1
KWABASE-EFESE 2:10
IBHAYIBHILE
Singumsebenzi wezandla zikaThixo ke thina. Kaloku simanywe noYesu Krestu nje, uThixo wasidalela ukuba sizinikele ekwenzeni imisebenzi emihle awasimisela yona kwangaphambili.
Compare
Explore KWABASE-EFESE 2:10
2
KWABASE-EFESE 2:8-9
Ke kaloku nakhululwa ngesisa sikaThixo ngokholo; anikhululwanga ngemizamo yenu. Ewe, kungenxa yesisa sikaThixo. Ngoko ke akukho nto ubani angaziqhayisa ngayo, kungekho migudu yakhe nje.
Explore KWABASE-EFESE 2:8-9
3
KWABASE-EFESE 2:4-5
Kodwa ke uThixo onceba inkulu, ngenxa yendlela asithanda ngayo, usidlise ubomi kunye noKrestu, naxa besinjengabafileyo nje ngenxa yezono zethu. Kambe ke nakhululwa ngenxa yesisa sikaThixo.
Explore KWABASE-EFESE 2:4-5
4
KWABASE-EFESE 2:6
Njengoko simanyene noKrestu Yesu nje, uThixo usivuse ekufeni, saza saya kutsho ezulwini kunye noYesu.
Explore KWABASE-EFESE 2:6
5
KWABASE-EFESE 2:19-20
Ngoko ke, nani zintlanga, anisengabo abasemzini neendwendwe. Niyimilowo nabantu bakaThixo; nilusapho lukaThixo. Nani ke nakhelwe phezu kwesiseko *sabathunywa *nabashumayeli, kodwa ke elona litye lesiseko nguYesu Krestu ngokwakhe.
Explore KWABASE-EFESE 2:19-20
YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy
Home
Bible
Plans
Videos