YouVersion Logo
Search Icon

1 KASAMWELI 11

11
USawule uchitha umkhosi wama-Amon
1Ukumkani uNahashe wama-Amon wahlasela idolophu iJabheshe ekummandla wamaGiliyadi, wayivingcela. Amadoda onke alapho eJabheshe athi kukumkani uNahashe: “Masenze umnqophiso woxolo. Siyavuma ukukuthobela.”
2UNahashe uthe ukuphendula: “Loo mnqophiso ndiya kuwenza kuphela xa sivanayo ukuba ndikrolonqe iliso lasekunene kumntu ngamnye, khon' ukuze ndiwahlazise amaSirayeli.”
3Athe ukuphendula amadoda amakhulu aseJabheshe: “Khawusiphe iintsuku zibe sixhenxe, sikhe sithumele izigidimi kulo lonke elakwaSirayeli kuqala. Ukuba akakho osihlangulayo, sozincama sinikezele.”
4Ezo zigidimi zaya kugaleleka eGibheya kuloSawule. Zathi zakuziphalaza ezo ndaba, basitsho abantu isikhalo. 5Wayesafika evela emasimini neenkabi zakhe uSawule. “Kwenzeke ntoni ebantwini? Sisijwili sani esi basenzayo?” NguSawule obuzayo. Abantu bamxelela ezo ndaba zazize nezigidimi zaseJabheshe.
6Akuyiva loo nto uSawule wafikelwa nguMoya kaThixo ngamandla, wabila ngumsindo. 7Wathatha iinkabi zambini, wazihlahla zayimibengo, wathi izigidimi maziyise kulo lonke elakwaSirayeli, zihambe ziyala abantu zisithi: “Umntu ongayiyo emfazweni kunye noSawule noSamweli iinkabi zakhe zoba yimibengo.”
AmaSirayeli onganyelwa kukuhlonela uNdikhoyo, aphuma onke, akwasala nempunde le. 8USawule wawaqokelela eBhezeki. Yayingamakhulu mathathu amawaka amadoda avela kwaSirayeli, namashumi mathathu amawaka amadoda avela kwaJuda.
9Izigidimi ezivela eJabheshe kwathiwa mazigoduke nomyalezo othi: “Ze niwaxelele amawenu nithi: ‘Ngomso oku, ngemini emaqanda, nobe nihlangulwe.’ ” Bavuya kakhulu wakufika loo myalezo abantu baseJabheshe. 10Bathumela kuma-Amon, bathi: “Siyanikezela ngomso, yaye ningenza unothanda ngathi.”
11Kwangentseni ngengomso uSawule wawenza amabutho amathathu umkhosi wakhe. Wasuka indulumbane ukuphuma kwekhwezi, wawahlasela ama-Amon. Kuthe kwakuba yimini emaqanda baba sebewaxhaxhile. Aba ziintsali amadoda asindileyo, iyileyo izihambela yodwa.
12Emva koko amadoda aya kuSamweli, afika athi: “Aphi laa madoda ayesithi: ‘Singaphathwa nguSawule na thina?’ Wakhuphe, siwacime igama!”
13“Akuyi kubulawa mntu namhlanje, kuba olu lusuku uNdikhoyo ahlangule ngalo uSirayeli,” watsho uSawule.
14USamweli yena uvakele esithi: “Yizani, makuyiwe eGiligali, sizinzise ubukumkani bukaSawule.” 15Kwayiwa ke, baza apho, ngaphambi kukaNdikhoyo, bazinzisa ubukumkani bukaSawule. Kwenziwa amadini obudlelwane apho, uSawule namaSirayeli ephela bebhiyozela eso siganeko.

Currently Selected:

1 KASAMWELI 11: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy