YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 25

25
Umzekeliso ngeentombi ezilishumi
1“Ngelo xesha ulawulo lukaThixo luya kufana nokweentombi ezilishumi, ezazithathayo izibane zazo, zaya kuhlangabeza umyeni. 2Ke ezintlanu kuzo zazizizidenge, ezintlanu zizizilumko. 3Ezizizidenge zazithatha izibane zazo, kodwa azayipatha ioyile yokongeza. 4Zona ezizizilumko zathi kunye nezibane zazo zahamba ziphethe ioyile ngezitya. 5Umyeni walibazisa ukufika, zaza iintombi ezi zonke zozela zalala.
6“Ezinzulwini zobusuku kwamenyezwa kusithiwa: ‘Nanko umyeni; phumani niye kumhlangabeza!’ 7Zavuka ke zonke iintombi ezo, zazilungisa izibane zazo. 8Zaza ezizizidenge zathi kwezizizilumko: ‘Sipheni kwioyile yenu leyo, kuba izibane zethu ziyacima.’ 9Kodwa zalandula ezizizilumko, zisithi: ‘Hleze inganeli kuthi nakuni, yiyani kwabayithengisayo, nizithengele.’ 10Kwathi ke, zisaya, wafika umyeni, zaza ezo ntombi bezisezilungile zangena kunye naye emsithweni, kwaza kwavalwa emnyango.
11“Kamva zafika nezinye iintombi ezo, zathi: ‘Nkosi, sivulele.’ 12Yaphendula yona yathi: ‘Ndithi kuni, inene, nina àndinazi.’
13“Phaphani ke ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa.”
Umzekeliso ngezicaka ezazigciniswe imali
(Luka 19:11-27)
14“Kuya kuba njengomntu owathi, eza kuhambela kwelinye ilizwe, wazibiza izicaka zakhe, wayigcinisa kuzo impahla yakhe. 15Esinye usinike imali ekumawaka amahlanu eerandi, esinye ekumawaka amabini, nesinye ekwiwaka elinye, ezinika ngokwamandla azo. Wahamba ke. 16Eso sanikwa ekumawaka amahlanu, sithe kwangoko sasebenza ngawo, sazuza amanye amahlanu. 17Ngokukwanjalo neso sanikwa ekumawaka amabini, sazuza amanye amabini. 18Ke sona eso sasinikwe ekwiwaka elinyé, semka saya kuyimbela siyifihla imali yenkosi yaso.
19“Emva kwexesha elide yabuya inkosi yezi zicaka, yafuna ingxelo kuzo. 20Seza eso sasinikwe ekumawaka amahlanu, siphethe kwanamanye amahlanu, sathi: ‘Nkosi, ubundigcinise imali ekumawaka amahlanu eerandi. Nantsi ke enye, mhlekazi, ekumawaka amahlanu endithe ndayizuza.’ 21Yaza yathi kuso inkosi yaso: ‘Ngxatsho ke, sicaka sam esilungileyo, esithembekileyo! Ubuthembekile kwizinto ezimbalwa; ndiya kukuphathisa izinto ezininzi. Ngena uchwayite kunye nenkosi yakho.’
22“Seza neso sicaka sasinikwe ekumawaka amabini, sathi: ‘Nkosi, ubundigcinise imali ekumawaka amabini eerandi. Nantsi ke, mhlekazi, enye ekumawaka amabini endithe ndayizuza.’ 23Yaza yathi kuso inkosi yaso: ‘Ngxatsho ke, sicaka sam esilungileyo, esithembekileyo! Ubuthembekile kwizinto ezimbalwa; ndiya kukuphathisa izinto ezininzi. Ngena uchwayite kunye nenkosi yakho.’
24“Seza ke neso sicaka sasinikwe ekwiwaka elinyé, sathi: ‘Nkosi, bendikwazi wena ukuba ungumntu ongqongqo, ovuna ongakuhlwayelanga, uqokelele ongakulimanga. 25Bendisoyika, ndaza ndaya kuyembela ndayifihla imali yakho. Nantsi ke imali yakho, mhlekazi.’ 26Yaphendula inkosi yaso, yathi kuso: ‘Sicakandini esikhohlakeleyo, esilivila, ubusazi nje ukuba ndingumntu ovuna apho angahlwayelanga khona, aqokelele apho angachithanga khona. 27Ubumelwe ke ngoko ukuyifaka ebhankini imali yam, ndize ndithi, ndakufika, ndiyifumane inenzala. 28Ke ngoko esi sicaka sihlutheni iwaka elo, nilinike eso siphethe ekumawaka alishumi. 29Wonke umntu onolutho uya kunikwa, abe nezinto ngakumbi; kodwa lowo ungenanto uya kuhluthwa naloo nto anayo. 30Ke sona esi sifede sesicaka siphoseni phandle lee ebumnyameni, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka.’ ”
Imini yomgwebo
31“Xa athe wafika *uNyana woLuntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa zezulu, uya kuhlala enkundleni yakhe yobungangamsha, 32zihlanganiselwe phambi kwakhe zonke iintlanga. Wothi ke abahlule abanye kwabanye ngokomalusi esahlula iigusha ezibhokhweni. 33Zona iigusha wozibeka ngasekunene kwakhe, iibhokhwe ngasekhohlo. 34Ukumkani ke uya kuthi kwabangasekunene: ‘Yizani, nina basikelelweyo nguBawo, nixhamle uyolo lolawulo enalulungiselelwayo kwasekusekweni kwehlabathi; 35kuba ndandilambile, nandipha ukutya; ndandinxaniwe, nandipha amanzi; ndandingowasemzini, nandamkela; 36ndandihamba ze, nandambathisa; ndandigula, nandihambela; ndandisentolongweni, nandivelela.’
37“Omphendula ke amalungisa esithi: ‘Nkosi, ngaba sakubona nini na ulambile, sakupha ukutya; unxaniwe, sakunika amanzi? 38Ngaba sakubona nini na ungowasemzini, sakwamkela; uhamba ze, sakwambathisa? 39Ngaba sakubona nini na ugula, okanye usentolongweni, sakuhambela?’ 40Wophendula ukumkani athi kuwo: ‘Ndithi kuni, inene, ekubeni nithe nenjenjalo nakomnye kula mawethu angawona agqusha eluthulini, nithe nenjenjalo nakum.’
41“Wothi ke kwabo bangasekhohlo: ‘Mkani kum, nina baqalekisiweyo nguThixo, niye emlilweni ongunaphakade, olungiselelwe umtyholi nezithunywa zakhe; 42kuba ndandilambile, naza ànandipha kutya; ndandinxaniwe, naza anandipha manzi; 43ndandingowasemzini, naza anandamkela; ndandihamba ze, naza anandambathisa; ndandigula, ndandisentolongweni, naza ànandihambela.’
44“Bophendula ke bathi: ‘Nkosi, ngaba sakubona nini na ulambile, unxaniwe, ungowasemzini, uhamba ze, ugula, okanye usentolongweni, saza àsakunceda?’ 45Wobaphendula ke athi: ‘Ndithi kuni, inene, ekubeni ningenzanga njalo nakumnye waba bangabona bancinane, anenzanga njalo nakum.’ 46Baya kumka aba, baye esohlwayweni esingunaphakade. Ke wona amalungisa aya kuya ebomini obungunaphakade.”

Currently Selected:

UMATEWU 25: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in