YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 14

14
UAbram uhlangula uLothe
1Kwaqubisana emfazweni iikumkani ezine: uAmrafele waseBhabheli, uAriyoki wase-Elazare, uKedor-lahomere wase-Elam, kunye noTidali waseGoyi. 2Yayilidabi neekumkani ezintlanu: uBhera waseSodom, uBhisha waseGomora, uShinabhi waseAdama, uShenebhere waseZebhoyim, nekumkani yaseBhela ekwakusithiwa yiZoware. 3Zontlanu ezi kumkani zaqukanisa imikhosi yazo entilini yeSidim, ngoku eluLwandle oluFileyo. 4Zaziphantsi koKedor-lahomere ishumi elinambini leminyaka. Zamvukela kodwa kulo weshumi elinantathu. 5Kunyaka weshumi linane uKedor-lahomere namakholwane akhe badibanisa imikhosi yabo, bawachitha amaRafa eAshtaroti-karnayim, amaZuzi eHam, namaEma ethafeni laseKiriyatayim. 6AmaHori bawadudula kwezo nduli zaseSeyire, bawasukela aya kutsho e-Elparan ngasentlango. 7Babuyela eKadeshe, ekwakusithiwa yiEn-mishpati ngoko. Balihlutha lonke ilizwe lama-Amaleki nama-Amori awayemi eHazezon-tamare.
8Zaphuma iikumkani zaseSodom, eGomora, eAdama, eZebhoyim, naseBhela, le kuthiwa yiZoware, zayikhupha imikhosi yazo ukusinga edabini kuloo ntili yaseSidim. 9Zaqubisana apho ezi kumkani zintlanu neekumkani ezine: ooKedor-lahomere wase-Elam, noTidali waseGoyi, noAmrafele waseBhabheli, noAriyoki wase-Elasare. 10Kuloo ntili kwakukho imihadi enetha. Zithe xa zibalekayo edabini iikumkani zaseSodom naseGomora, amanye amajoni eyela kuloo mihadi. Asindileyo abalekela ezintabeni.
11Iikumkani ezine zathimba yonke into eSodom naseGomora, zemka kunye nokutya. 12ULothe unyana womninawa ka-Abram wayehlala eSodom, zamthimba kunye nempahla yakhe.
13Kwabakho ndoda ithile yasindayo, eyabaleka yaya kuxelela uAbram umHebhere owayehlala ngakwimithi kaMamre umAmori. UMamre nabantakwabo uEshkoli noAnere babengamakholwane ka-Abram. 14Akuva uAbram ukuba isizalwane sakhe sithinjiwe, wabiza onke amadoda akhe. Ayengamakhulu amathathu aneshumi elinesibhozo ewonke. Wazisukela zone ezo kumkani, wada waya kutsho kwaDan. 15Wawahlula angamaqela ngamaqela amadoda akhe, wawuhlasela loo mkhosi kwakuhlwa. Wawoyisa, wawusukela waya kufika eHobha entla kweDamasko. 16Wabuya nawo amaxhoba ababewahluthile. Wabuya naye noLothe nempahla yakhe, kunye nabafazi nezicaka.
UMelkizedeki uthamsanqelisa uAbram
17Ukubuya kwakhe uAbram ekulweni noKedor-lahomere namakholwane akhe, wahlangatyezwa ngukumkani waseSodom entilini yaseShawe, ekuthiwa yiNtili kaKumkani. 18UMelkizedeki owayengukumkani waseSalem ekwangumbingeleli woThixo uPhezukonke, weza nesonka newayini.
19Wathamsanqelisa uAbram esithi:
“UThixo uPhezukonke, owênza izulu nomhlaba,
wanga angakuthamsanqelisa, Abram!
20UThixo uPhezukonke okoyiseleyo iintshaba zakho, makadunyiswe.”
Waza ke uAbram wakhupha izishumi zamaxhoba emfazwe, wanikela kuMelkizedeki.
21Wathi ukumkani waseSodom kuAbram: “Wathathe onke amaxhoba, undinike nje abantu bam.”
22Wathi uAbram: “Ndiyafunga, uThixo uyazi, *uNdikhoyo uPhezukonke, umenzi wezulu nelizwe! 23Andiyi kuthatha nto yakho konke, nditsho nokuba ngumsonto lo okanye umtya wembadada. Ndifuna ungaze utsho ukuthi: ‘UAbram watyetyiswa ndim.’ 24Mna andiyi kuthatha nto konke, ngaphandle nje kokutya okutyiwe ngabantu bam. Kodwa wona amakholwane am, uAnere noEshkoli noMamre, mabayifumane bona eyabo inxaxheba.”

Currently Selected:

EYEZIQALO 14: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in