YouVersion Logo
Search Icon

Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 1

1
ISAHLUKO I.
1UPAULUSI, umpostile ka‐Yesu Kristu, ngokwomyolelo katixo umsidisi wetu nenkosi u‐Yesu Kristu itemba letu, 2kuye u‐Timote, owam umntwana wenyaniso elukolweni: Ufefe, ububele, noxolo, luvela kuye utixo ubawo wetu, no‐Kristu Yesu inkosi yetu.
3Njengokuba ndabendikukunga ukuba uman’ ukuhlala e‐Efese, nxa bendihambela e‐Masedoniya, ukuze uyalele abatile ukuba mabangafundisi ufundiso olulumbi, 4nokuba mabanganyamekeli intsomi neziba̔lelwa zokuzalwa ezingenangqibo, eziti ezonto zizuzise imibuzo ngapezu kwokuba zizuzise ukumisa kukatixo okuselukolweni, ndiyenje njalo nakaloku.
5Kodwa isipelo sesiyalelo silutando luvela kwintliziyo ecocekileyo, nakwisazeliso esilungileyo, nakwinkolo engazenzisiyo; 6abate inxenye beposene nazo batyekela ekutetateteni okungendawo, 7befuna ukuba ngabafundisi bomteto, bengaqondi noko kwa nezonto bazitshoyo, nezonto baqinisa ukutshoza ngazo. 8Siyazi kodwa ukuba umteto ulungile, xeshekweni umntu awupatayo ngokwomteto; 9sikwazi nje oku, okokuba umteto awudalelwa umntu olungileyo, koko udalelwa abalahlimteto nabangenakululamela, abangabedeshiyo naboni, abangenabungcwele nabaginwa, ababeti boyise nababeti bonina, ababulali babantu, 10abapimisi, abalala namadoda, abeba̔yo abantu, amaxoki, abaxokisa ukufunga, nokuba kuko into yimbi epambana nofundiso oluyinene; 11njengokwevangeli yobungcwalisa botixo osikelelweyo, endapatiswayo yona mna.
12Kanjalo ndiyabulela kulowo wandomelezayo, u‐Kristu Yesu inkosi yetu, ukuba wandibala ukuba ndinyanisekile, endimisele ubukonzi obu nje; 13endibe ndifudula ndingumgxeki, nomtshutshisi, nombandezeli: kuloko ndamkelayo ububele, kuba ndakwenza ngokungazi ndisekungakolweni; 14ewe ufefe lwenkosi yetu lwaba luninzi ngento egqitisileyo ndawonye nokolo notando olukuye u‐Kristu Yesu. 15Linyanisekile elilizwi, lifanele konke ukwamkelwa kanjako, lokuba u‐Kristu Yesu weza elizweni ukuza kusindisa aboni; endingomkulu kubo bonke mna. 16Kuloko ngenxa yoku ndabamkela ububele, ukuze kwa kum ndingomkulu nje u‐Yesu Kristu abonakalise konke ukuzeka kade kwake, ukubenzela umlinganiso abo baya kukolwa kuye kube bubomi obungunapakade. 17Kekaloku kukumkani wobunapakade, kongonakaliyo, kongabonekiyo, kokupela kwolumkileyo utixo, makubeko udumo nobungcwalisa kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
18Esi isiyalelo ndiyasibekela kuwe, nyana Timote! njengokweziprofitesho ezandulisayo ngawe, ukuba uyenze ngazo leyo mfazwe ilungileyo; 19unenkolo nje, nesazeliso esilungileyo; abate inxenye besilahlile nje badaka ngalo ukolo: 20abangabakubo u‐Himeneyo no‐Aletsandere, endabanikelayo ku‐Satane, ukuze bafundiswe ngokwohlwaywa ukuba bangagxeki.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in