YouVersion Logo
Search Icon

2 KWABASEKORINTE 9

9
Iphulo lokunceda amaKrestu
1Akukho mfuneko yokuba ndinibhalele mayela nombandela wephulo lokunceda abantu bakaThixo abakwaJuda. 2Ngangokuwazi kwam umdla eninawo sendide ndaqhayisa nokuqhayisa ngani kubantu baseMakedoni, ndisithi nina ma-Akaya naniseniwulungele kwakunyaka ophelileyo lo mbandela. Umdla wenu ke uvuselele abantu abaninzi. 3Ndithumela loo makholwa kuni ngoku, khon' ukuze kungabi ngathi ndandithetha nje xa ndandiqhayisa ngani mayela nalo mcimbi. Njengokuba sendiqhayisile nje ke, bekungakuhle ukuba bafike senilungile. 4Nanjengokuba ndinithemba kangaka nje, ndingadana kakhulu, nani nihlazeke kakubi, ukuba kunokufika abantu baseMakedoni apho, behamba nam, ningekalungi. 5Kungoko ke ndithe la makholwa makabe ehamba kuqala, ukuza kukhangela ukuba senisilungisile na isipho enathembisa ngaso, khon' ukuze ke mna ndifike sesilungile, singumnikelo wenu wesisa, ingekuko kuba ninyanzelwa.
6Nize nikhumbule ukuba ohlwayela kancinane uvuna kancinane, ohlwayela kakhulu avune isivuno esikhulu. 7Elowo ke makanikele kangangoko agqibe ngako, engenasikrokro, engaziva enyanzelekile, kuba uThixo uthanda umntu opha ngobubele. 8Kaloku unako uThixo ukunipha nangaphezu kweemfuneko zenu, ukuze nisoloko nanele kwiimeko zonke, nibe nako ukuhlangabezana nayo yonke imisebenzi emihle, 9njengoko zitshoyo *neziBhalo ukuthi:
“Uwapha ngesisa amahlwempu;
ububele belungisa buhlala buhleli.”
10Ke uThixo obonelela umhlwayeli ngembewu nangesonka, uya kunibonelela nani ngembewu eniyisweleyo, ayikhulise inivelisele isivuno esihle ngokobubele benu. 11Nohlala nanele ukuze nikwazi ukusoloko ninezinwe, khon' ukuze uThixo abulelwe ngabantu abaninzi ngenxa yezipho zenu abazifumana kuthi. 12Le nkonzo niyenzayo kaloku ayanele nje kukuhlangabezana neentswelo zabantu bakaThixo, koko ibanga ukuphuphuma kwemibulelo ebhekiswa kuThixo. 13Abaninzi ke baya kumdumisa uThixo ngenxa yokucaca kwentembeko yenu, xa bebona ukumthobela kwenu nokunyaniseka kwenu kwiindaba ezimnandi zikaKrestu, nangobubele benu, kuba nisabelana nabo bonke abanye. 14Bonithandazela ke benga banganibona ngenxa yesisa esikhulu anenzele sona uThixo. 15Makabulelwe uThixo ngesipho sakhe esingaka.

Currently Selected:

2 KWABASEKORINTE 9: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in