YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEROMA 1

1
Umbuliso
1UPawulos, umkhonzi kaYesu Kristu, umpostile• owabizwayo, wahlulelwa ukuvakalisa iindaba ezilungileyo zikaThixo, 2awazidingayo ngenxa engaphambili ngabo abaprofeti bakhe ezibhalweni ezingcwele, 3ebhekisele kuNyana wakhe, owazalwa engowembewu kaDavide ngokwenyama, 4owamiswayo ukuba unguNyana kaThixo, enamandla, ngokomoya wobungcwele, ngokuvuka kwabafileyo, uYesu Kristu ke, iNkosi yethu; 5esathi ngaye samkela ubabalo nobupostile, ukuze ngenxa yegama lakhe kubekho ukulululamela ukholo phakathi kwazo zonke iintlanga; 6eniphakathi kwazo nani, babiziweyo bakaYesu Kristu: 7ubhalela bonke abaseRoma, abaziintanda zikaThixo, abangcwele ababiziweyo, esithi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Kristu.
Ulangazelelo lukaPawulos lokuya eRoma
8Kuqala ke, ndiyabulela kuThixo wam ngoYesu Kristu ngenxa yenu nonke, kuba ukholo lwenu luxelwa ehlabathini liphela. 9Kuba ulingqina lam uThixo, endimkhonzayo ngomoya wam kwiindaba ezilungileyo zoNyana wakhe, okokuba andiyeki ukunikhankanya; 10ndihlala ndikhunga emithandazweni yam, ukuba ndingáde ngoku ndibe nempumelelo, ndize kuni nangakuphi, ngako ukuthanda kukaThixo. 11Kuba ndilangazelela ukunibona, ukuze ndinabele sibabalo sithile sisesomoya, ukuze nizimaseke; 12oko ke kukuze ndivuseleleke nam phakathi kwenu, ngalo ukholo olukuthi sobabini, ngolwenu kwanangolwam.
13Andithandi ke ukuba ningàzi, bazalwana, ukuba kúfuthi ndizimisela entliziyweni yam ukuza kuni (ndathintelwa kwada kwanamhla), ukuze ndibe nasiqhamo sithile naphakathi kwenu, kwanjengaphakathi kwezinye iintlanga. 14KumaGrike kwanakumabharbhari,• kwizilumko kwanakwabaswele ukuqonda, ndimelwe kukushumayela. 15Ngokunjalo okukokwam ndingxamele ukuzishumayela iindaba ezilungileyo nakuni baseRoma.
Inkcazo yeendaba ezilungileyo
16Kuba andinazintloni ngazo iindaba ezilungileyo zikaKristu; kuba zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umYuda kuqala, kwanomGrike. 17Kuba ngazo kutyhilwa ubulungisa bukaThixo, buphuma elukholweni buse elukholweni, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Olilungisa ke uya kudla ubomi ngokokholo.
(UHabh. 2:4)
Ubungendawo beentlanga
18Kuba ityhilekile ingqumbo kaThixo ivela emazulwini, ichase konke ukungahloneli Thixo, nentswela-bulungisa yabantu, abayithintelayo inyaniso ngokuswela ukulungisa. 19Ngokokuba oko kwazekayo ngoThixo kuyabonakala ngaphakathi kwabo; kuba uThixo wakubonakalalisa kubo. 20Kuba kwasekudalweni kwehlabathi, iindawo zakhe ezibe zingenakubonwa zibonwa kakuhle, ziqondeke, ngezinto ezenziweyo, kwaamandla akhe angunaphakade, nobuThixo bakhe, ukuze bangabi nakuziphendulela.
21Ngokokuba bathe, bemazi uThixo, àbamzukisa ngokoThixo, àbabulela kuye; basuka bazizinto ezingento ezicamangweni zabo, yaza intliziyo yabo engenakuqonda yenziwa yamnyama; 22bathi besiba bazizilumko, besuka baba ziziyatha; 23baza ubuqaqawuli bukaThixo ongenakonakala babananisela intsobi yomfanekiselo womntu onokonakala, noweentaka, nowezinto ezizitho ziné, nowezinambuzane.
24Kungoko athe, besezinkanukweni zeentliziyo zabo, uThixo wabanikela nokubanikela ekungcoleni, ukuba bahlazisane ngemizimba yabo; 25bona bananiséle ubuxoki inyaniso kaThixo, basihlonela basikhonza isidalwa, begqitha kuMdali, ongowokubongwa kuse kuwo amaphakade. Amen.
26Ngenxa yoko, uThixo wabanikela ekuthabathekeni okulihlazo; kuba namankazana abo umsebenzi wasemvelweni awananisela okunxamnye nemvelo; 27kwaza kwangokunjalo ke namadoda, ewushiya umsebenzi wenkazana wasemvelweni, avutha ngokukhanukana kwawo, amadoda esenza kumadoda okuziintloni, ezamkelela umbuyekezo wokulahleka kwawo, abemelwe ke nguwo.
28Njengokuba ke bekúmangele ukuhlala bemazi kakuhle uThixo, uThixo wabanikela engqiqweni engacikidekileyo, ukuba benze izinto ezingafanelekileyo; 29bezele yiyo yonke intswelabulungisa, okungendawo, ukubawa, ulunya; bezele ngumona, kukubulala, ziinkani, yinkohliso, bubumenemene; 30ábasebezi, ábahlebi, abathiyekileyo kuThixo, abasileyo, abanekratshi, abaqhankqalazi, abacebi bezinto ezimbi, abangàbevayo abazali, 31abangenakuqonda, abaphuli beminqophiso, abangenabubele, abangenatarhu, abangenanceba; 32bona bathi, besazi kakuhle isimiselo sikaThixo, sokuba abo bazenzayo izinto ezinjalo bafanelwe kukufa, banganeli kukuzenza, basuka bathakazelele nabò bazenzayo.

Currently Selected:

KWABASEROMA 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in