YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEROMA 2

2
Ukugweba kukaThixo
1Nakuwe ke mntundini ugwebayo, nokuba ungubani, amatyholo aphelile. Ewe, ngokugweba omnye, uzigweba ngokwakho. Kaloku wena ugwebayo, wenza kwaezo zinto ugweba omnye ngazo. 2Siyazi ke ukuba uThixo ubagweba ngokufanelekileyo abo benza izinto ezingalunganga.
3Wena kanye, mntundini ubagwebayo abo bazenzayo izinto ezinjalo, wenza kwaezo zinto. Uba ke wena uThixo akayi kukugweba na? 4Okanye ubudelile ububele bakhe obukhulu, nokunyamezela kwakhe, nokuza kade komsindo wakhe? Akwazi na ukuba bububele bukaThixo obukusa enguqukweni?
5Ngenxa yokuba unentliziyo elukhuni, ungaguquki, uzibizela ingqumbo ngemini yengqumbo. Ngaloo mini iya kucaca indlela agweba ngayo uThixo. 6Ngaloo mini uThixo uya kuvuza elowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe. 7UThixo ubavuza ngobomi obungonaphakade abo banomonde ekwenzeni imisebenzi emihle, belangazelela isidima newonga nokungafi. 8Kanti ke uza ngomsindo nengqumbo kwabo banenkani, bayityeshelayo inyaniso ngokungalungisi. 9Kuya kubakho imbandezelo nobunzima kubantu bonke abenza okubi, kumJuda kuqala kwanakowolunye uhlanga ngokunjalo. 10Kuya kubakho isidima newonga noxolo kubantu bonke abenza okulungileyo, kumJuda kuqala kwanakowolunye uhlanga ngokunjalo. 11Kaloku uThixo akanamkhethe.
12Bonke abonileyo bengekho phantsi *komthetho kaMosis, baya kutshabalala bengaphandle kwawo; nabo bonke abonileyo bephantsi komthetho kaMosis, baya kugwetywa ngawo. 13Kaloku abantu abalungileyo ngokukaThixo asingabo abo bawuva nje umthetho bangayenzi into oyithethayo. Ngabo bayenzayo into eyalelwa ngumthetho abangamalungisa. 14Abantu abangengomaJuda àbanawo umthetho kaMosis; kodwa xa bathe ngokwemvelo bahamba ngokomthetho, bangumthetho ngokwabo, nangona bengenawo umthetho kaMosis. 15Ukuziphatha kwabo kubonakalisa ukuba ngemvelo bayakwazi okusemthethweni. Nezazela zabo ziyakungqina oku, kuba ngamanye amaxa ziyabagweba, zize ngawambi zibagwebele. 16Ngokweendaba ezimnandi endizishumayelayo kuya kuba njalo mhla uThixo aya kuzigweba ngoYesu Krestu nezinto abazifihlayo abantu.
AmaJuda nomthetho kaMosis
17Uyabona wena unegama lobuJuda, wayame *ngomthetho kaMosis; uqhayisa ngoThixo; 18uyayazi intando kaThixo; ukhonjiswe okulungileyo ngumthetho. 19Kananjalo wena ukholose ngokuthi ungumkhokeli weemfama, ulukhanyiso lwâbo basebumnyameni, 20umkhokeli weziyatha, umfundisi weentsana, kuba unawo umthetho ofumbethe ulwazi nenyaniso. 21Ndithi wena ke umfundisayo omnye, akuzifundisi ngani wena? Wena uthi makungebiwa, ubelani? 22Wena uthi makungakrexezwa, ukrexezelani? Wena ukruqukileyo zizithixo, ubelani ezindlwini zonqulo? 23Wena ke uziqhayisayo ngokuba unomthetho, umhlaziselani uThixo ngokuwaphula umthetho? 24“Kuba igama likaThixo linyeliswa ngenxa yenu phakathi kweentlanga,” njengoko zitshoyo *iziBhalo.
25Ulwaluko luyanceda okunene ukuba uyawugcina umthetho kaMosis. Kodwa ukuba uyawaphula umthetho, ulwaluko lusuka lufane nokungaluki. 26Ukuba umntu ongalukanga uyayigcina imimiselo yomthetho, uThixo uya kuthi ukungaluki kwakhe kukwaluka. 27Nina maJuda, nangona nalukileyo, ninawo umthetho eziBhalweni, nibe noko ningawenzi, niya kugwetywa ziintlanga ezithe zingalukanga nje zawugcina umthetho. 28UmJuda asingomJuda ngokwangaphandle, nolwaluko asilulo olo lwangaphandle enyameni. 29UmJuda ngulowo ungumJuda ngokwangaphakathi, nolwaluko lolwentliziyo ngoMoya kaThixo, kungabi ngammiselo nje. Umntu onjalo ke ukholekile kuThixo, nangona angànconywayo ngabantu.

Currently Selected:

KWABASEROMA 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy