YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 24

24
Imbiza yokupheka
1Ngomhla weshumi ngenyanga yeshumi yonyaka wesithoba ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Mntundini, wubhale phantsi lo mhla, kanye lo, kuba ngawo uyirhangqile iJerusalem ukumkani waseBhabheli. 3Benzele umzekeliso abendlu yabavukeli, uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:
“Beka imbiza eziko;
ugalele kuyo amanzi.
4Sikelela inyama, uyigalele kuyo,
iindawo ezikhethiweyo zona zomlenze nomkhono.
Mayizale ngawona-wona mathambo,
5eyona-yona mpahla isebuhlanti.
Yibasele kakhulu imbiza yakho;
de ibile,
avuthwe namathambo akuyo.
“Kuba itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:
6“Yeha sixeko sabagwinti,
esiyintshela namhla embizeni;
akuyi kubhungca nesuntswana!
Iya kuphakwa ngezidungulwana,
kungenziwanga maqashiso ngazo.
7Kuba igazi awaliphalazayo liyakhala.
Kaloku waliphalazela etyeni,
akaliphalazelanga emhlabeni
apho beliya kutshona eluthulini.
8Ngenxa yokuxhokonxwa komsindo nempindezelo
igazi lakhe ndoliphalazela etyeni,
khon' ukuze lingafihlakali.
9“Ngako oko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi:
“Yeha, sixekondini segazi!
Nam ndiza kufumba iinkuni!
10Fumba iinkuni,
uphembe eziko,
uwubase umlilo,
uyiphekisise inyama,
uyigalele izinongo,
uyipheke ade atshe amathambo.
11Ndiya kuyibasela eziko imbiza ingasenanto,
itshe ibe bomvu ngumlilo,
ukuze kunyibilike izothe layo
nentshela itshe iphele.
12Kaloku ayiva ukuhlala kwayo;
intshela yayo ayisuki
naxa seyifakwa umlilo.
13“Ngoku izothe lakho bubufebe. Ngexesha endandizama ukuba ndikwenze ucoceke, akufunanga. Ke ngoko akuyi kucoceka de ingqumbo yam kuwe ithothe.
14“Ndithethile mna Ndikhoyo. Lifikile ixesha lokuba ndenze. Andiyi kulibazisa. Andizi kuba nanceba, ndingayi kubuya mva. Uza kohlwaywa ngokwesimilo sakho nezenzo zakho. Nguwo lowo umlomo weNgangalala uNdikhoyo.”
Ukufa komfazi kaHezekile
15Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 16“Mntundini, ngesithonga nje esinye ndiza kukuhlutha lowo umthanda kunene. Maze ungakhali, okanye wenze isililo, okanye ube nyembezana. 17Uze ungqukruleke nje, kodwa ungamzileli lowo ufileyo. Uze uwuthwale umnqwazi wakho, neembadada zakho ungazikhululi, ungazigqumi iindevu zakho, ungakutyi ukutya kwesiqhelo komntu ozilileyo.”
18Kusasa ke ndathetha nabantu, yaza inkosikazi yam yasweleka ngokuhlwa. Ngentsasa elandelayo ndenza ngokomyalelo.
19Baza abantu bandibuza bathi: “Khawusixelele, thina singena phi apha?”
20Ndaza ndathi kubo: “Ndive ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 21Xelela indlu kaSirayeli uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kusixabhela isibingelelo sam – inqaba yenu yeqhayiya, leyo ithi kuni: ‘Ndijonge,’ into eniyithanda kunene. Oonyana neentombi zenu enizishiyileyo ziza kubulawa ngekrele. 22Niya kuxelisa mna: aniyi kuzigquma iindevu zenu, ningayi kukutya nokutya kwabazili njengesiqhelo. 23Niya kuhlala niyithwele iminqwazi yenu, neembadada nosoloko nizinxibile. Aniyi kuzila, aniyi kulila, kodwa nosuka niye niphela ngokuphela emzimbeni ngenxa yesono senu; niya kungqukruleka nje kuphela. 24Uya kuba ngumqondiso kuni uHezekile; niya kuxelisa yena. Xa kunjalo niya kwazi ukuba mna ndinguNdikhoyo iNkosi.
25“Ke wena, mntundini, mhla ndayisusa inqaba yabo, uchulumanco nozuko lwabo, uvuyo lwamehlo abo, eyona nto ithe ngco ezintliziyweni zabo, kwanoonyana neentombi zabo, 26uya kufika kuwe obhungcileyo ekuphathele iindaba. 27Umlomo wakho uya kuvuleka ngoko nangoko; uya kuthetha naye kuba ungenakuthula. Ke ngoko uya kuba ngumqondiso kubo, baze baqonde ukuba ndinguNdikhoyo.”

Currently Selected:

UHEZEKILE 24: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy