YouVersion Logo
Search Icon

UHLAZIYO-MNQOPHISO 32

32
1Khanibek' iindlebe, mazulu, ndithethe;
khawuthi cwaka, mhlab', uphulaphule.
2Imfundiso yam iza kuchaphaza njengemvula,
itshone njengombeth' emhlabeni,
amazwi am awe njengomkhumezelo phezu kohlaza,
abe njengomvimbi phezu kotyani.
3Kaloku ndiza kulibhengez' igama *likaNdikhoyo;
ke nina bubabazeni ubukhulu bukaThixo wethu.
4YiNgxondorha emsebenz' ufezekileyo;
iindlela zakhe bubulungisa bodwa;
uThixo othembekileyo enyanisekile,
yena lilungisa elingenakumbi.
5Kambe ke nina nigwenxa,
ngoko ke ngenxa yokubhatyaza kwenu
aniselulo usapho lwakhe,
sizukulwanandini sigoso sinxaxhileyo!
6Ngani ukuba nimphathe kanj' uNdikhoyo,
zidengendini zabantu ezingaqiqiyo?
Kaloku yena nguYihlo noMdali wenu;
nguye owanenzayo waza wanibonelela.
7Khanibuzise niqonde ngezamandulo;
khaniphande nive ngezizukulwana ezadlulayo.
Amanyange wona aya kunibalisela;
amadod' amakhulu aya kunichubela.
8Xenikweni uPhezukonke wazabela ilifa izizwe;
yena wabahlula-hlula oonyana babantu,
waza izizwe wazimisela imida yazo
ngokobungakanani boonyana bakaSirayeli.
9Ke yona inxaxheba kaNdikhoyo luhlanga lwakhe.
Ewe, uYakobi sisabelo sakhe.
10Wambhaqa kwimpengempenge yentlango,
kwinkangala egxwala amarhamncwa,
waza wamchola, wampelesa,
wamkhusel' okokhozo lweliso lakhe,
11njengokhozi lukhusela amantshontsho alo,
lundanda luwathwale ngaloo maphiko alo,
xa luwakhupha endlwini yalo.
12Ewe, uNdikhoyo wamkhokela yedwa
kungekho *thixo ungomnye umncedisayo.
13Wamqabelisa imimango enyukayo,
wayixhamla imveliso yelizwe;
watya ubusi emaweni,
waza umnquma wavelisa elulwalweni.
14Iimazi zeenkomo nezeebhokhwe yayiziintsengwanekazi;
oozinkomo, zibhokhwe, neegusha yayingamateke-teke,
nditsho oku kweenkomo zaseBhashan.
Ingqolowa ingachum' iliphupha;
asisathethi ke ngediliya naloo wayini ingayiwayo.
15Kambe ke uYeshurun suka wahlutha wada wakhabalaza;
ewe, wakhula wakhukhumala wada waxhathisa.
Waza ke wamfulathela uThixo adalwe nguye,
wayibukula eyona Ngxondorha imsindisayo.
16Wamkhweletisa ngokunqula izithixo;
wamxhokonxa ngemikhwa emanyumnyezi.
17Suka waxhelel' iindimoni ezingengoThixo;
izithixo awayengazazi ngaphambili,
izinto ezingazange zinqulwe nangamanyange.
18Akayikhathalelanga eyona Ngxondorha aphuma kuyo;
suka wamlibala uThixo azelwe nguye.
19Waza ke yena uNdikhoyo wakruquka,
exhokonkxwa ngoonyana neentombi zakhe nje.
20Wathi: “Ubuso bam ndiza kubufihla,
ndibone ukuba loba yintoni ikamva labo;
kuba basisizukulwana esigwenxa,
abantwana abangathembekanga.
21Ngezi zithixo bayandikhweletisa;
ngale mifanekiso bayandixhokonxa.
Nam ke ndobakhweletisa ngohlanga olungebantu bam;
ndobaxhokonxa ngohlanga olungenangqondo.
22Kaloku umsindo wam uvutha njengomlilo,
udangazela kuye kuthi gaa kwelabafileyo;
utshisa umhlaba nemveliso yawo,
ude ulenye neziseko zeentaba.
23“Ndobahlisela ngemfumba yezibetho,
iintolo zam ndizifohlele phezu kwabo.
24Baya kuthi shuu yindlala nephango,
bacikidwe ngubhubhani nezifo-yifo,
amarhamncwa abaqwenge
ngezo ngxavula zawo,
bathi nca bubuhlungu bezirhubuluzayo.
25Ezindleleni ikrele lishiy' izigede,
nasemagumbini bankwantye barhwaqele.
Abafana neentombi itshoba lilal' umbethe;
iintsana neengwevu nazo zithi dwe.
26Ngendibatshabalalise kwathi tu,
