UZEKARIYA 6
6
Umbono weenqwelo namahashe
1Ndabuya ndawaphakamisa amehlo am, ndakhangela, nanzo iinqwelo zokulwa ziné, ziphuma phakathi kweentaba zombini; iintaba ke iziintaba zobhedu. 2Enqwelweni yokuqala ibingamahashe abomvu; enqwelweni yesibini ibingamahashe amnyama; 3enqwelweni yesithathu ibingamahashe amhlophe; enqwelweni yesiné ibingamahashe aziingwevu ezibomvu.
4Ndaphendula ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Ziyintoni na ezi zinto, nkosi yam? 5Saphendula ke isithunywa, sathi kum, Le yimimoya eminé esezulwini, ephuma yakuba ibizimisile ngakwiNkosi yehlabathi lonke. 6Le inamahashe amnyama iphuma isiya ezweni langasentla; amhlophe aphumé elandela wona; aziingwevu ezibomvu aphumé esiya ezweni langasezantsi; 7abomvu àphuma, efuna ukulihambahamba ihlabathi. Sathi, Hambani, nilihambahambe ihlabathi. Alihambahamba ke ihlabathi. 8Sadanduluka kum, sathetha kum, sathi, Yabona, la aphuma aya ezweni langasentla, awuzolise umoya wam ezweni langasentla.
UYoshuwa umbingeleli uza kuthweswa isithsaba
9Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 10Thabatha kwabasekuthinjweni, abazé khona bevela eBhabheli, kooHeledayi, nakooTobhiya, nakooYedaya, uye wena ngaloo mini endlwini kaYosiya unyana kaZefaniya; 11uthabathe isilivere negolide, wenze izithsaba, ubeke entloko kuYoshuwa unyana kaYotsadaki, umbingeleli omkhulu. 12Uze uthethe kuye uthi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Nantso indoda enguHlumelo, igama layo; iya kuhluma endaweni yayo, iyakhe itempile kaYehova. 13Iya kuyakha ke yona itempile kaYehova, ithweswe uzuko, ihlale ilawule etroneni yayo, ibe ngumbingeleli etroneni yayo, icebo loxolo libe phakathi kwabo bobabini. 14Izithsaba zoba kooHelem, nakooTobhiya, nakooYedaya, zibe sisikhumbuzo sobubele bonyana kaZefaniya, etempileni kaYehova. 15Baya kuza abakude bakhe etempileni kaYehova; názi ukuba uYehova wemikhosi undithumele kuni; kuya kwenzeka ke, ukuba nithe naliphulaphula ngenyameko ilizwi likaYehova uThixo wenu.
Currently Selected:
UZEKARIYA 6: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.