UHEZEKILE 12
12
Umqondiso wemfuduko
1Ilizwi *likaNdikhoyo ndaliva lisithi: 2“Mntundini, uhleli nabantu abangabavukeli. Banamehlo, kodwa ababoni; baneendlebe, kodwa abaphulaphuli; kuba kaloku bangabavukeli.
3“Ngako oko, mntundini, bopha konke okwakho, ulungiselele ukufuduka. Uze uthi emini, bekubona, unduluke, ufudukele kwenye indawo. Mhlawumbi ke bangaqonda, nakubeni bengabantu abangabavukeli. 4Emini njalo, bejongile, uze uwubeke phandle umthwalo wakho sewulungele imfuduko, uphume kwakuhlwa, bekukhangele njalo, ungene endleleni yemfuduko. 5Bekubukele njalo, gqobhoza eludongeni lwendlu, uphume nempahla yakho. 6Uze uyityathe bekujongile ngorhatya, ungene endleleni. Uze ubugqume ubuso bakho, ukuze ungaliboni ilizwe, kuba ndikwenze umqondiso kwindlu kaSirayeli.”
7Ndenza njengoko ndiyalelwe. Ndayikhupha emini impahla yam seyingumthwalo olungiselelwe imfuduko. Ndaza ngokuhlwa ndagqobhoza eludongeni ngezandla zam. Ngorhatya ndaphuma endijongile ndithwele impahla yam emagxeni.
8Kusasa ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi: 9“Mntundini, abakubuzanga na oonkanishe abayindlu kaSirayeli ukuba: ‘Wenza ntoni na?’ 10Uze uthi kubo: ‘Ithi iNkosi uNdikhoyo: Olu daba lundilisekileyo luqondene nenkosana eseJerusalem nayo yonke indlu kaSirayeli elapho.’
11“Ewe, yithi: ‘Mna ndingumqondiso kuni. Nakuni kuya kwenzeka njengokuba kwenzekile kum.’
“Nâbo baseJerusalem baya kufuduswa. 12Inkosana yabo iya kuyithwala impahla yayo emagxeni, isabe ngorhatya. Iya kuvulelwa umngxuma emayiphume ngawo eludongeni. Iya kubugquma ubuso bayo, itsho ingaliboni ilizwe. 13Ndiya kuyithiyela ngezabatha, ize ibhajiswe zizo; ndiya kuyisa eBhabheli ilizwe lamaKaledi, kodwa yona ayisayi kulibona, yaye iya kufela apho. 14Ndiya kubasarhaza bonke abalandeli, nditsho nkqu amafanankosi nemikhosi. Ndiya kubaleqa ndiqhiwule ikrele.
15“Xa sendibenze baphalala ezintlangeni nasemazweni baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo. 16Kodwa ndiya kusindisa intsalela yabo ekutshatyalalisweni likrele, nendlala, nobhubhani, khon' ukuze izixele izenzo zabo ezimanyumnyezi kwezo ntlanga iya kuhamba phakathi kwazo. Xa kunjalo baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.”
17Ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi: 18“Mntundini, ngcangcazela xa usidla ukutya kwakho, udude kukoyika xa usela amanzi. 19Yithi kubantu beli lizwe: ‘Ngokuphathelele kubantu abahlala eJerusalem nakwilizwe lamaSirayeli itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ukutya kwabo baya kukutya bexhalabile, amanzi bawasele bephelelwe lithemba, kuba ilizwe labo liza kushiywa lize ngenxa yezenzo zobutshijolo zabantu balo. 20Izixeko ezinabantu ziya kuba ngamabhodlo, lize ilizwe libe sebugxwayibeni. Noqonda ngoko ukuba ndinguNdikhoyo.’ ”
21Ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi: 22“Mntundini, andibi kukho iqhalo kwaSirayeli elithi: ‘Ziyahamba zona iintsuku, wona umbono ungaphumi ntweni’? 23Yithi ke kubo: ‘Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kuliphelisa eli qhalo, ukuze lingabuye livakale kwaSirayeli.’ Yithi kubo: ‘Sezisondele iintsuku zokuba yonke imibono izalisekiswe. 24Kaloku iza kuphela imibono elambathayo nokuhlatywa kwemihlola engento apha kwaSirayeli. 25Mna Ndikhoyo ndiza kuthetha endikuthethayo, kuze kuzaliseke ngokukhawuleza. Ithi iNgangalala enguNdikhoyo: Konke endikuthethayo phambi kwenu kozalisekiswa ngemihla yenu, ndlundini inenkani.’ ”
26Ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi: 27“Mntundini, indlu kaSirayeli ithi: ‘Imibono ayibonayo yeyeminyaka ezayo, neentshumayelo zakhe zezexesha elizayo.’
28“Yithi ke kubo: ‘Itsho iNgangalala enguNdikhoyo ukuthi: Akukho lizwi lam liza kulityaziswa; konke endikuthethileyo kuza kwenzeka! Nditshilo nje mna Nkosi Ndikhoyo nditshilo.’ ”
Currently Selected:
UHEZEKILE 12: XHO96
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.