ababi sakhunjulwa naluluntu,
27nto nje kuthi qath' iintshaba zabo,
hleze zigcolode zide zizincome,
zithi namhla zibuye noloyiso,
ukanti ikwandim obathe vithe-vithe.”
28Kwezo ntshaba umqondo tu;
kwabo bantu ingqondo ti!
29Ukuba nje bebelumkile ngebeyazi le nto,
beliqonda nekamva labo.
30Iwaka lingaze loyiswe ngumntu omnye;
ishumi lamawaka libalek' ababini,
ukanti abaphoxwanga yiNgxondorha yabo,
mhlawumbi bayekelwe nguNdikhoyo?
31Ingxondorha yezinye izizwe ayifani neyethu,
nkqu neentshaba zethu ziyayiqonda loo nto.
32Kuba isidiliya sazo sesaseSodom;
ngumdiliya wamasimi aseGomora.
Idiliya yazo inetyhefu,
izikhinkci zayo ziyakrakra.
33Eyazo iwayini bubuhlungu benyoka;
ngengcwangu nqwa nobuhlungu bephimpi.
34“Kambe ke isiphelo sazo ndisasibambile;
ndisasivalele koovimba bam.
35Ke yona impindezelo nokubuyekeza kokwam;
ngokuhamba kwexesha zode zityibilike.
Imini yazo isemnyango;
izingqi zentshabalalo ziza zikhawulezile.”
36Kaloku uNdikhoyo wobavelela abantu bakhe,
avelane nazo izicaka zakhe,
akuba eqonda ukuba baphelelwe,
kungasekho mahluko phakathi kwenkosi nesicaka.
37Wosuka ke athi: “Baphi ke abo thixo benu?
Iye ngaphi kaloku ingxondorha yenu?
38Abo batye amanqatha amadini enu,
baza basela neminikelo yewayini,
mabeze kuninceda kaloku;
mabavele kaloku, banikhusele.
39“Niyabona ke, ndim, ewe ndim ndedwa uThixo;
akukho thixo wumbi ngaphandle kwam.
Ndiyabulala, ndidlisa ubomi;
ndiyenzakalisa, ndiyanyanga futhi;
tu ohlangulayo esandleni sam.
40NdinguThixo ophilayo nje
inene ndiyafunga, ndithi:
41‘Ndiza kulilol’ ikrele lam elidangazelayo;
ndihlasele kutsho kuvele ubulungisa.
Ke zona iintshaba zam ndozohlwaya,
abandithiyileyo ndibaphindezele.
42Iintolo zam ziza kuxhaph' igazi;
ikrele lam liza kudl' enyameni;
nditsho igazi labaxatyelweyo nabathinjwa,
nkqu negazi leentloko ezinesihlwitha zeentshaba.”
43Hoyina, zizwe, dumisani ngenxa yabantu bakaNdikhoyo!
Kalok' uyalibuyekeza igazi lezicaka zakhe.
Zidliwe yimpindezelo iintshaba zakhe;
kambe ke uyazicamagushela izono zabantu bakhe nelizwe lakhe.
44Ke kaloku uMosis noYoshuwa unyana kaNune bawucengceleza wonke lo mbongo, khon' ukuze amaSirayeli awuve.
Umyolelo kaMosis
45Akuba ke egqibile uMosis ukuwathetha la mazwi kumaSirayeli 46wathi kuwo: “Wathatheleni ingqalelo onke la mazwi endiwabhekise kuni namhlanje. Ze niwayalele abantwana benu, khon' ukuze bafunde ukuyithobela ngenyameko yonke imfundiso yalo mthetho. 47Kaloku le mfundiso ayikuko ukulavuza nje, koko bubomi kuni. Ngoko ke yithobeleni niyenze, khon' ukuze nibe nokuma ixesha elide kwelo lizwe niya kulo phesheya kweJordan.”
48Kwangaloo mini uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: 49“Yiya kwiintaba zeAbharim kwelaseMowabhi malunga neJeriko. Nyuka intaba iNebho, ulibheke elo lizwe laseKanana ndiza kuwangenisa kulo amaSirayeli. 50Wena ke uya kufela apho entabeni njengomkhuluwa wakho uAron owafela kwintaba iHori. 51Kaloku nina nobabini naningathembekanga kum phakathi kwamaSirayeli. Ewe, ngokuya naniseMeribha ngakwidolophu iKadeshe kwintlango iZin nasithoba isidima sam phambi kwamaSirayeli. 52Ke wena elo lizwe uya kulibuka ukude; soze uye kungena kwelo lizwe ndilinika amaSirayeli.”

Currently Selected:

UHLAZIYO-MNQOPHISO 32: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy