YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 24

24
UYesu uthetha ngokudilizwa kwendlu kaThixo
(Marko 13:1-2; Luka 21:5-6)
1Xa uYesu wayephuma *endlwini kaThixo bafika abafundi bakhe, bambonisa isakhiwo sendlu leyo. 2Waphendula wathi kubo: “Niyazibona zonke ezi zinto? Ndithi kuni, inene, akuyi kusala litye phezu kwelitye apha elingayi kudilizwa.”
Ukuqala kwentshutshiso
(Marko 13:3-13; Luka 21:7-19)
3Kwathi, xa uYesu wayehleli phantsi eNtabeni yemiNquma, beza kuye bebodwa abafundi, bathi: “Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto, nokuba uya kuba yintoni na umqondiso wokuza kwazo nowokupheliswa kweli phakade?”
4Waza waphendula uYesu wathi: “Lumkani, ningàlahlekiswa bani, 5kuba baninzi abaya kuza besebenzisa igama lam, besithi banguye *uKrestu, balahlekise into eninzi yabantu. 6Niya kuthi nive iimfazwe, namarhe eemfazwe; kodwa lumkani, ningabi navuso, kuba ezo zinto zimelwe kukubakho, kanti ke akukabi kuko ukuphela oko. 7Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nokumkani avukelane nokumkani; kuya kubakho iindlala, neenyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo. 8Kunjengokuqala kwenimba ke konke oku.
9“Ngelo xesha baya kunibamba, baninikele ekutshutshisweni, banibulale. Niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam. 10Ngelo xesha abaninzi baya kurhoxa elukholweni, bangcatshane, bathiyane. 11Kuya kuvela *abashumayeli abaxokayo, balahlekise abantu abaninzi. 12Ububi buya kwanda kangangokuba luphole uthando lwabaninzi. 13Ke lowo uzingisa kude kube sekupheleni wosindiswa. 14Ezi ndaba zimnandi zolawulo lukaThixo ziya kushunyayelwa kulo lonke ihlabathi, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga, size ke sifike isiphelo.”
Imbandezelo enkulu
(Marko 13:14-23; Luka 21:20-24)
15“Xa ke ngoko nithe nalibona ‘isikizi elimanyumnyezi, mhla ngophanziso;’ elo *umshumayeli uDaniyeli athetha ngalo, limi ‘endaweni engcwele’ (ofundayo makaqiqe), 16mabathi ngelo xesha abakwelakwaJuda babalekele ezintabeni. 17Ophezu kwendlu ke makangehli ukuya kuthatha nto endlwini yakhe. 18Nalowo usentsimini makangabi sayiphuthuma ingubo yakhe. 19Hayi ke kwabanzima nabadlezane ngaloo mihla! 20Thandazelani ukuba ukubaleka kwenu kungabi sebusika okanye *ngoMhla woPhumlo, 21kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo engazange ibekho ukususela ekudalweni kwehlabathi kude kube ngoku, kwaye ingasayi kuphinda ibekho enjalo. 22Ke ukuba uThixo ebengayicuthanga loo mihla, bekungayi kubakho bani usindayo; kodwa ngenxa yâbo banyuliweyo, uThixo woyicutha loo mihla.
23“Ngelo xesha ke, ukuba ubani uthe kuni: ‘Nanku apha uKrestu;’ nokuba uthe: ‘Nankuya phaya;’ musani ukuyamkela loo nto; 24kuba kuya kuvela abathi banguKrestu, abangenguye; kuvele *nabashumayeli abangengabo, benze imiqondiso nemimangaliso emikhulu kangangokuba bade babalahlekise, ukuba bekunokwenzeka oko, kwanabanyulwa bakaThixo. 25Niyabona, ndinixelela ezi zinto zingekenzeki.
26“Ukuba ke kuthiwa kuni: ‘Nankuya entlango,’ ze ningayi; nokuba kuthiwa: ‘Nankuya endlwini,’ ze ningakwamkeli oko; 27kuba ukufika *koNyana woLuntu kuya kuba njengombane omenyezela empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga.
28“Apho sikhona isidumbu, kulapho aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.”
Ukuza koNyana woLuntu
(Marko 13:24-27; Luka 21:25-28)
29“Kwangoko emva kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ingakhanyi, zithi neenkwenkwezi zivuthuluke ezulwini, nako konke okunamandla esibhakabhakeni kudunga-dungeke. 30Ngelo xesha uya kubonakala ezulwini umqondiso *woNyana woLuntu, zize zonke iintlanga zehlabathi zenze isijwili, zimbona uNyana woLuntu esiza esemafini enamandla nobuqaqawuli obukhulu. 31Liya kuvakala ke ixilongo elikhulu, azithumele eziphelweni zehlabathi izithunywa zakhe, zibahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, bevela kumacala omane omhlaba, kususela esiphelweni somhlaba, kuye esiphelweni sawo.”
Umzekeliso ngomkhiwane
(Marko 13:28-31; Luka 21:29-33)
32“Fundani kuwo umkhiwane ongumzekelo kuni. Xa sewuthe wathamba amasebe, wahluma amagqabi, niyazi ukuba ihlobo likufuphi. 33Ngokukwanjalo ke, xa nithe nazibona ezo zinto zisenzeka, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango. 34Ndithi kuni, inene, esi sizukulwana asiyi kudlula zingadanga zenzeke zonke ezi zinto. 35Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.”
Phaphani nilinde!
(Marko 13:32-37; Luka 17:26-30,34-36)
36“Ke akukho bani uwaziyo loo mhla nelo xesha. Kwanezithunywa ezisezulwini azazi, engazi naye uNyana lo. Kuphela nguYise owaziyo. 37Njengoko kwakunjalo ngemihla kaNowa, koba kwanjalo ukufika kwakhe uNyana woLuntu. 38Njengokuba babesithi ngemihla yangaphambi konogumbe badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini yokungena kukaNowa enqanaweni, 39bengaqondi, wada wafika unogumbe wabakhukulisa bonke, koba kwanjalo ukufika kwakhe uNyana woLuntu. 40Ngelo xesha kothi ababini besentsimini, omnye athathwe, omnye ashiywe. 41Abafazi ababini boba besila elityeni lokusila, omnye athathwe, omnye ashiywe.
42“Phaphani ngoko, kuba ningàwazi umhla wokufika kweNkosi yenu. 43Kakade ukuba umninimzi ebesazi ukuba isela lofika nini na ebusuku, nge-egadile, waza àkavuma ukuba kuqhekezwe endlwini yakhe. 44Nani ke ngoko hlalani nizilungiselele, kuba uNyana woLuntu wofika ngexesha eningalilindelanga.”
Umzekeliso ngokuthembeka okanye ukungathembeki kwesicaka
(Luka 12:41-48)
45“Ngubani na oseso sicaka sithembekileyo siqondayo, eyathi inkosi yaso yasimisa phezu kwabendlu yayo, ukuze sibanike umxhesho wabo ngexesha elililo? 46Siyachulumacha eso sicaka eyothi inkosi yaso yakufika isifumane sisenjenjalo. 47Ndithi kuni, inene, eso sicaka inkosi yosiphathisa yonke impahla yayo. 48Kodwa ukuba eso sicaka sikhohlakele, sisuke sicinge sithi: ‘Inkosi yam ilibele;’ 49size sisuke sibabethe abazizicaka kunye naso, sidle sisele kunye namanxila; 50yofika inkosi yeso sicaka ngemini esingayilindelanga, nangelixa esingalaziyo, 51ize isixabele kubini njengokuba kusenziwa kwabangathembekanga. Kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka apho.”

Currently Selected:

UMATEWU 24: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in