YouVersion Logo
Search Icon

KUFILMON 1

1
Isingeniso
1Kubhala mna Pawulos, umbanjwa ngenxa kaYesu Krestu, ndikunye noTimoti umlingane wam. Ndibhalela wena mhlobo nogxa wam, Filmon, 2kunye nebandla elihlangana endlwini yakho, nodade uApiya, ngokunjalo nogxa wam uArkipo. 3Wanga uThixo uBawo wethu kunye neNkosi uYesu Krestu anganibabala, aniphe uxolo.
Uthando nokholo lukaFilmon
4Maxa onke ndithandaza, ndiyambulela uThixo ngenxa yakho. 5Ndiyivile kaloku indlela obathanda ngayo abantu bakaThixo, ngokunjalo nokholo onalo kwiNkosi uYesu. 6Umthandazo wam kukuba ubudlelane bethu enkolweni bunga bungakwenza uziqonde ngcono iintsikelelo esinazo thina bamanywe noKrestu. 7Ewe kambe, ndithathekile ndaye ndinemihlali ngenxa yothando onalo, mfondini; kaloku abantu bakaThixo bayahlaziyeka bakuhlangana nawe.
Isicelo mayela no-Onesimo
8Ngoku ke, nakuba bendingaba nesibindi, nanjengamntu umanywe noKrestu, sokuba ndikunyanzele ngento ofanelwe kukuyenza, 9kodwa imfobe yothando iyandinyanzela ukuba ndikubongoze. Ewe, mna kanye Pawulos, ndilixhego nje ngoku, futhi ndikwangumbanjwa ngenxa kaYesu Krestu, 10ndiyakubongoza ngenxa kaOnesimo, unyana wam endimzele ngokomoya, ngoku ndilapha entolongweni. 11Kambe ebekade engento konke kuwe, kodwa ngoku uxabisekile kuwe nakum.
12Ngoku ke nanko ndimthumela kwakuwe. Kambe ke xa wamkela yena, wamkela mna. 13Bendingathandayo ukumgcina apha ngoku ndingumbanjwa, ukuze athathe indawo yakho ekundincediseni ukuvakalisa iindaba ezimnandi. 14Kodwa andithandi ukuba ndenze nto ungavumanga; hayi, bendiya kuba ndiyakunyanzela ukuba wenze into entle, kungekuba kukholekile kuwe.
15Mhlawumbi uOnesimo wahlukaniswa nawe okwethutyana, ukuze ubuye umzuze ningasazi kwahlukana. 16Kaloku ngoku akaselokhoboka nje kuphela, ungaphezu kwekhoboka: ungumwethu othandekayo. Yaz'ba xa exabiseke kangaka nje kum, ubeke phi ke ukuxabiseka kuwe! Akaselokhoboka nje kuphela, ukwangumwethu omanywe neNkosi!
17Ngoku ke, nanjengamntu undithatha njengesihlobo, naye ke mamkele kwangalaa ndlela ubuya kundamkela ngayo nam. 18Ukuba ke kukho nto awakona ngayo okanye kukho nto akutyala yona, libalele kum elo tyala. 19Ukukuqinisekisa ndibhala ngokwam, ndithi: Ndim mna Pawulos oya kukubuyisela. Phofu ke akukho mfuneko yakuba ndikukhumbuze ukuba nawe lowo ungowam, ndinebango kuwe. 20Ke, mfondini, ndiyakubongoza – kaloku sobabini simanywe noKrestu. Ngoko ke, velana nam kulo mbandela!
21Ndibhala ndiqinisekile ukuba uza kuhlangabezana nayo iminqweno yam; ewe, ndiyazi ukuba usenokwenza nangaphezu kwesicelo sam. 22Nantsi enye indawo: Nceda undilungiselele indawo yokuhlala apho, kuba ndinethemba lokuba uThixo uza kuyiphendula imithandazo yenu, ndibuyele apho kuni.
23Uyabulisa uEpafra ongumbanjwa ngenxa kaKrestu njengam; 24ngokunjalo noMarko, uAristarko, uDemas, noLuka, abalingane bam.
25Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu maluhlale nani nonke.

Currently Selected:

KUFILMON 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in