YouVersion Logo
Search Icon

Izenzo zabapostile 14

14
1KWAYE kute e‐Koniyume, bangena kunye endlwini yentlanganiso yama‐Juda, benje njalo ukuteta, ukuba kwakolwa umhlambi omkulu nowama‐Juda nowama‐Girike. 2Kodwa ama‐Juda abengakolwa avuselela abaheyideni, acapukisa imipefumlo yabo ngakubo abazalwana. 3Kwa njalo ke bahlala kona ixesha elikulu, beteta ngokukalipa enkosini, ebinqi̔nela ilizwi lofefe lwayo, yanika ukuba imiqondiso nemimangaliso yenziwe ngezandla zabo. 4Kodwa umhlambi wesixeko wahluleka: baye ke inxenye bengecala lama‐Juda, nenxenye ngecala labapostile. 5Naxeshekweni kwesuka imvukelo yabaheyideni nama‐Juda kunye, ndawonye nabagwebi babo, ukubapata kakubi nokubagibisela ngamatye, 6bati bakutelekelela, besabela e‐Lisitira nase‐Derebe, izixeko zase‐Likayoniya, nasezweni langakona; 7baye belapo beshumayela ivangeli.
8Kekaloku indoda etile e‐Lisitira ebingenamandla ezinyaweni zayo yabihleli, ebisisiqwala kwa sesizalweni sonina, ebingazanga ihambe: 9yona le yabisiva u‐Paulusi eteta; owabeka amehlo pezu kwayo, waza akubona ukuba inokolo lwokupiliswa, 10wati ngelizwi elikulu: Suka ume ngenyawo zako upakamile. Yaza yatsiba yahamba. 11Zati izihlwele zakubona oko abekwenzile u‐Paulusi, zapakamisa ilizwi lazo, zisiti ngokwama‐Likayoniya: Otixo bahlikele kuti befana nabantu. 12Zaye zibiza ke u‐Banabasi ngo‐Jupitere; no‐Paulusi ngo‐Merekuri, ngokokuba yena ebenguye umteti omkulu. 13Waza umperisite wo‐Jupitere, obepambi kwesixeko sazo, wazisa inkabi nezitsaba zentyatyambo emasangweni, wafuna ukwenza idini kunye nabantu. 14Kodwa abapostile, u‐Banabasi no‐Paulusi, bakuva oko, baṙazula izivato zabo, babalekela pakati kwesihlwele, bedanduluka, 15besiti nokuti: Madoda! yinina ukuba nenze ezizinto? nati singabantu abamilo ifana neyenu, sishumayela kuni ukuba maniguquke kwezizinto ezingendawo niguqukele kuye utixo ohleliyo, owenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nento zonke ezikuzo: 16owati emaxesheni agqitileyo wayeka intlanga zonke zihambe ngezazo indlela. 17Kanti ke noko akazishiya engenakunqi̔nelwa, esenza okulungileyo, esinika imvula ivela ezulwini namaxesha acu̔mileyo, ezalisa intliziyo zetu ngokutya nangovuyo. 18Bati nangokutsho cebetshu bakohlwa ukuyekisa izihlwele, ukuba zingabenzeli idini.
19Kwaza kwafika ama‐Juda evela e‐Antiyoki nase‐Koniyume, azihenda izihlwele, amgibisela u‐Paulusi ngamatye, amr̔ola ngapandle kwesixeko, esiba ufile. 20Kodwa nxa abadisipile babemngqongile, wesuka, wangena esixekweni.
Waza ngomnye umhla wapuma no‐Banabasi waya e‐Derebe. 21Bati bakuba beshumayele ivangeli kwesosixeko, bebenzile abadisipile abaninzi kanjalo, babuyela e‐Lisitira, nase‐Koniyume, nase‐Antiyoki: 22besomeleza imipefumlo yabadisipile, bebayala ukuba bahlale elukolweni, — nokuba kungazo imbandezelo ezininzi esifanele ukungena ebukumkanini bukatixo. 23Kekaloku bebabalulele abadala iṙemente ngeṙemente, betandazile kunye nokuzila ukutya, bababekela enkosini abebekoliwe kuyo. 24Bati bakuba bebecandile i‐Pisidiya, beza e‐Pamfiliya: 25baza betetile ilizwi e‐Perega, behlela e‐Ataliya: 26baza besuka kona baselishela e‐Antiyoki, apo abebenikelwe elufefeni lukatixo kona ngenxa yomsebenzi ababewufezile.
27Bati bakufika, behlanganisile iṙemente, baxela konke abekwenzile ngabo utixo, nokokuba ebevulele abaheyideni ucango lwokolo. 28Baza bahlala kona ixesha elingencinane ndawonye nabadisipile.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in