YouVersion Logo
Search Icon

2 KUTIMOTI 2

2
Ijoni elinyanisekileyo likaKrestu
1Ke ngoko, nyana wam, yomelela ngenxa yesisa sikaThixo esisifumana ngokumanywa noKrestu Yesu. 2Wayiva phambi kwamangqina amaninzi imfundiso yam. Loo mfundiso ke yinike amadoda onokuwathemba, ibe ngamadoda anako ukuyifundisa abanye.
3Yiba nenxaxheba nawe ezinzingweni njengejoni elithembekileyo likaKrestu Yesu. 4Ijoni elisemsini alizixakekisi ngezinto zentlalo yemihla-ngemihla. Kufuneka libe soloko lilinde ukuyalelwa ngumphathi walo. 5Kwakhona imbaleki ayinako ukuthiwa jize ngembasa ingayithobeli imigaqo. 6Umlimi osebenza nzima ufanelwe sisahlulo sokuqala esivunweni. 7Zigqale ezi ndawo, yaye iNkosi yokunceda uziqonde kakuhle.
8Khumbula ukuba uYesu Krestu wavuswa ekufeni, engumzukulwana kaDavide, njengoko nditshoyo xa ndishumayela iindaba ezimnandi. 9Nditsala nzima ngenxa yokuzivakalisa. Sendide ndavalelwa entolongweni ngathi ndisisaphula-mthetho. Kodwa lona ilizwi likaThixo alivalelekanga. 10Yonke loo nto ndiyinyamezele ngenxa yabanyulwa bakaThixo, ndinale njongo yokuba nabo balufumane usindiso newonga elingonaphakade ngokumanywa noKrestu Yesu.
11Athembekile la mazwi athi:
“Ukuba sife simanyene naye, sodla ubomi kwakunye naye.
12Ukuba siyanyamezela, soxhamla ukulawula kwakunye naye.
Ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela.
13Ukuba asinyaniseki, uhlala enyanisekile yena,
kuba kaloku akanakuzikhanyela yena siqu.”
Isicaka esivunyiweyo
14Hlala ubakhumbuza abantu, ubalumkise phambi koThixo, bangenzi zingxoxo zixabanisayo, kuba azakhi, koko ziyabenzakalisa abaphulaphuli. 15Zama kangangoko unako ukuba ukholeke kuThixo, ube ngumntu ongenadyudyu ngomsebenzi wakhe, uyifundisa ngokufanelekileyo inyaniso. 16Sukungena kwiincoko ezilambathayo zeli phakade, kuba abo bangena kuzo baya bechasela kuThixo. 17Ngokunjalo nemfundiso yabo inwenwa okwesilonda esibhidlayo. Banjalo ooHimeniyo noFileto. 18Bayiphosile inyaniso, futhi bawawisile amanye amakholwa, besithi uvuko lwabafileyo selufikile. 19Kodwa sona isiseko esimiswe nguThixo asigungqi, sinombhalo othi: “INkosi iyabazi abayo,” kwanothi: “Wonke umntu olibizayo igama leNkosi makahlukane nesono.”
20Uyabona ke, endlwini enkulu kubakho iindidi ngeendidi zezitya: ezinye zezegolide, ezinye zezesiliva, zimbi zezomthi, ezinye zezodongwe; ezinye zazo zixabisekile, kanti ke ezinye azixabisekanga. 21Ukuba umntu uyazikhwebula ekungcoleni abe nyulu, uya kuxabiseka, iNkosi yakhe ibe nako ukumsebenzisa nakuwuphi na umsebenzi omhle. 22Ziphephe iinkanuko zobutsha; phuthuma ukulungisa, ukholo, uthando, noxolo, umanyene nabo bonke abayinqula ngokunyaniseka iNkosi. 23Sukuthatha nxaxheba kwiingxoxo ezilambathayo zobudenge! Kaloku zona isiphelo sazo yingxabano. 24Isicaka seNkosi asifanele kulwa, koko sifanele ukuba nobubele kubantu bonke. Sifanele ukuba nemfundiso, sinomonde, 25sithantamise xa siluleka abo bachasayo. Kaloku iNkosi isenokubapha inguquko, bayiqonde inyaniso, 26baze babuyele ezingqondweni, benze intando kaThixo, basiphephe isabatha abebebanjiswe ngaso ngumtyholi.

Currently Selected:

2 KUTIMOTI 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy