YouVersion Logo
Search Icon

Izenzo zabapostile 23

23
1Waza u‐Paulusi, ete nama amehlo entlanganisweni, wati: Madoda, bazalwana! mna ukuzipata kwam ndikwenzile pambi kwotixo ngako konke ukuzazela okulungileyo kwada kwayiyo lemini. 2Waza umperisite omkulu, u‐Hananiya, wabayalela abo babemi kufupi kuye ukuba bambete emlonyeni. 3Wandula u‐Paulusi wati kuye: Utixo uza kubeta wena, ludonga oluqatyiweyo ngobumhlope! uti wena uhlale na undigweba ngokwomteto, uze ugqita emtetweni uxele ukuba ndibetwe? 4Baza abo babemi kufupi bati: Umperisite omkulu katixo uyamtuka na? 5Wayesiti u‐Paulusi: Bendingazi, bazalwana! ukuba ungumperisite omkulu; ngokuba kuba̔liwe ukuti: Umpati wabantu bako akuyi kuteta kakubi ngaye.
6Kodwa akunakana u‐Paulusi ukuba esinye isahlulo sisesabasadusi, nesinye sesabafarisi, wadanduluka entlanganisweni, esiti: Madoda, bazalwana! mna ndingumfarisi, unyana womfarisi; kungenxa yetemba novuko lwabafileyo endimenywayo. 7Kwati kwakuba etshilo oku, kwesuka ungxolisano pakati kwabafarisi nabasadusi, waza wahluleka umhlambi. 8Ngokuba abasadusi besiti akuko luvuko, akuko kwa nengelosi nomoya; kodwa abafarisi bayavuma ezonto zombini. 9Kwaza kwabako ingxolo enkulu; bati ababa̔li besahlulo sabafarisi besuka, bapika, besiti: Asifumani nto ekohlakeleyo kulomntu; kodwa ukuba kutete umoya kuye, umhlaumbi ingelosi, masingalwi notixo. 10Kwati kwakubako ungxolisano olukulu, inkosiwaka isoyika ukuba ngabi u‐Paulusi woqwengwa ngabo, yaxela ukuba umkosi uhle umhlasele kwa pakati kwabo, umngenise elalini yamasodati.
11Kekaloku ngobusuku obulandelayo yema inkosi ngakuye, yati: Yomelela, Paulusi! ngokuba, njengokuba uzinqi̔nisile izinto ezingam e‐Yerusaleme, kwa njalo ufanele ukunqi̔na nase‐Roma.
12Kwati kwakuba kusile, abatile bakuma‐Juda benza ucebelano, bazibambisa ngesiqalekiso, besiti abayi kutya, abayi kusela kanjalo, bade babulale u‐Paulusi. 13Babe ke bengapezu kwamashumi mane abo babeyenzile lembambisano; 14abezayo kubaperisite abakulu nakubadala, bati: Sizibambisile ngesiqalekiso esikulu, ukuba asiyi kuva nto side sibulale u‐Paulusi. 15Ngako kaloku nina, kunye nentlanganiso yamapakati, bikelani inkosiwaka okokuba imhlisele kuni ngomso, ngokungati niza kuzigongxa ngokukolisa ngakumbi izinto ezingaye; nati ke, engekezi kufupi yena, silungile ukuba simbulale.
16Kodwa akuva unyana wodade bo‐Paulusi ukulalela kwabo, waya kona wangena elalini yamasodati, washumayeza u‐Paulusi. 17Waza u‐Paulusi wabiza enye yazo inkosikulu, wati: Yisa indodana le kwinkosiwaka; ngokuba inento etile ukuyishumayela kuyo. 18Kwa njalo ke yayitabata nayo yayisa kwinkosiwaka, yati: Umbanjwa u‐Paulusi wandibiza, watandaza ukuba lendodana ndiyise kuwe, inento etile ukuyiteta kuwe. 19Yaza inkosiwaka yayibamba ngesandla, yaya nayo ecaleni ngasese, yabuza ngokuti: Yinto nina onayo ukuyishumayela kum? 20Yati ke: Ama‐Juda avumelene ukucela kuwe, okokuba u‐Paulusi umhlisele entlanganisweni yamapakati ngomso, ngokungati aza kubuza into ngaye ngokukolisa ngakumbi. 21Wena ngoko ungateleli kuwo: ngokuba kulalela yena kuwo, amadoda angapezu kwamashumi mane, azibambisileyo ngesiqalekiso ukuba akayi kutya, akayi kusela kanjalo, ade ambulale u‐Paulusi: nakaloku alungile, elinda isitembiso kuwe. 22Yandula inkosiwaka yayindulula indodana leyo, iyiyalele ngokuti: Ungatyeli mntu ukuba ezizinto uzibikile kum.
23Yaza yabiza inkosikulu ezitile zambini, yati: Lungisani amasodati abe makulu mabini, ukuze ahambe ukuya e‐Kesareya, nabakweli bamahashe babe mashumi asixe̔nxe, nabapete intshuntshe babe makulu mabini, kweyesitatu iyure yobusuku; 24nize nibabekele amahashe, ukuze bamkwelise u‐Paulusi pezu kwawo, bamzise egcinekile ku‐Felitse inkosi. 25Yaba̔la incwadi inokukutsho:
26U‐Kilodiyusi Lisiyasi kuyo inkosi edumileyo kakulu u‐Felitse, ebulisa. 27Lendoda ibanjiwe ngama‐Juda nje, iza kubulawa ngawo kanjalo, ndawabaqa nomkosi, ndayihlangula, ndiqondile ukuba ingum‐Roma. 28Ndati ndifuna ukulazi ituba abeyinika ityala ngenxa yalo, ndayihlisela entlanganisweni yamapakati yawo: 29endayifumana inikwa ityala ngayo imibuzo yomteto wawo, kodwa ingabekelwa ityala lanto efanele ukufa nezinxibo. 30Kwati kwakuxelwa kum ukuba bekusenziwa ingcebo ngakuyo lendoda ngama‐Juda, ndasuka ndatuma kuwe, ndiyalele nabamnika ityala ukuba batete izinto abanazo ngakuye pambi kwako. Hlala kuhle.
31Kwa njalo ke amasodati, njengoko kuwamiselweyo, amtabata u‐Paulusi, amsa ngobusuku e‐Antipatrisi. 32Ati ngomnye umhla, ebashiyele abakweli bamahashe ukuhamba naye, abuyela elalini yamasodati. 33Bati abo bakufika e‐Kesareya, banikela incwadi kwinkosi, babeka no‐Paulusi pambi kwayo. 34Yaza inkosi yakuba ileseshile incwadi leyo, yabuza ukuba ungowelipina ilizwana. Yandula yakuqonda ukuba ungowase‐Silisiya, 35yati: Ndokolisa ukukuva, okuya bafikileyo nabakunika ityala. Yaza yaxela ukuba agcinwe endlwini yobukosi ka‐Herodi.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in