YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEROMA 7

7
Ukuzekelisa ngomtshato
1Anazi na, bazalwana (kuba ndithetha kwabawaziyo umthetho), ukuba umthetho umphatha ngobukhosi umntu ngexesha lonke adla ubomi ngalo? 2Kuba umfazi owendileyo, ubotshiwe ngumthetho kwindoda yakhe, lo gama idla ubomi; ukuba ke ithe yafa indoda, ukhululekile kuwo umthetho ombophe endodeni. 3Ngoko ke, ukuba úthe waba kuyimbi indoda, yakubon' ukuba indoda yakhe isadla ubomi, kothiwa ngumkrexezikazi. Ke ukuba ithe yafa indoda yakhe, woba ukhululekile kuwo umthetho, ukuba angabi mkrexezikazi, ethe waba kuyimbi indoda.
4Ngoko ke, bazalwana bam, nani n'abulawa nafa kuwo umthetho ngawo umzimba kaKristu, ukuba nibe kuwumbi, kulowo ke wavuswa kwabafileyo, ukuze sixakathe isiqhamo kuThixo thina. 5Kuba oko besikwinyama, ukuthabatheka zizono, okube kuxhokonxwa ngawo umthetho, kwakusebenza emalungwini ethu ekuxakatha isiqhamo esisa ekufeni. 6Ke ngoku sikhululwe thina kuwo umthetho, safayo nje kwesasibanjwe kuko, ngokokude sikhonze sinobutsha bomoya, singakhonzi sinobudala bomthetho obhaliweyo.
Umthetho nesono
7Síthini na ke? Umthetho usisono na? Nakanye! Ke ngendingasazanga isono, ukuba bekungengamthetho; kuba nenkanuko ngendingayazanga, ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi, Uze ungakhanuki. 8Isono ke sizuze ithuba ngawo umthetho, sasebenza ngaphakathi kwam yonke inkanuko; kuba, kungekho mthetho, isono sifile. 9Mna ke bendifudula ndiphilile, ungekho umthetho; uthe ke wakufika umthetho, sabuya saphila isono, 10ndafa ke mna; waza umthetho obumiselwe ubomi, wafumaneka kum inguwona usingisa ekufeni. 11Kuba isono sithe, sizuzé ithuba ngawo umthetho, sandilukuhla, saza ngawo sandibulala. 12Ngoko ke umyalelo okunene ungcwele; nomthetho ungcwele, unobulungisa, ulungile.
13Oko ke kulungileyo kwaba kukufa na ke kum? Nakanye! Saye sisisono; ukuze sibonakale sisisono, sisebenza ukufa kum ngoko kulungileyo; ukuze isono ngawo umthetho sibe sisono ngokuncamisileyo.
Imvelo yomntu embaxa
14Kuba siyazi ukuba umthetho ungowomoya; ke mna ndingowenyama; kuthengiswe ngam, ndaba phantsi kwesono. 15Kuba oko ndikwenzayo andikwazi mna; kuba endikuthandayo, oko andikwenzi; endikuthiyayo, oko ndiyakwenza; 16ukuba ke endingakuthandiyo ndenza khona oko, ndivumelana nomthetho ukuba mhle. 17Ngoko ke ayisendim osebenza oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam.
18Kuba ndiyazi ukuba ngaphakathi kwam, oko kukuthi enyameni yam, akumi okulungileyo; kuba ukuthanda kukhó ukubakho oku kum; ke kona ukukusebenza okuhle andikufumani. 19Kuba okulungileyo endikuthandayo, andikwenzi; khona okubi, endingakuthandiyo, oko ndiyakwenza. 20Ukuba ke endingakuthandiyo mna, ndenza khona oko, ayisendim okusebenzayo oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam.
21Ndifumana ngoko lo mthetho kum, ukuba kuthi, ndífuna ukukwenza okuhle, kusuke kubekho okubi kum. 22Kuba ndikholene nomthetho kaThixo ngokomntu ongaphakathi; 23kodwa ndibona mthetho wumbi, emalungwini am, usilwa nomthetho wengqiqo yam, undithimbela emthethweni wesono, lowo usemalungwini am. 24Athi ke mna, mntu uludwayi! Azi, ngubani na oya kundihlangula kuló mzimba woku kufa? 25Ndiyabulela kuThixo ngoYesu Kristu, iNkosi yethu. Ngoko ke mna ngokwam ngayo ingqiqo okunene ndikhonza umthetho kaThixo; kodwa ngayo inyama ndikhonza umthetho wesono.

Currently Selected:

KWABASEROMA 7: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in