YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 40

40
UJosefu uchaza amaphupha amanye amabanjwa
1Emva kwexesha injoli kakumkani waseJiputa, kunye nombhaki oyintloko, bayona inkosi yabo ukumkani. 2Wacaphuka ukumkani zizenzo zala madoda, 3wawafaka ke entolongweni kumzi wenduna yabalindi, apho kwakugcinwe khona uJosefu. 4Bahlala ke entolongweni apho, yaza induna yenza uJosefu umququzeleli wabo.
5Ngabusuku buthile bakuba besentolongweni ithutyana, injoli yaba nephupha, kwanaye nombhaki waba nelakhe iphupha. Amaphupha abo ayethetha izinto ngezinto. 6Akufika kubo uJosefu ngentsasa, wababona bematshekile. 7Ubuze wathi: “Kutheni ingathi nikhathazekile nje namhlanje?”
8Bathe bona: “Sibe namaphupha phezolo, yaye akukho namnye umntu apha okwaziyo ukuwachaza into ayithethayo.”
“NguThixo otyhila inkcazelo yamaphupha,” utshilo uJosefu. Watsho esithi: “Ndilawuleleni amaphupha enu.”
9Kuqale injoli, yathi: “Mna ndiphuphe kukho umdiliya ngaphambi kwam, 10unamasebe amathathu. Kuthe nje kuvele amagqabi, kwantshula iintyatyambo, neediliya zavuthwa. 11Bendiphethe indebe kakumkani, ndazikha iidiliya ezo, ndazikhamela endebeni, ndazinika ukumkani.”
12Uthe uJosefu: “Nantsi into ethethwa leli phupha lakho: Amasebe amathathu ziintsuku ezintathu. 13Ngeentsuku ezintathu ukumkani uza kukukhulula, akuxolele, akubuyisele emsebenzini wakho. Uza kubuya ube yinjoli yendebe yakhe njengoko ubuyiyo ngaphambili. 14Uzuncede ke kodwa, ungandilibali xa izinto sezikulungele, uncede uthethe ngam kukumkani, ndikhululwe kule ntolongo. 15Ikakade mna ndebiwa kwilizwe lamaHebhere, ukanti nalapha eJiputa akukho nto ndiyenzileyo ibinokundingenisa entolongweni.”
16Uthe naye umbhaki wezonka, akubona ukuba into iphupha lenjoli eliyithethayo iyanandipheka, naye walilawula kuJosefu iphupha lakhe, esithi: “Mna, kwelam iphupha bendithwele ngentloko iibhaskiti ezintathu. 17Kwephezulu ibhaskiti bekukho zonke iindidi zokutya kukakumkani okwenziwa ngumbhaki, kwafika iintaka zakuxhola.”
18UJosefu uthe: “Nantsi into ethethwa liphupha lakho: Iibhaskiti ezintathu zithetha iintsuku ezintathu. 19Ukumkani uza kukukhulula ngeentsuku ezintathu, kodwa uza kunqunyulwa intloko, uze uxhonywe esibondeni, zize iintaka zikuxhole.”
20Ngomhla wokukhunjulwa kokuzalwa kukakumkani, ngemva kweentsuku ezintathu ukususela koku, ukumkani wenzela iindedeba zasebhotwe itheko. Wayikhulula injoli nombhaki, beziswa phambi kwezo ndedeba. 21Injoli yabuyiselwa kumsebenzi wayo ebikade iwenza, 22kodwa yena umbhaki wanqunyulwa intloko. Kwaba njengokutsho kukaJosefu.
23Kodwa injoli yamlibala kwaphela uJosefu.

Currently Selected:

EYEZIQALO 40: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy