YouVersion Logo
Search Icon

Eyesibini incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 4

4
1Ndiyakuyala kunene ngoko pambi kwotixo, napambi kwenkosi u‐Yesu Kristu, oya kugweba abahleliyo nabafileyo ekubonakaleni kwake nasekufikeni kwobukumkani bake: 2shumayela ilizwi; nyameka ngexesha elifanelekileyo, nangexesha elingafanelekileyo; yohlwaya, tetisa, yala, ngako konke ukuzeka kade nokufundisa. 3Ngokuba ixesha liya kubako okuya bangayi kunyamezela ufundiso olunobomi; koko beya kuti ngokwezabo inkanuko bazifumbele abafundisi, bebaba indlebe nje; 4babeya kusonga indlebe zabo kuyo inyaniso ke, baze batyekele ngasezintsomini. 5Kodwa wena qabuka ezintweni zonke, nyamezela ubunzima, yenza umsebenzi womvangeli, kolisa ukufeza ubukonzi bako.
6Ngokuba mna ndise ndinokutululwa, nexesha lokunduluka kwam likufupi. 7Ukulwa okulungileyo ndikulwile, uhambo lwam ndilugqibile, ukolo ndilugcinile. 8Okuseleyo, kuyandibekelelwa isitsaba sobulungisa, eso inkosi, umgwebi olungileyo, iya kusinika kum emhleni lowo; kungekum ke ndedwa, kukubo bonke abatandayo ukubonakala kwayo nabo.
9NXAMELA ukuza kum kamsinya: 10ngokuba u‐Demasi endishiyile ngokulitanda elilizwe lakaloku nje, waya e‐Tesalonika; u‐Kiresike uye e‐Galati, u‐Titusi uye e‐Dalamati. 11Ngu‐Luke yedwa okoyo nam. Tabata u‐Maraki, umzise kwa nawe: ngokuba enokunceda kunene kum ebukonzini. 12Kodwa u‐Tikikusi ndamtuma ukuya e‐Efese. 13Longubo ndayishiyayo e‐Tirowa ku‐Karipo, yiti wakuza uwuzise nawe, kwa nazo incwadi, nangokukodwa zona izintsu.
14U‐Aletsandere inci̔bi yobedu wandenzela ububi obuninzi: yanga inkosi ingamvuza ngokwemisebenzi yake. 15Oyena mlumkele nawe; ngokuba emelene namazwi etu kakulu.
16Ngokwokuqala ukuzitetelela kwam akwabiko namnye owandivelelayo, koko bonke bandishiyayo: kwanga kungebalelwe kubo. 17Kodwa inkosi yema ngakum, yandomeleza; ukuze intshumayelo iti ngam ikolise ukufezwa, nokuba bonke abaheyideni babe nokuva: kanjako ndahlangulwa emlonyeni wengonyama. 18Yaiya kuti inkosi indihlangule kuyo yonke imisebenzi ekohlakeleyo, indisindise ndize ebukumkanini bayo basezulwini: ekuyo makubeko ubungcwalisa kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
19Bulisa u‐Pirisila no‐Akwila, nabendlu ka‐Onesiforo. 20U‐Erastusi wasala e‐Korinte; kodwa u‐Trofimo ndamshiya e‐Milito esifa. 21Nxamela ukuza bungekabiko ubusika. Uyakubulisa u‐Yubulo, no‐Pudena, no‐Laino, no‐Kilodiya, nabo abazalwana bonke.
22 Inkosi u‐Yesu Kristu maibe nomoya wako. Ufefe malube nani. Amene.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in