EYEZIQALO 16
16
UAbram noSarayi noHagare
1Umka-Abram uSarayi wayengazali. Wayenesicakazana somJiputakazi esigama linguHagare. 2Wathi ke uSarayi kuAbram: “Ndiyabona ukuba *uNdikhoyo akandiphanga inzala. Ungangeni uHagare nje, isicakakazi sam? Mhlawumbi angandizalela unyana yena.” UAbram wavuma. 3USarayi ke wamnikezela uHagare abe ngumfazi omncinci ka-Abram. Le nto yehla selehleli ishumi leminyaka uAbram eKanana. 4UAbram wadibana noHagare, waza uHagare wakhulelwa. Uthe ke akuziqonda ukuba ukhulelwe, waqhosha wamdela uSarayi.
5USarayi ke uthe kuAbram: “Endidela nje uHagare lo, kungenxa yakho. Kanti ke wawumnikwe ndim lo, seleqhosha nje akuzibona ekhulelwe. Ngamana uNdikhoyo angahlula oyena unyanisileyo phakathi kwam nawe.”
6Uphendule wathi uAbram: “Kulungile kaloku, sisicakazana sakho; uphantsi kwakho uHagare. Yenza into oyibonayo kaloku.” USarayi ke wamphatha gadalala uHagare, wada wabaleka wemka.
7Isithunywa sikaNdikhoyo sadibana noHagare ngasemthonjeni osentlango ngasendleleni ebheka eShure. 8Sathi kuye: “Hagare, sicakazana sikaSarayi, uvela phi, usiya phi?”
Waphendula wathi: “Ndibaleka uSarayi inkosikazi endikhonza yona.”
9Sithe ke kuye isithunywa: “Buyela kwakuye ke, umthobele.” 10Siphinde sathi: “Ndokunika abantwana abangenakubalwa mntu ngenxa yobuninzi babo.” 11Isithunywa sikaNdikhoyo saqokela sathi:
“Ukhulelwe nje uza kuzala inkwenkwe.
Uze uthi nguIshmayeli igama layo,
kuba kaloku uNdikhoyo uyivile intlungu yakho.
12Kodwa yena unyana wakho uya kuziphatha okweqwarha;
uya kuchasa wonke ubani,
angafunwa ngumntu wonke naye.
Uya kuhlala elikheswa phakathi kwabantu bakowabo.”
13UHagare wathi khumnqa, wathi ke ukumbiza loo Ndikhoyo ambonileyo nguThixo obonayo, kuba esithi: “Ngoku ndimbonile ondibonayo.” 14Yiyo ke loo nto abantu bathi loo mthombo uphakathi kweKadeshe neBherede ngumthombo kaPhila-endibonile.
15-16UHagare wazala inkwenkwe, wathi ke uAbram igama layo nguIshmayeli. Wayemashumi asibhozo anesithandathu ubudala uAbram ukuzala kwakhe unyana.
Currently Selected:
EYEZIQALO 16: XHO96
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.