YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 49

49
Ukhanyiso lwezizwe
1I-i-i-nzwi! Bekan' iindlebe, zizw' ezikude!
Yivani ke, nina nto zihlal' ekudeni!
*UNdikhoyo wandibiza ndingekaliboni ilanga;
ewe, wandikhankanya ndingekazalwa.
2Wawenza amazwi am ahlaba njengekrele;
ewe, yena wandifumbatha ngesandla,
wandicikiza ngathi uhombisa utolo,
wandithi xhwa sendilind' umayenzeke.
3Ke yena wathetha nam, wathi:
“Wena usisicaka sam, Sirayeli;
ngawe ndibhengeza ubungangamsha bam.”
4Ke mna ndithe: “Ndibulalekele ilize;
umzabalazo wam ungamampunge.
Kambe ke ibango lam likuNdikhoyo;
nguThixo wam oya kundibuyekeza.”
5UNdikhoyo owandibumba esizalweni,
wandenza isicaka sakhe,
ukuze ndibuyisele uYakobi kuye,
ndiphuthume uSirayeli owabhacayo.
Kaloku isidima ndisizuza kuNdikhoyo;
amandla am ampompoza kuThixo wam.
6UNdikhoyo uthethe wenjenje:
“Njengesicaka sam akwanele okokuba ubuyisele ubuhandiba kwaYakobi,
uphuthume amasalela kaSirayeli endiwalondolozileyo,
koko ndikumisela ukuba ube lukhanyiso lweentlanga,
ube lusindiso lwam olubandakanya ihlabathi jikelele. ”
7UYedwa, uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli,
lowo unguMkhululi wakhe,
uthi kulowo udelwe mpela-mpela,
nditsho lowo ucatshukelwayo zizizwe,
lowo usisicaka seziphathamandla:
“Izikumkani ziya kukubona;
ewe, ziya kuphakama zikhahlele,
namatshawe aya kuvova ee guqaqa!”
Yonke loo nto ke iza kwenzeka
kuba uNdikhoyo ekunyule wena ukuze ube sisicaka sakhe,
nditsho uThixo onguYedwa kaSirayeli othembekileyo.
Abasayi kunxanwa balambe
8*UNdikhoyo uthi:
“Ayeza amathuba akholekileyo,
imihla yokusindiswa.
Ke mna ndiya kukusiza,
ndisabele ndakuva uzibika.
Ndiya kukwalúsa ndikukhusele,
ngawe ndenze umnqophiso nabantu.
Ngawe ndolibuyisela kubantu bam ilizwe,
ndilabe eliyinkangala libe lilifa,
9amabanjwa uwathethele uthi:
‘Yinkululeko; khululekani;’
uthi kwabo basebumnyameni:
‘Phumani, nize ekukhanyeni.’
“Bona baya kutya ngasezindleleni
njengeegusha ezitya ezindulini.
10Abayi kubuya balambe banxanwe;
ilanga lentlango aliyi kubenzakalisa.
Baya kwaluswa ngulowo unovelwano,
abakhokelele kwimithombo empompozayo.
11Ndogqobhoz' iintaba, ndivul' uhola,
abantu bam ndibahlahlel' indlela.
12Bona bothi gqi kwelikude –
nditsho kwelasentla nasentshonalanga –
bophum' eSinim kwelasezantsi.”
13Memelelani ngovuyo, nina mazulu;
yeyezela uhlahlambe, wena mhlaba;
hlokomani nivume, nina zintaba!
Kaloku uNdikhoyo uyabathuthuzela abantu bakhe;
uhlabekile ziinkxwaleko zeentsizana zakhe.
14Ke yena uZiyon uthi:
“Hayi bo! UNdikhoyo undifulathele;
iNkosi isuke yandilibala.”
15Waphendula ke esithi:
“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,
ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?
Noba ke yena angade amlibale,
okokwam ke mna soze ndikufulathele,
16kuba igama lakho ndilivambile,
ndilithe tyaba esandleni sam;
iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.
17Bayeza oonyana bakho;
baza kuphinda bakuvuse;
abakutshabalalisayo bayemka.
18Khawulaqaze uqwalasele:
nâbo oonyana bakho bexhontelana;
nâbo bebuya begxalathelana.
Ndiyafunga mna Thixo ophilayo,
nawe wozingca ngoonyana bakho,
uxel' umtshakazi ngobuyoko-yoko bakhe.
19“Ngenene ilizwe lakho labhukuqwa lada labharha,
kodwa ngoku loba lincinane kunabo,
lingabalingani abo babuyela kulo;
abo balibhukuqayo boba sebekude.
20Abantwana obazalele ekuxhwalekeni
ngeny' imini baya kuthi kuwe:
‘Lo mhlaba mncinane gqitha;
sivulel' indawo, ukuze sime nathi!’
21Uya kwandula ke uthi:
‘Ndibathathe phi abantwana abangaka?
Ndandingaphathi, ndiludlolo;
kaloku ndathinjwa ndagxothwa.
Kambe ke bakhuliswe ngubani aba?
Mna ndasala ndiyimpula kalujaca,
ngaba luphuma phi na usapho olungaka?’ ”
22UMhlekazi uNdikhoyo uthi:
“Ndiya kuzikhweba iintlanga,
ndiziphakamisele imbasa yam izizwe,
zitsho zize nalo usapho lwakho,
zibabeleke oonyana bakho,
zizifunqule iintombi zakho.
23Ookumkani boba ngabondli bakho,
ookumkanikazi babe ziineni zakho;
bothi vovololo, benik' imbeko kuwe,
borhuqa phantsi ngentlonipho,
utsh' uqond' ukuba ndinguNdikhoyo,
soze badane abo bathembela ngam.”
24Ungalohlutha na ixhoba lejoni?
Ungamkhulula na umthinjwa kulowo umthimbileyo?
25Kambe yena uNdikhoyo uthi:
“Yiloo nto kanye eza kwenzeka:
amaxhoba othathwa kumajoni,
abathinjwa bakhululwe kubathimbi.
Baxabene nam abo balwa nawe;
usapho lwakho lona ndiluhlangule.
26Abakucinezelayo ndobatsho bavukelane;
boqumba babe ngoomnqay' ulambile,
noluntu lonke lutsho lundiqonde
ukuba ndinguNdikhoyo okusindisayo,
mna Mkhululi wakho, iNgangamsha kaYakobi.”

Currently Selected:

UISAYA 49: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in