YouVersion Logo
Search Icon

EYONQULO 27

27
Amaxabiso okhululo
1*UNdikhoyo wathi uMosis 2makathi kumaSirayeli: “Xa kukho umntu obenikelwe kuNdikhoyo ngenxa yesifungo esithile, loo mntu angakhululeka xa kuhlawulwe ixabiso elifanelekileyo. 3Ngomntu oyindoda obudala buphakathi kwamashumi amabini namashumi amathandathu kukhutshwa iingqekembe zesiliva ngokomlinganiselo *wasesibingelelweni ezimashumi mahlanu. 4Ngomntu obhinqileyo oyile ntanga ngamashumi amathathu. 5Ngenkwenkwe eminyaka mihlanu kude kuye kumashumi amabini kukhutshwa amashumi amabini eengqekembe zesiliva. Ngentombazana lishumi leengqekembe elikhutshwayo. 6Ngenkwenkwe elusana olungaphantsi kweminyaka emihlanu kukhutshwa isihlanu seengqekembe zesiliva. Ezikhutshwa ngomntwana oyintombazana ziba ntathu. 7Ngendoda engaphezu kwamashumi amathandathu ubudala kukhutshwa ishumi elinesihlanu, kuthi ngomfazi okwangako zibe lishumi. 8Ke xa loo mntu ubenze isifungo engenako ukukhupha ngokomlinganiselo ovunyiweyo, kufuneka eze naloo mntu kumbingeleli, aze ke umbingeleli alithobe ixabiso libe ngangamandla aloo mntu kufuneka ehlawule.
9“Xa isifungo ebesenziwe siphathelele kwinto exhelwayo eyamkelekayo ukwenzela uNdikhoyo umnikelo, loo nto sisipho esisodwa, 10yaye ke loo mntu wenze isifungo akanako ukunikela ngenye into exhelwayo endaweni yaleyo, nokuba yelungileyo endaweni yengalunganga, okanye engalunganga endaweni yelungileyo. Xa athe wayenza loo nto, ziya kuba zezikaNdikhoyo zombini ke ezo zinto. 11Kodwa xa ebethembise ngokunikela ngento engàtyiwayo, kufuneka loo mntu ayise kumbingeleli loo nto inikelwayo. 12Yena ke umbingeleli womisa ixabiso layo ngangokulunga nokungalungi kwayo. Elo xabiso ke aliyi kuphikiswa mntu. 13Xa loo mntu uyizisileyo efuna ukuyikhulula, kufuneka ahlawule elo xabiso, ongezelele nomdliwo. (Lo mdliwo woba sisinye esihlanwini.)
14“Xa kukho umntu onikela ngendlu yakhe kuNdikhoyo umbingeleli uya kuyixabisa ngokulunga nokungalungi kwayo. Elo xabiso aliyi kujikwa mntu. 15Xa lo mntu obenikele ngendlu yakhe efuna ukuyikhulula, wohlawula ixabiso layo nomdliwo ngaphezulu. (Lo mdliwo woba sisinye esihlanwini.)
16“Xa kukho umntu onikela kuNdikhoyo ngenxenye yomhlaba wakhe, ixabiso lawo loba ngangobunzima bembewu efakwa kuwo. Umlinganiselo woba ziingqekembe ezilishumi zesiliva ngeekhilogram ezingamashumi amabini zengqolowa. 17Kodwa xa lo mhlaba ewunikela kanye ngonyaka wobuyiselo, kufuneka afumane ixabiso lawo elizeleyo. 18Xa ewunikela emva koko ngumbingeleli oya kubala ixabiso lemali emayihlawulwe ngangeminyaka eseleyo ukuya kunyaka wobuyiselo ozayo, aze amise ixabiso elithotyiweyo. 19Xa loo mntu ubenikele ngaloo mhlaba efuna ukuwukhulula, kufuneka ahlawule elo xabiso, abuye ongeze nomdliwo. (Lo mdliwo woba sisinye esihlanwini.) 20Xa athe wawuthengisa komnye umntu loo mhlaba, engekabuyi awukhulule, uya lahlekelwa lilungelo lakhe lokubuya awukhulule. 21Ngonyaka wobuyiselo loo mhlaba uya kuba ngokaNdikhoyo, ube lilifa lababingeleli.
22“Xa kukho umntu onikela ngentsimi abeyithengile ingelilo ilifa lakhe, 23kufuneka ixabiso layo umbingeleli alibale ngeminyaka eseleyo ukuya kunyaka wobuyiselo, yaye loo mntu yena kufuneka loo mali ayihlawule kwangaloo mini. Kaloku loo mali yekaNdikhoyo. 24Ngonyaka wobuyiselo loo ntsimi kufuneka ibuyiselwe kulaa mntu abeyithenge kuye.
25“Onke amaxabiso kufuneka amiswe ngokomlinganiselo ovunyiweyo wasesibingelelweni.
26“Izibulo layo yonke into efuyiweyo selilelikaNdikhoyo; ke makungabikho bani wenza umnikelo ngalo ngenxa yesifungo asenzileyo. Ithole, itakane, ixhwane, konke oko kokukaNdikhoyo, 27kodwa lona izibulo lento engàtyiwayo lingáthengwa ngexabiso lomlinganiselo ovunyiweyo, kongezwe nomdliwo ngaphezulu. (Lo mdliwo woba sisinye esihlanwini.) Xa lingakhange lithengwe ngumninilo lingáthengiswa komnye umntu ngexabiso elivunyiweyo.
28“Akukho bani unokuthengisa okanye unokukhulula into eyahlulelwe uNdikhoyo ngokupheleleyo. Nditsho nokuba loo nto ngumntu, nokuba yinto efuywayo, nokuba ngumhlaba. Loo nto yekaNdikhoyo qwaba. 29Nditsho nomntu onikelweyo akanakubuya akhululwe; kufuneka abulawe.
30“Isishumi sayo yonke imveliso yomhlaba, nokuba loo mveliso iziinkozo, nokuba ziziqhamo, yonke loo nto mayahlulelwe uNdikhoyo; yeyakhe. 31Xa kukho umntu ofuna ukukhulula inxenye yesishumi sakhe kufuneka ahlawule ixabiso elivunyiweyo, abuye ongezelele nangomdliwo. (Lo mdliwo woba sisinye esihlanwini.) 32Kwimpahla efuyiweyo, nakanjani na enye kwezilishumi mayabelwe uNdikhoyo. Xa kubalwa imfuyo enye kwishumi ngalinye mayabelwe uNdikhoyo. 33Umnini-mfuyo makangakhethi phakathi kwelungileyo nengalunganga imfuyo, okanye angatshintshisi. Xa enze loo nto ezo zinto zombini ziya kuba zezikaNdikhoyo; azinakube zikhululwe kuye. ”
34Yiyo ke le imiyalelo awayinikwa nguNdikhoyo uMosis entabeni iSinayi ukuba ayigqithisele kumaSirayeli.

Currently Selected:

EYONQULO 27: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy