YouVersion Logo
Search Icon

UAMOS 1

1
Intshayelelo
1La ngamazwi ka-Amos, owayengomnye wabafuyi baseTekowa, abhekiselele koko wakubonayo ngokuphathelele kumaSirayeli, ngexesha u-Uziya wayengukumkani kwaJuda, yena uJerobhowam unyana kaJowashe engukumkani kwaSirayeli, iminyaka emibini phambi kwenyikima.
2Wathetha wenjenje uAmos:
“*UNdikhoyo angabharhumla kwintab' iZiyon,
iziwi lakhe lingazongoma livela ngaseJerusalem,
amadlelo atsho abharhe,
yona incopho yentaba iKarmele itshaze.”
Isigwebo sikaThixo kubamelwane bamaSirayeli: Ama-Aram
3Utsho *uNdikhoyo ukuthi:
“Nokuba iDamasko yayone izihlandlo zazithathu
ngendingasirhoxisanga isohlwayo sam.
Kambe ke suke yagqithisa ngokona isihlandlo sesine.
Kaloku ibhule iGiliyadi ngesileyi sokubhula esimazinyo ayintsimbi.
4Ngoko ke ndiza kulintumeka ngomlilo ibhotwe likaHazayeli,
zitshe ziphele nqu iinqaba zikaBhenadadi.
5Ndiza kuwadiliza amasango aseDamasko,
ndibasiphule neengcambu abemi bentili yaseAven
kunye nezo ziphathamandla zaseBhete-eden.
Ama-Aram aya kuthinjwa, asiwe eKire.”
Utsho uNdikhoyo.
AmaFilistiya
6Utsho *uNdikhoyo ukuthi:
“Nokuba iGaza yayone izihlandlo zazithathu
ngendingasirhoxisanga isohlwayo sam.
Kambe ke suke yagqithisa ngokona isihlandlo sesine.
Kaloku bona bathimba isizwe siphela,
basithengisa saba ngamakhoboka kwaEdom.
7Ngoko ke ndiza kuluntumeka ngomlilo udonga lwaseGaza,
zitshe ziphele nqu iinqaba zalapho,
8ndibasiphule neengcambu abemi baseAshdode
kunye nezo ziphathamandla zaseAshkelon,
ndiziphanzise iidolophu zase-Ekron,
kungasali nempunde le kumaFilistiya.”
Itsho iNkosi uNdikhoyo.
AmaTire
9Utsho *uNdikhoyo ukuthi:
“Nokuba iTire yayone izihlandlo zazithathu
ngendingasirhoxisanga isohlwayo sam.
Kambe ke suke yagqithisa ngokona isihlandlo sesine.
Kaloku bona bathimba isizwe siphela,
basithengisa saba ngamakhoboka kwaEdom,
suka bawutyeshela umnqophiso wobuzalwana.
10Ngoko ke ndiza kuluntumeka ngomlilo udonga lwaseTire,
zitshe ziphele nqu iinqaba zalapho.”
AmaEdom
11Utsho *uNdikhoyo ukuthi:
“Nokuba amaEdom ayone izihlandlo zazithathu
ngendingasirhoxisanga isohlwayo sam.
Kambe ke suke agqithisa ngokona isihlandlo sesine.
Kaloku wona awaqweqwedisa ngekrele amawabo,
ayitsho yaphela tu imfobe yokuzalana,
awaqwenga enomsindo ongapheliyo,
umsindo ongathibazekiyo.
12Ngoko ke ndiza kuyintumeka ngomlilo iTeman,
zitshe ziphele nqu iinqaba zaseBhozera.”
Ama-Amon
13Utsho *uNdikhoyo ukuthi:
“Nokuba ama-Amon ayone izihlandlo zazithathu
ngendingasirhoxisanga isohlwayo sam.
Kambe ke suke agqithisa ngokona isihlandlo sesine.
Kaloku wona aqangqulula abafazi abakhulelweyo baseGiliyadi
ukuze bandise imida yabo.
14Ngoko ke ndiza kuluntumeka ngomlilo udonga lwaseRabha,
zitshe ziphele nqu iinqaba zalapho.
Kovakala intlaba-mkhosi mhla ngedabi,
kuvuthuze umoyakazi ngemini yesaqhwithi.
15Uya kuthinjwa ukumkani wawo,
yena kunye namaphakathi akhe.”
Utsho uNdikhoyo.

Currently Selected:

UAMOS 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in