto ekungekolwe yiyo, ukuba utixo uyavusa abafileyo? 9Kwa njalo ke mna ngokwam ndaba ndinge ndisenza izinto ezininzi ezica̔sene negama lika‐Yesu wase‐Nazarete: 10endite oko kanjako ndakwenza e‐Yerusaleme; ewe abaninzi bakubo abangcwele ndabavalela ezintolongweni, ndilamkele igunya kubaperisite abakulu; naxeshekweni bebebulawa, ndanika ilizwi lam ngakubo. 11Nakuzo zonke izindlu zentlanganiso, ndibabeta futi nje, ndibe ndibanyanzela ukugxeka; kanjalo ndibababamela kakulukazi ke, ndibe ndibatshutshisa kwada kwakuzo nezixeko ezingapandle. 12Endandite pakati kwezizinto, nxa bendihambela e‐Damakusi ndinegunya nomyalezo kubo abaperisite abakulu, 13emini enkulu, kumkani! ndabona endleleni inkanyiso ivela ezulwini, ngapezu kwokukazimla kwelanga, ikanya ngakum nangakubo abebehamba nam ngokungqonga. 14Kekaloku sakuba siwile pantsi sonke emhlabeni, ndeva ilizwi liteta kum lisiti nokuti ngokuteta kwama‐Hebere: Saulusi, Saulusi! uyanditshutshisela nina? kunzima kuwe ukukaba ngasezihlabeni. 15Ndaza ndati mna: Ungubanina, Nkosi? Yayisiti yona: Mna ndingu‐Yesu, lowo umtshutshisayo. 16Kodwa suka, ume ngenyawo zako: ngokuba ndibonakalele oku kuwe, ukuba ndikumisele ube ngumkonzi nenqi̔na, nangezozinto uzibonileyo, nangezo endiya kubonakala kuwe kuzo; 17ndikuhlangula ebantwini nasebaheyidenini, endikutuma kubo kaloku; 18ukuba uvule amehlo abo, ukuze baguquke ebumnyameni bangene ekukanyeni, nasemandleni ka‐Satane beze kutixo, ukuze bamkele ukuxolelwa kwezono, nelifa pakati kwabenziwe ngcwele, ngalo ukolo olungakum. 19Kukona, kumkani Agiripa! ndandingenakungeva esosibonakaliso sasezulwini; 20koko ndandishumayela kubo abase‐Damakusi kuqala, nase‐Yerusaleme, napakati kwalo lonke ilizwe le‐Judeya, nakubaheyideni, ukuba bagqoboke, baguqukele kutixo, besenza imisebenzi eyelelana nogqoboko. 21Abesiti ama‐Juda ngenxa yezizinto, endibambile etempileni, alinga ukundibulala. 22Ngako ndizuzile usizo kutixo nje, ndisemi kwada kwayimini le, ndinqi̔na nakuye omncinane nakuye omkulu, ndingateti nanye into ngapandle kwezo ababete nabaprofite no‐Mosesi ziya kubako; 23ukuba u‐Kristu ufanele ukuva intlungu, ukuba woba ngowokuqala kwabavuka kubafileyo, ashumayele ukanyiso kubo abantu nakubo abaheyideni.
24Kekaloku nxa abezipendulela njalo, wati u‐Festusi ngelizwi elikulu: Uyageza, Paulusi! ufundo oluninzi luyakugezisa. 25Kodwa yena wati: Andigezi, Festusi odumileyo kakulu! koko ndiwapimisela amazwi enyaniso nawentelekelelo: 26ngokuba ukumkani esazi kakulu ngazo ezizinto, enditeta kuye kanjalo ngokukalipa: ngokuba ndinokukolwa kukuba akafihlelwa nanye yezizinto; ngokuba oku kungenziwanga egumbini. 27Uyakolwa ngabaprofite na, kumkani Agiripa? Ndiyazi ukuba uyakolwa ngabo. 28Waza u‐Agiripa wati ku‐Paulusi: Upantsi kundicenga ukuba ndibe ngum‐Kristu. 29Wati u‐Paulusi: Ngendinqwena kutixo, ukuba, nangokupantsi nangokukanye, kungabi nguwe wedwa, kube ngabo bonke abandivayo namhla, babe benjalo njengokuba ndinjalo nam, kupela izinxibo ezi zingabiko.
30Kwati kwakuba ekutshilo oku, wesuka ukumkani, nenkosi, no‐Berenike, nababehleli nabo. 31Baza bakuba beye ecaleni, bateta omnye kwomnye, besiti: Lomntu akenzi nto efanele ukufa nezinxibo. 32Waza u‐Agiripa wati ku‐Festusi: Lomntu ange ekululwe, ukuba ebengamangalanga ku‐Kesare.
Currently Selected:
Izenzo zabapostile 26: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.