YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 26

26
Udaba olukhaba iTire
1Ngomhla wokuqala enyangeni ngonyaka weshumi elinanye, ndeva izwi *likaNdikhoyo lisithi kum: 2“Mntundini, iTire ihlekise ngeJerusalem yathi: ‘Tshotsho uvuleke, sangondini eliya ezizweni! Iingcango zakho zivulelwe mna. Njengoko sewulinxuwa wena ndiza kuchuma mna.’ 3Ngenxa yoko mna Ndikhoyo iNkosi ndithi: Ndikuchasile, Tire, ndaye ndiza kukufunza ngentlaninge yezizwe, zibe ngathi ngamaza olwandle olulwayo. 4Ziya kuzidiliza iindonga neenqaba zaseTire. Ndiya kukutshayela ke konke okudiliziweyo, iTire isale ilulwalwa, 5ibe yindawo yeminatha yabalobi beentlanzi. Kaloku ndithethile mna, itsho iNkosi uNdikhoyo. Iya kuba lixhoba lezizwe, 6nezithanga zayo ezithe qelele nolwandle zitshabalale likrele. Xa kunjalo ke baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.”
7Kaloku iNgangalala uNdikhoyo ithi: “ITire ndiya kuyithumela ngoNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli – ewe, ikumkani yeekumkani. Uya kuvela ngasentla namahashe neenqwelo zakhe zemfazwe, nebubu lomkhosi olunamadoda akhwele emahashini. 8Uya kuzingena ngekrele izithanga zakho ezimgama nolwandle. Uya kukungqinga, azayame ngezikanisi iindonga zakho, azikhusele. 9Iindonga zakho uya kuzingquzula ngezidilizi zakhe, itsho iwe phantsi imibhontshontsho yakho. 10Amahashe akhe aya kuba maninzi kangangokuba aya kutsho likugubungele uthuli. Izingqi zamahashe emfazwe nengxolo yeenqwelo zokulwa iya kutsho zishukume iindonga zakho xa engena emasangweni akho ngokwamadoda engena esixekweni esindonga ziqhekekileyo. 11Amanqina amahashe akhe aya kuzixobonga zonke izitalato; abantu bakho úya kubabulala ngekrele; zize ezo ntsika zomeleleyo ziwe bhuma emhlabeni. 12Ubutyebi bakho buya kuba lixhoba labo, bayithimbe nempahla orhweba ngayo. Baya kuzidiliza iindonga zakho, namapoma ezindlu zakho zokuhlala, baze bawaphose elwandle amatye nemithi nenkunkuma. 13Ndiza kuyiphelisa intsholo yeengoma kuwe, kwaye ayisokube iphinde iviwe intsholo yezikhalisi zakho. 14Ndiya kukwenza ufane nolwalwa olungenakuhluma nto, uze ube yindawo yeminatha yabalobi beentlanzi. Akusokuze uphinde uvuswe, kuba kaloku kuthethe mna Ndikhoyo iNkosi.”
15Ithi iNgangalala uNdikhoyo kwiTire: “Ngaba bebengangcangcazeli na sisandi sokuwa kwakho abemi phezu konxweme, naxa isitsho incwina yeengxwelerha xa ikrele lisidla kuwe? 16Ngelo xesha zonke iikumkani zamazwe onxweme lolwandle ziya kuhla ezihlalweni zazo, ziyithi xibilili iminweba yazo, zizikhulule neengubo zazo ezihonjisiweyo. Ziya kuhlala phantsi zizel' ululoyiko, zingcangcazela ngalo lonke ixesha ngenxa yomothuko wento eziyibona kuwe. 17Ziya kwenza isililo ngawe, zithi kuwe:
“ ‘Yehaa!
Watshabalala, sixekondini sodumo, ikhaya lamadoda aselwandle!
Ubunegunya elwandle, wena nabemi bakho,
ngenxa yakho bebethuthumela bonke abahlala apho.
18Abemi baselunxwemeni bayangcangcazela ngalo mhla wokuwa kwakho;
abaseziqithini bayagubha ngenxa yokuwa kwakho.’ ”
19Ithi iNkosi uNdikhoyo: “Ndiya kukutshabalalisa ube linxuwa, kungabi sabakho bani uhlala kuwe; ndiya kukuntywilisela enzonzobileni yamanzi olwandle; 20ndiya kukutshonisa emhadini, ndikuhlalise ekhayeni lamanyange. Ndiya kukwenza uhlale emathunjini omhlaba, nawe Tire ufane namanxuwa ezixeko zamandulo. Kwanjengazo awusoze ubuye uluxhamle udumo kumhlaba wabaphilayo. 21Isiphelo sakho siya koyikeka, kuba uya kubhujiswa kuphele. Uya kufunwa, kodwa ungaze ufunyanwe, itsho iNkosi uNdikhoyo.”

Currently Selected:

UHEZEKILE 26: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in