YouVersion Logo
Search Icon

KWABASE-EFESE 2

2
Siphume ekufeni sangena ebomini
1Benifudula nifile emoyeni ngenxa yeemposiso nokona, 2ngokuya naniziphethe ngendlela yeli hlabathi. Naniphantsi komtyholi, umphathi wamagunya asesibhakabhakeni noweempembelelo ezilawula abo bangamthobeliyo uThixo. 3Eneneni besinjalo sonke; besifudula silawulwa ziinkanuko zesimo sethu esidala, silandela nayiphi na iminqweno neengcinga zethu. Njengamntu wonke ke okuloo meko besiphantsi kwengqumbo kaThixo.
4Kodwa ke uThixo onceba inkulu, ngenxa yendlela asithanda ngayo, 5usidlise ubomi kunye noKrestu, naxa besinjengabafileyo nje ngenxa yezono zethu. Kambe ke nakhululwa ngenxa yesisa sikaThixo. 6Njengoko simanyene noKrestu Yesu nje, uThixo usivuse ekufeni, saza saya kutsho ezulwini kunye noYesu. 7Wênjenjalo ukuze ngamaxesha onke ahlale esibonisa ubukhulu besisa nobubele bakhe, thina bamanywe noYesu Krestu. 8Ke kaloku nakhululwa ngesisa sikaThixo ngokholo; anikhululwanga ngemizamo yenu. Ewe, kungenxa yesisa sikaThixo. 9Ngoko ke akukho nto ubani angaziqhayisa ngayo, kungekho migudu yakhe nje. 10Singumsebenzi wezandla zikaThixo ke thina. Kaloku simanywe noYesu Krestu nje, uThixo wasidalela ukuba sizinikele ekwenzeni imisebenzi emihle awasimisela yona kwangaphambili.
Sibanye kuKrestu
11Kaloku yikhumbuleni imeko yenu yangaphambili ngelaa xesha naningabahedeni. Kwakusithiwa ningabangalukanga ngabo bolwaluko (lwaluko olo lulisiko nje langaphandle). 12Kaloku ngelo xesha nanikude kuKrestu. Naningenabudlelane nemilowo yakwaSirayeli. Naningaphandle kweminqophiso nezithembiso zikaThixo. Naningenathemba, ningenaThixo kweli hlabathi. 13Kodwa ngoku, ngokumanywa noKrestu, nina kanye enanikade nikude lee, nisondeziwe ngokuphalala kwegazi likaKrestu. 14Kuba kaloku nguye umxolelanisi. Iintlanga namaJuda uzenze zasisizwe esinye. Yena buqu waludiliza udonga lobutshaba obelusahlule. 15Kaloku uwubhangisile umthetho nemiyalelo kwanemimiselo yawo, ukuze ngezi zizwe zibini adale isizwe esitsha esimanywe naye ngokwakhe. Ngaloo ndlela ke udale uxolo. 16Ewe, ngomnqamlezo wakhe uKrestu ububhangisile ubutshaba, waza ezi zizwe zibini wazixolelanisa zayimbumba yamanyama kuThixo. 17Ngoko ke weza washumayela iindaba ezimnandi zoxolo, kuni nina babekade bekude, nakwabo bebekufutshane kakade. 18Kaloku sonke, amaJuda kwaneentlanga, singena ngoKrestu, siye kufikelela kuBawo ngenkqu, sikuMoya omnye.
19Ngoko ke, nani zintlanga, anisengabo abasemzini neendwendwe. Niyimilowo nabantu bakaThixo; nilusapho lukaThixo. 20Nani ke nakhelwe phezu kwesiseko *sabathunywa *nabashumayeli, kodwa ke elona litye lesiseko nguYesu Krestu ngokwakhe. 21Ungoyena usixhasayo isakhiwo xa sisonke, ukuze sikhule sibe yindlu engcwele yeNkosi. 22Ngokumanywa naye ke nani niyakhiwa nikunye nabanye, ukuze nibe sisakhiwo ahlala kuso uThixo ngoMoya.

Currently Selected:

KWABASE-EFESE 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy